Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukuze Ukuze Ube NjengoYesu, Yiba ngumntu. . .

Ukuze Ukuze Ube NjengoYesu, Yiba ngumntu. . .

ONOBUBELE

Kuba uYesu wayefezekile, wayengenazo iingxaki abantu abanazo. Kodwa wayebakhathalele. Wayesoloko efuna ukubanceda, abenzele nezinto ezinokubonakala ngathi azidingeki. Wayebanceda abanye kuba enobubele. Cinga ngemizekelo ekwiSahluko 32, 37, 57, 99.

ONGENEKAYO

Bonke abantu, noba bangakanani ngeminyaka, babeziva ngathi banokuya kuYesu kuba wayengekho ngathi usoloko exakekile okanye ubalulekile kunabanye. Abantu babekhululeka xa bekunye naye, kuba babebona ukuba unomdla kubo. Ukuze uyibone le nto, funda iSahluko 25, 27, 95.

OTHANDAZAYO

UYesu wayethandaza qho kuTata wakhe, xa eyedwa naxa ekunye nabakhonzi bokwenene. Wayengathandazi xa eza kutya qha, kodwa wayethandaza amaxesha amaninzi. Wayethandaza ukuze abulele uTata wakhe, amdumise, aze acele amncedise xa eza kwenza izigqibo ezibalulekileyo. Khawucinge ngemizekelo ekwiSahluko 24, 34, 91, 122, 123.

ONGAZICINGELI YEDWA

Ngamanye amaxesha uYesu wayekudinga ukuphumla, kodwa wayezibek’ ecaleni izinto ezidingwa nguye ukuze ancede abanye. Wayengasoloko ecingela isiqu sakhe. Nakule into, usibonise umzekelo esimele siwulinganise. Jonga indlela obonakala ngayo lo mzekelo kwiSahluko 19, 41, 52.

OXOLELAYO

UYesu wayengafundisi nje ukuba kufuneka abantu baxolele, kodwa naye wayeyibonisa loo nto kubafundi bakhe nakwabanye abantu. Cinga ngemizekelo ekwiSahluko 26, 40, 64, 85, 131.

OKHUTHELEYO

Kwachazwa kwakudala ukuba amaYuda amaninzi ayengazokufuna ukumamkela uMesiya nokuba iintshaba zakhe zaziza kumbulala. Ngenxa yaloo nto uYesu wayesenokungabancedi kangako abantu. Kodwa wazimisela, ebonisa abantu indlela uThixo amele akhonzwe ngayo. Kufuneka bakhuthale njengaye bonke abalandeli bakhe abatshutshiswayo. Jonga iSahluko 16, 72, 103.

OTHOBEKILEYO

Abantu abanesono babengaphantsi kunoYesu ngento yonke, njengolwazi nobulumko. Kuba wayengenasono wayekwazi ukwenza izinto ezininzi abangenakukwazi ukuzenza abanye abantu. Kodwa wayezithoba aze abancede. Uza kuyibona imizekelo yale nto kwiSahluko 10, 62, 66, 94, 116.

ONOMONDE

UYesu wayesoloko ebonisa ukuba unomonde kubapostile bakhe nakwabanye abantu xa bengawulinganisi umzekelo wakhe okanye bengayenzi into abaxelele yona. Wayemane eziphinda izinto ekufuneka ebafundise zona ukuze bakwazi ukusondela kuYehova. Cinga ngemizekelo yokubonisa kukaYesu umonde ekwiSahluko 74, 98, 118, 135.