Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | UKONWABELA UMSEBENZI WAKHO

Ukusebenza Nzima—Ngaba Kuphelelwe Lixesha?

Ukusebenza Nzima—Ngaba Kuphelelwe Lixesha?

UAlex uyancwina njengoko eqabelisa enye ibhokisi elorini yenkampani ayisebenzelayo ethutha iimpahla. Uyazibuza, ‘Kutheni ndibopheleleke kulo msebenzi ungazi kundisa ndawo? Ndiya kuze ndiphumelele nini? Ubomi bam ngebungcono kakhulu ukuba bendinganyanzelekanga ukuba ndisebenze!’

NjengoAlex abantu abaninzi abakuthandi ukusebenza nzima. UAaron ongumkhandi weemoto uthi, “Abantu abaninzi bakujongela phantsi ukwenza ‘umsebenzi ofunisa amandla.’ Bade bathi: ‘Xa kuvela isithuba esingcono, ndiza kuwuyeka lo msebenzi.’”

Kutheni abaninzi becinga ukuba akubafanelanga ukusebenza nzima? Mhlawumbi baqhathwa ngamajelo onxibelelwano, apho kudla ngokuthiwa obona bomi “bumnandi” bobobunewunewu nobokungasebenzi nzima. UMatthew olungisa izinto ezonakeleyo uthi: “Abantu bacinga ukuba xa umsebenzi wakho ufunisa amandla loo nto ithetha ukuba ukude lee empumelelweni.” UShane ococa izakhiwo uqaphele into efanayo. Uthi: “Ukusebenzela umvuzo wemini yonke yinto engasenziwayo kwaphela ngabantu.”

Kwelinye icala, abantu abaphumeleleyo bayakuthanda ukusebenza nzima. UDaniel oneminyaka eyi-25 ongumakhi uthi: “Ndicinga ukuba umsebenzi onzima unomvuzo, ingakumbi xa unosukelo olubalulekileyo kubomi bakho.” UAndre oneminyaka eyi-23 naye uthi: “Ndikholelwa ukuba ukonwaba kunento yokwenza nokusebenza. Ukuba livila akunakwenza wonwabe ixesha elide—kuphela kungenza ukruquke ixesha elide!”

Benze njani abantu abanje ngoDaniel noAndre ukuze babe nembono entle ngomsebenzi onzima? Inyaniso kukuba baye basebenzisa imigaqo yeBhayibhile ebomini babo. Kunokugxeka umsebenzi onzima, iBhayibhile ikhuthaza ukuba sikhuthale. Kodwa iBhayibhile yenza okungakumbi kunokuthi masisebenze. Isinceda sibone nendlela yokuwonwabela umsebenzi wethu.

Yiyiphi imigaqo yeBhayibhile engakunceda waneliseke emsebenzini? Kwinqaku elilandelayo kuza kuxutyushwa eminye yaloo migaqo.