Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 UKUNCOKOLA NOMMELWANE

Ngaba UThixo Akabi Buhlungu Bububi Obusehlelayo?

Ngaba UThixo Akabi Buhlungu Bububi Obusehlelayo?

Le yincoko ekuqhelekileyo ukuba iNgqina likaYehova libe nayo ­nommelwane. Masithi iNgqina elinguSiziwe lindwendwele ­inkosikazi enguNozipho.

UYIYEKA NJANI INTO ENJE YENZEKE?

Siziwe: Namhlanje sincokola nabantu kule ngingqi yenu ngeli phecana. Umxholo walo uthi Ngaba Ungathanda Ukwazi Eyona Nyaniso? Bamba ke nali elakho.

Nozipho: Lithetha ngonqulo?

Siziwe: Ewe. Khawujonge kule mibuzo mithandathu ilapha ngaphandle. Ngowuphi kule mibuzo

Nozipho: Yim’ apho kanye. Uchitha nje ixesha lakho ukuba uza kuncokola nam.

Siziwe: Kutheni usitsho?

Nozipho: Kwenz’ ukuba andiqondi ukuba ndiyakholelwa kuThixo.

Siziwe: Enkosi ngokundichazela loo nto. Ndicela ukukubuza, Ngaba ubusoloko ucinga ngolo hlobo?

Nozipho: Hayi, kaloku ndikhule ndihamba icawa. Kodwa ke ndayeka kudala ukuya.

Siziwe: Ooh. Andikazichazi negama. NdinguSiziwe.

Nozipho: Mna ke ndinguNozipho.

Siziwe: Ndiyakuvuyela ukukwazi.

Nozipho: Nam ndiyavuya.

Siziwe: Andizanga zokukuhlohla ngeenkolelo zam. Kodwa ke ndiyabawela ukwazi. Ngaba ikhona into ekubangela ungaqiniseki ukuba uThixo ukho?

Nozipho: Ewe. Umama wam wafumana ingozi yemoto kwiminyaka eli-17 edlulileyo.

Siziwe: Owu zambi ezo ndaba. Zange onzakale?

Nozipho: Wonzakala ibe wakhubazeka ukususela ngoko.

Siziwe: Ibuhlungu le nto uyibalisayo. Inokuba nawe iyakukhathaza.

Nozipho: Kunjalo. Ndisoloko ndizibuza ukuba xa kanti uThixo ekho, uyiyeka njani into enje yenzeke? Kutheni esiyekele kule ntlungu?

NGABA UYONA XA UBUZA?

Siziwe: Indlela ovakalelwa ngayo nemibuzo onayo iyavakala. Xa sisentlungwini sisoloko sizibuza imibuzo. Uyazi namadoda namabhinqa athembekileyo awayephila ngexesha lokubhalwa kweBhayibhile, nawo ayekhe ayibuze imibuzo!

Nozipho: Nyhani?

Siziwe: Ewe. Ndingakubonisa umzekelo apha eBhayibhileni?

Nozipho: Ndingakuvuyela oko.

Siziwe: Masive ngoHabhakuki umprofeti owayethembekile kuThixo ngoko wakubuzayo, masifunde kuHabhakuki isahluko 1 ivesi 2 neyesi-3: “Kuya kude kube nini na Yehova, ndikhalela uncedo, ungeva? Kuya kude kube nini na ndicela ukuba undincede kugonyamelo, ungandisindisi? Kutheni undenza ndibone okwenzakalisayo, uze uqhubeke ujonga inkathazo?” Ngaba le mibuzo ayifani nale ubuyibuza?

Nozipho: Ewe iyafana.

Siziwe: UThixo akazange amkhalimele uHabhakuki ngokubuza kwakhe le mibuzo kwaye akazange athi uswele ukholo.

Nozipho: Kubangela umdla.

UYEHOVA AKAKUTHANDI UKUBANDEZELEKA

Siziwe: IBhayibhile ifundisa ukuba uThixo uyazibona iintlungu ezisehlelayo yaye usikhathalele.

Nozipho: Uthetha ukuthini ngoku?

Siziwe: Makhe sibone umzekelo apha kwiEksodus 3:7. Ungasifundela yona?

