Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 6

Liyintoni Ithemba Ngabafi?

Liyintoni Ithemba Ngabafi?

1. Ziyintoni iindaba ezilungileyo ngabafi?

Xa uYesu wafika eBhethani kufutshane neYerusalem, umhlobo wakhe uLazaro wayesele eneentsuku ezine efile. UYesu waya engcwabeni lakhe ekunye noMarta noMariya, oodade boLazaro. Kungekudala, isihlwele sahlanganisana apho. Ungayithelekelela indlela abavuya ngayo uMarta noMariya xa uYesu wavusa uLazaro?—Funda uYohane 11:21-24, 38-44.

UMarta wayesele ezazi iindaba ezilungileyo ngabafi. Wafunda kwiLizwi likaThixo ukuba uYehova uya kubavusa abafileyo baze baphinde baphile emhlabeni kwakhona.​—Funda uYobhi 14:14, 15.

2. Iyintoni imeko yabafi?

UThixo wathi kuAdam: “Ngokuba uluthuli, uya kubuyela kwaseluthulini.”—GENESIS 3:19.

Abantu badalwe ngothuli. (Genesis 2:7; 3:19) Asingomoya ophila kumzimba wenyama. Sizizidalwa zenyama, ngoko akukho nxalenye yethu ingafiyo. Xa sisifa, nengqondo yethu iyafa, ngoko ziyatshitsha iingcinga zethu. Ngoko uLazaro akazange athethe ngento eyayisenzeka ngoxa wayefile, kuba abafileyo abazi nto.​—Funda iNdumiso 146:4; INtshumayeli 9:5, 6, 10.

Ngaba uThixo uthuthumbisa abantu ngomlilo emva kokufa? Ekubeni iBhayibhile ibonisa ukuba abafileyo abazi nto, imfundiso yesihogo somlilo ibubuxoki okubangela ukuba abantu basole uThixo ngento angayenzanga. Imfundiso yokuthuthumbisa abantu ngomlilo iyamcaphukisa.—Funda uYeremiya 7:31.

Bukela ividiyo ethi Kwenzeka Ntoni Xa Umntu Eswelekile?

3. Ngaba sinokuthetha nabafi?

Abafileyo abanakuthetha yaye abeva. (INdumiso 115:17) Kodwa ezinye iingelosi ezingendawo zinokuzenza abantu abafileyo zize zithethe nabantu. (2 Petros 2:4) UYehova ubathiyile abantu abazama ukuthetha nabafi.—Funda iDuteronomi 18:10, 11.

4. Ngoobani abaza kuvuswa?

Izigidi zabantu abasemangcwabeni ziya kuvuselwa emhlabeni. Kwanabo bangakhange bamazi uThixo nabenza izinto ezimbi baza kuvuswa.​—Funda uLuka 23:43; IZenzo 24:15.

Abo bavusiweyo baya kufunda inyaniso ngoThixo baze babe nokholo kuYesu ngokumthobela. (ISityhilelo 20:11-13) Abo bavusiweyo baze benze izinto ezilungileyo baya kunandipha ubomi ngonaphakade emhlabeni.—Funda uYohane 5:28, 29.

5. Uvuko lusixelela ntoni ngoYehova?

UThixo wasinika ithemba ngabafileyo ngokuthumela unyana wakhe ukuba aze kusifela. Ngoko uvuko lusixelela ngothando nobubele obungasifanelanga bukaYehova. Xa abafileyo bevuselwa ebomini, ngubani ongathanda ukumbona ngokukhethekileyo?​—Funda uYohane 3:16; Roma 6:23.