Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 ISIHLOMELO

Ngubani UMikayeli Isiphatha-zingelosi?

Ngubani UMikayeli Isiphatha-zingelosi?

ISIDALWA somoya esibizwa ngokuba nguMikayeli asikhankanywa kaninzi eBhayibhileni. Kodwa, xa sikhankanywa, sisoloko sinento esiyenzayo. Kwincwadi kaDaniyeli uMikayeli ulwa neengelosi ezingendawo; kwincwadi kaYude ubangisana noSathana; yaye kwiSityhilelo ulwa imfazwe kunye noMtyholi needemon zakhe. Ngokukhusela kwakhe ubukhosi bukaYehova nangokulwa kwakhe neentshaba zikaThixo, uMikayeli wenza ngokuvisisana nentsingiselo yegama lakhe ethi—“Ngubani onjengoThixo?” Kodwa ngubani uMikayeli?

Maxa wambi, umntu uba namagama amaninzi. Ngokomzekelo, usolusapho uYakobi wayekwabizwa ngokuba nguSirayeli, yaye umpostile uPetros wayekwabizwa ngokuba nguSimon. (Genesis 49:1, 2; Mateyu 10:2) Ngokufanayo, iBhayibhile ibonisa ukuba uMikayeli lelinye igama likaYesu Kristu, ngaphambi nasemva kokuba ephile emhlabeni. Makhe sihlolisise izizathu ezingokweZibhalo zokuba sifikelele kweso sigqibo.

Isiphatha-zingelosi. ILizwi likaThixo lithetha ngoMikayeli “isiphatha-zingelosi.” (Yude 9) Eli gama lithetha “ingelosi eyintloko.” Igama elithi “isiphatha-zingelosi” livela likwisinye kuphela eBhayibhileni, kungekhona kwisininzi. Oku kubonisa ukuba inye kuphela ingelosi elolo hlobo. Ngaphezu koko, indima ephunyezwa sisiphatha-zingelosi isoloko inokuthanani noYesu. Ngokomzekelo, xa ithetha ngeNkosi uYesu Kristu ovusiweyo, eyoku-1 kwabaseTesalonika 4:16 ithi: “INkosi ngokwayo iya kuhla ivela ezulwini, idanduluke ngezwi lesiphatha-zingelosi.”  Ngoko ilizwi likaYesu lichazwa njengelizwi lesiphatha-zingelosi. Lilonke esi sibhalo sibonisa ukuba uYesu unguMikayeli isiphatha-zingelosi.

UMphathi-mkhosi. IBhayibhile ithi “uMikayeli neengelosi zakhe balwa idabi nenamba . . . neengelosi zayo.” (ISityhilelo 12:7) Ngoko, uMikayeli nguMphathi womkhosi weengelosi ezithembekileyo. Kwakhona iSityhilelo sichaza uYesu njengoMphathi womkhosi weengelosi ezithembekileyo. (ISityhilelo 19:14-16) Yaye umpostile uPawulos ukhankanya ngokukhethekileyo ‘iNkosi uYesu neengelosi zayo ezinamandla.’ (2 Tesalonika 1:7) Ngoko iBhayibhile ithetha ngoMikayeli “neengelosi zakhe” nangoYesu ‘neengelosi zakhe.’ (Mateyu 13:41; 16:27; 24:31; 1 Petros 3:22) Ekubeni kungekho apho iLizwi likaThixo likhankanya khona ukuba kukho imikhosi emibini yeengelosi ezithembekileyo ezulwini—umkhosi okhokelwa nguMikayeli nomkhosi okhokelwa nguYesu—ngoko kusengqiqweni ukugqiba ngokuthi uMikayeli nguYesu Kristu ekwisigxina sakhe sasezulwini. *

^ isiqe. 1 Inkcazelo engakumbi ebonisa ukuba igama elithi Mikayeli libhekisela kuNyana kaThixo ifumaneka kuMqulu 2, iphepha 393-4, leInsight on the Scriptures, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.