Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Sifanele Sithandaze KuYesu?

Ngaba Sifanele Sithandaze KuYesu?

OMNYE umphandi kutsha nje wenze uhlolisiso kubantu abasebatsha abangaphezu kwe-800, abavela kwiicawa ezahlukahlukeneyo, ebabuza ukuba bayakholelwa na ukuba uYesu uyayiphendula imithandazo. Abayi-60 pesenti kubo bathe bayakholelwa ukuba uyayiphendula. Noko ke, omnye kolu lutsha walikhupha igama elithi Yesu wafaka elithi, “Thixo” endaweni yalo.

Ucinga ntoni wena? Ngaba sifanele sithandaze kuYesu okanye kuThixo? * Ukuze sifumane impendulo, masijonge indlela uYesu awabafundisa ukuba bathandaze ngayo abafundi bakhe.

UYESU WASIFUNDISA UKUBA SITHANDAZE KUBANI?

UYesu wasifundisa waza wasibonisa ukuba sifanele sithandaze kubani.

Ngokuthandaza kuYise osemazulwini, uYesu wamisela umzekelo esimele siwuxelise

IMFUNDISO YAKHE: Xa omnye wabafundi bakaYesu wathi, “Nkosi, sifundise ukuthandaza,” waphendula wathi: “Xa sukuba nithandaza, yithini, ‘Bawo.’” (Luka 11:1, 2) Ngaphezu koko, kwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, uYesu wabongoza abaphulaphuli bakhe ukuba bathandaze. Wathi: ‘Thandazani kuYihlo.’ Wabaqinisekisa ngokuthi: “UYihlo uyakwazi enikusweleyo ningekamceli.” (Mateyu 6:6, 8) Ngobusuku bakhe bokugqibela emhlabeni, uYesu wathi kubafundi bakhe: “Ukuba nicela nantoni na kuBawo uya kuninika yona egameni lam.” (Yohane 16:23) Ngoko ke, uYesu wasifundisa ukuba sithandaze kuYise wakhe nowethu, uYehova uThixo.—Yohane 20:17.

UMZEKELO WAKHE: Ngokuvisisana nemfundiso yakhe ngendlela abanye abamele bathandaze ngayo, uYesu wathandaza wathi: “Ndikudumisa esidlangalaleni, Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba.” (Luka 10:21) Ngesinye isihlandlo, “uYesu wawaphakamisela ezulwini amehlo akhe waza wathi: ‘Bawo, ndiyakubulela ngokuba uye wandiva.’” (Yohane 11:41) Njengoko wayesifa, uYesu wathandaza wathi: “Bawo, ndiwuyekela ezandleni zakho umoya wam.” (Luka 23:46) Ngokuthandaza kuYise wasemazulwini—‘iNkosi yezulu nomhlaba’—uYesu wasimisela umzekelo ocacileyo esifanele siwuxelise. (Mateyu 11:25; 26:41, 42; 1 Yohane 2:6) Ngaba abafundi bakaYesu bokuqala babekuqonda ngolu hlobo oku?

AYETHANDAZA KUBANI AMAKRISTU OKUQALA?

Kwiiveki ezimbalwa emva kokuba uYesu ebuyele ezulwini, abafundi bakhe babetshutshiswa yaye begrogriswa ngabachasi babo. (IZenzo 4:18) Bathandazela uncedo—kodwa babethandaza kubani? “Baphakamisa amazwi abo kuThixo ngamxhelo mnye,” bethandazela ukuba aqhubeke ebanceda “ngegama lomkhonzi [wakhe] ongcwele uYesu.” (IZenzo 4:24, 30) Ngoko ke, abalandeli bakhe baxelisa umzekelo kaYesu wokuthandaza. Bathandaza kuThixo, kungekhona uYesu.

Kwiminyaka kamva, umpostile uPawulos wacacisa indlela yena nabo wayekunye nabo ababethandaza ngayo. Ebhalela amanye amaKristu, wathi: “Sisoloko simbulela uThixo uYise weNkosi yethu uYesu Kristu xa sinithandazela.” (Kolose 1:3) Waphinda wabhala wathi ‘wayesoloko ebulela ngazo zonke izinto kuye uThixo noBawo wethu egameni leNkosi yethu uYesu Kristu.’ (Efese 5:20) Kula mazwi, siyabona ukuba uPawulos ‘wayesoloko’ ethandaza ‘kuThixo noBawo wakhe ngazo zonke izinto’—kodwa ke, egameni likaYesu.—Kolose 3:17.

NjengamaKristu okuqala, sinokubonisa uthando esinalo ngoYesu ngokwenza oko wakuthethayo ngomthandazo. (Yohane 14:15) Njengoko sithandaza kuBawo wethu osemazulwini kuphela, amazwi akwiNdumiso 116:1, 2 athi, “ndiyathanda, ngenxa yokuba uYehova uyaliva Ilizwi lam . . . ndiya kubiza yonke imihla yam,” aya kuba nentsingiselo engakumbi kuthi. *

^ isiqe. 3 Ngokutsho kweZibhalo, uThixo noYesu abalingani. Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda isahluko 4 sencwadi ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

^ isiqe. 11 Ukuze imithandazo yethu yamkeleke kuThixo, kufuneka sizimisele ukuphila ngokwemilinganiselo yakhe. Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda isahluko 17 sencwadi ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?