 Nozipho: Akukho ngxaki. Ithi: “Wongezelela uYehova wathi: ‘Ngokungathandabuzekiyo ndiyibonile inkxwaleko yabantu bam abaseYiputa, yaye ndisivile isikhalo sabo ngenxa yabo babaqweqwedisayo emsebenzini; kuba ndiyazi kakuhle intlungu yabo.’”

Siziwe: Enkosi. Esi sibhalo asitsho na ukuba uThixo uyakubona ukubandezeleka?

Nozipho: Ewe sitsho njalo.

Siziwe: Ibe uyibona yonke into eqhubekayo. Khawuphinde ujonge ngasekupheleni kwale vesi. UThixo wathi: “Ndiyazi kakuhle intlungu yabo.” Ngaba loo mazwi ngawoThixo ongakhathaliyo?

Nozipho: Hayi akunjalo.

Siziwe: Ukubona into ethile isenzeka, akufani nokukhathazeka ngenxa yayo.

Nozipho: Unyanisile.

Siziwe: Ucinga ngaloo nto, masiphinde sifunde ngabantu bakaThixo ababesentlungwini. Oko siza kufunda kuIsaya 63:9. Ekuqaleni le vesi ithi: “Ebudeni bokubandezeleka kwabo konke wabandezeleka.Unokutsho ke ukuba uThixo wayesiva buhlungu ngenxa yokukhathazeka kwabantu bakhe?

Nozipho: Ewe, kubonakala njalo.

Siziwe: Inyaniso yeyokuba, uThixo usikhathalele kakhulu, ibe akathandi xa ebona sikhathazekile. Xa sisiba buhlungu, naye uba buhlungu.

ULINDE NTONI UTHIXO?

Siziwe: Ngaphambi kokuba ndihambe ndicela ukukufundela umbhalo wokugqibela.

Nozipho: Kulungile.

Siziwe: Masibone oko iBhayibhile isixelela kona ngamandla kaThixo. Ndicela usifundele uYeremiya 10:12.

Nozipho: Uthi ke: “Yena nguMenzi womhlaba ngamandla akhe, Lowo umisela ngokuqinileyo ilizwe elinemveliso ngobulumko, naLowo wolula amazulu ngokuqonda kwakhe.”

Siziwe: Enkosi. Makhe sithethe ngale vesi. Ngaba uThixo kwakufuneka abe namandla amakhulu okudala yonke into?

Nozipho: Ewe kaloku.

Siziwe: Ngoko, ukuba uThixo unamandla okudala yonke le nto siyibonayo, asinakulindela ukuba abe kanti uyakwazi ukuyilawula?

Nozipho: Ewe.

Siziwe: Khawucinge ngomama wakho. Kutheni ikukhathaza into yokumbona esezintlungwini?

Nozipho: Kaloku ndiyamthanda ngumama.

Siziwe: Ukuba ubunamandla okumphilisa, ubuza kumnceda andithi?

Nozipho: Ngokuqinisekileyo.

Siziwe: Cinga ngoko ikuthethayo. IBhayibhile ifundisa ukuba uThixo uyakubona ukubandezeleka kwethu, kuyamkhathaza kwaye unamandla amakhulu. Ungayithelekelela indlela ekumele ukuba uzibambe ngayo uThixo ukuba angakuphelisi kamsinya ukubandezeleka kwethu?

Nozipho: Ndiyaqala ukuyibona ngale ndlela namhlanje.

Siziwe: Akungebi mhlawumbi unezizathu ezivakalayo zokuba abe kanti akakaziphelisi iintlungu zethu? *

Nozipho: Hmm, kumele ukuba unazo nyhani.

Siziwe: Yho! Nefowni yakho iyakhala, mandikushiye sisi ndosuka ndibuye ngelinye ixesha size sincokole ngakumbi.

Nozipho: Enkosi wethu, uncede ubuye. *

Ngaba ikhona into eBhayibhileni engakucacelanga? Ngaba awufuni ukwazi oko amaNgqina ­kaYehova akukholelwayo? Ukuba kunjalo, nceda ubuze neliphi na iNgqina likaYehova. ­Lingakuvuyela ­ukuncokola nawe.

^ isiqe. 64 Inqaku elilandelayo liza kuthetha ngesizathu sokuba uThixo evumele ukubandezeleka.