Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukuvuswa KukaYesu Kukuvulele Ithuba Lokuphila Ngonaphakade!

Ukuvuswa KukaYesu Kukuvulele Ithuba Lokuphila Ngonaphakade!

UKUVUSWA kukaYesu akulobali nje elingenamsebenzi. Umpostile uPawulos wachaza ukubaluleka kwako xa wathi: “Noko ke, uKristu uvusiwe kwabafileyo, intlahlela kwabalele ekufeni. Ekubeni ukufa kungomntu, nokuvuka ekufeni kukwangomntu. Kuba kanye njengoko kuAdam bonke besifa, ngokunjalo nakuKristu bonke baya kwenziwa baphile.”—1 Korinte 15:20-22.

UYesu wavuswa ngoNisan 16, 33 C.E. Ngolo suku, amaYuda ayedla ngokunikela ngentlahlela yezivuno zawo kuYehova uThixo kwingcwele yetempile yaseYerusalem. Ngokubiza uYesu ngokuba yintlahlela, uPawulos wayebonisa ukuba kwakukho nabanye abantu ababeza kuvuswa.

Amazwi awathethwa nguPawulos emva koko acacisa oko kwafezwa kukuvuswa kukaYesu. UPawulos wathi: “Ekubeni ukufa kungomntu, nokuvuka ekufeni kukwangomntu.” Ekubeni uAdam wasosulela ngesono nokungafezeki, sonke siyafa. Noko ke, ngokunikela ngobomi bakhe obufezekileyo ukuze bube yintlawulelo, uYesu wasivulela indlela yokukhululwa kubukhoboka besono nokufa ngokuvuswa kwakhe. UPawulos wayishwankathela le nto ngala mazwi akweyabaseRoma 6:23: “Umvuzo isono esiwuhlawulayo kukufa, kodwa isipho uThixo asinikayo bubomi obungunaphakade ngoKristu Yesu iNkosi yethu.”

UYesu wayichaza indlela okusinceda ngayo ukufa nokuvuswa kwakhe. Ethetha ngaye, wathi: ‘UNyana womntu umele aphakanyiswe, ukuze wonk’ ubani okholwayo kuye abe nobomi obungunaphakade. Kuba uThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.’—Yohane 3:14-16.

Khawufan’ ucinge nje—ubomi obungunaphakade kungekho ntlungu nasizi! (ISityhilelo 21:3, 4) Sikulinde ngamehl’ abomvu ukuphila apho! Omnye umphengululi wathi: “Ndiyavuma, amangcwaba akukhumbuza ngendlela obubufutshane ngayo ubomi, kodwa uvuko lona lusisiqinisekiso sendlela okuza kuphela ngokukhawuleza ngayo ukufa.” Ngokucacileyo, ukuvuswa kukaYesu kusivulele ithuba lokuphila ngonaphakade!