Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba UThixo Wayekhohlakele Xa Wayegweba Abantu Mandulo?

Ngaba UThixo Wayekhohlakele Xa Wayegweba Abantu Mandulo?

UKUZE siphendule lo mbuzo, makhe sithethe ngemigwebo emibini echazwe eBhayibhileni—uMkhukula womhla kaNowa nokutshatyalaliswa kwamaKanan.

UMKHUKULA WOMHLA KANOWA

OKO KUDLA NGOKUTHETHWA NGABANTU: “Yayiyinkohlakalo le yenziwa nguThixo xa watshabalalisa bonke abantu, waza washiya uNowa nentsapho yakhe kuphela.”

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE: UThixo wathi: “Andiyoliswa kukufa kongendawo, kodwa kukuba ongendawo abuye endleleni yakhe aze okunene ahlale ephila.” (Hezekile 33:11) Ngoko uThixo akazange avuye xa ebona abantu betshabalala ngomhla kaNowa. Xa kunjalo, kwakutheni ukuze abatshabalalise?

IBhayibhile ithi xa uThixo wayegweba abantu abangendawo, ‘wayemisela abantu abangenabuthixo umzekelo wezinto eziza kuza.’ (2 Petros 2:5, 6) Nguwuphi lo mzekelo wayewumisela uThixo?

Okokuqala, uThixo wabonisa ukuba nangona kuba buhlungu xa etshabalalisa, uyababona abantu abakhohlakeleyo abakhathaza abanye yaye uza kubagweba. Ngexesha lakhe, uza kuziphelisa zonke izinto ezibuhlungu.

Okwesibini, indlela uThixo awazenza ngayo izinto ibonisa ukuba uqala abalumkise abantu ngaphambi kokuba agwebe. UNowa wayengumshumayeli wobulungisa, kodwa ke abantu abaninzi abazange bamphulaphule. IBhayibhile ithi: “Abazange banikele ngqalelo de wafika umkhukula waza wabatshayela bonke.”—Mateyu 24:39.

Ngaba uThixo usenza njalo nangoku? Ewe. Ngokomzekelo, walumkisa amaSirayeli ukuba xa esenza izinto ezenyanyekayo ezazisenziwa ziintlanga ezazikufutshane nawo, uYehova wayeza kuvumela iintshaba zawo ukuba ziwahlasele; zitshabalalise iYerusalem zize ziwase ekuthinjweni. AmaSirayeli enza izinto ezenyanyekayo—de abingelela nangabantwana. Ngaba uYehova wasonga izandla? Hayi, kodwa ke waqala wathumela abaprofeti ukuba balumkise abantu bakhe ukuze batshintshe iindlela zabo. Wade wathi: “INkosi enguMongami uYehova ayiyi kwenza nto ngaphandle kokuba iwutyhilile umcimbi wayo oyimfihlo kubakhonzi bayo abaprofeti.”—Amosi 3:7.

 UNGENA PHI WENA: Indlela uYehova awagweba ngayo ngaphambili isenza sibe nethemba. Sinokuqiniseka ukuba uThixo uza kubagweba abo baphatha abanye ngenkohlakalo. IBhayibhile ithi: “Kuba abenzi bobubi baya kunqunyulwa . . . Kodwa abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.” (INdumiso 37:9-11) Ngaba ubunokuthi yinkohlakalo umgwebo owenzelwe ukususa intlungu emhlabeni? Okanye ngaba akuvumi ukuba uqhutywa yinceba?

UKUTSHATYALALISWA KWAMAKANAN

OKO KUTHETHWA NGABANTU: “Ukutshatyalaliswa kwamaKanan kwakuyinkohlakalo eyogqitha nditsho nokutshatyalaliswa kweentlanga esiye sakubona namhlanje.”

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE: “Zonke iindlela zakhe [uThixo] zisesikweni. NguThixo wentembeko, tu ubugqwetha.” (Duteronomi 32:4) Umgwebo kaThixo awunakufaniswa nemfazwe eliwa ngabantu. Ngoba? Ngokungafaniyo nabantu, uThixo uyakwazi ukufunda iintliziyo okanye loo nto bayiyo abantu ngaphakathi.

Ngokomzekelo, xa uThixo wagqiba kwelokuba atshabalalise isixeko saseSodom naseGomora, uAbraham wafuna ukuqiniseka ukuba uThixo uza kwenza ubulungisa. Wayengayicingi nokuyicinga eyokuba uThixo ‘unokutshayela ilungisa kunye nongendawo.’ Noko ke, uThixo wamqinisekisa ukuba wayengayi kuzitshabalalisa ezo zixeko ukuba wayenokufumana amalungisa alishumi kuzo. (Genesis 18:20-33) Kuyacaca ukuba uThixo wahlola iintliziyo zabo bantu waza wayibona indlela ababebabi ngayo.—1 Kronike 28:9.

Ngokufanayo, uThixo wayibona indlela awayengcole ngayo amaKanan waza wathi mawatshatyalaliswe. AmaKanan ayedume ngenkohlakalo eyayiquka ukutshisa abantwana bephila. * (2 Kumkani 16:3) AmaKanan ayesazi kakuhle ukuba uYehova wayalela amaSirayeli ukuba awuthathe umhlaba wawo. Wona akazange avume ukuwushiya loo mhlaba, ayendelela kungekuphela nje amaSirayeli kodwa uYehova uqobo lwakhe, owayebonise ubungqina obuninzi bokuba uyawaxhasa amaSirayeli.

Ngaphezu koko, uYehova wawenzela inceba amaKanan awaguqukayo aza amthobela. Ngokomzekelo, uRahabhi owayengunongogo womKanan wasinda kunye nentsapho yakhe. Kwakhona, xa abemi besixeko iGibheyon esasikwaKanan bacela ukwenzelwa inceba, bona kunye nabantwana babo abazange babulawe.—Yoshuwa 6:25; 9:3, 24-26.

KUTHENI UMELE UBE NOMDLA: Kukho isifundo esibalulekileyo esinokusifunda kwindlela awagwetywa ngayo amaKanan. Ayifikanga igalelekile “imini yomgwebo neyentshabalalo yabantu abangenabuthixo.” (2 Petros 3:7) Ukuba siyamthanda uYehova, siya konwaba xa ephelisa iingxaki zoluntu ngokutshabalalisa abo bangafuniyo ukulawulwa nguye.

AmaKanan ayesaziwa ngenkohlakalo, ibe adelela uThixo nabantu bakhe

UYehova usifundisa ukuba izinto ezenziwa ngabazali ziyalichaphazela ikamva labantwana babo. ILizwi likaThixo lithi: “Nyula ke ubomi ukuze uphile, wena nenzala yakho, ngokuthi umthande uYehova uThixo wakho, uliphulaphule ilizwi lakhe, unamathele kuye.” (Duteronomi 30:19, 20) Ngaba lawo ngamazwi oThixo okhohlakeleyo okanye ngawoThixo obathandayo abantu nofuna benze izinto ezilungileyo?

^ isiqe. 15 Abembi bezinto zakudala baye bafumana ubungqina bokuba amaKanan ayetshisa iintsana xa enqula oothixo bawo.