Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Amandla ELizwi LikaThixo Kwintsapho YamaHindu

Amandla ELizwi LikaThixo Kwintsapho YamaHindu

A NDINAKUYILIBALA intsasa yomhla wama-22 kuAgasti 2005 xa sasisitya isidlo sakusasa nentsapho yakowethu. Ubomi bam babuphakathi kwenyama nozipho kuba ndandinethumba ebuchotsheni. Umyeni wam uKhrish wathandaza ndaza emva koko ndathetha nentsapho.

Ndathi: “Ndiyokwenza utyando oluntsonkothileyo esibhedlele, ndicela nilungele nantoni. Xa kunokwenzeka ndibhubhe sele ndiwenzile amalungiselelo omngcwabo. Abo bakhonza uYehova kuni mabaqhubeke ningabisajonga ngemva. Nina ningekenzi njalo, ndiyanibongoza ukuba nivume ukufundiswa iBhayibhile nize niye ezintlanganisweni zamaKristu. Ngaloo ndlela niya kukwazi ukuba kwihlabathi elitsha apho abakhonzi bakaThixo baya kuba sempilweni egqibeleleyo kumhlaba oyiParadesi.”

Ngaphambi kokuba ndikuchazele imiphumo yotyando lwam, makhe ndithi gqaba gqaba ngemvelaphi yam, nangendlela endiye ndamazi ngayo uThixo oyinyaniso.

Ukukhulela Kunqulo LobuHindu

Ndisingathwe ngumama

Intsapho yakowethu yayihlala kwindlu enkulu ayayenziwe ngamaplanga nentsimbi, kwisixeko esigudle unxweme saseThekwini eMzantsi Afrika. Ukuze sikwazi ukungena kumnyango ongaphambili kwakufuneka sinyuke izinyuko ezili 125 ukusuka endleleni. Ezo zinyuko zazisikhokelela kwindledlana enamathyolo eya ngakwisango lentsimbi. Kwelinye icala lesango kwakukho itempile kamakhulu eyayinemifanekiso yoothixo bamaHindu. Umakhulu ebeye andixelele ukuba “ndingumntwana wetempile” kuba ndabakho ngenxa yoothixo esibanqulayo. Phambi kwale tempile kwakukho izinyuko eziphakamileyo ezibomvu ezazisiya kumnyango ongaphambili. Indlu yayinkulu inepaseji ende, nekhitshi elikhulu elinesitovu samalahle, amagumbi okulala asixhenxe nelinye igumbi lokulala elingaphandle. Kule ndlu kwakuhlala abantu abangama-27 umakhulu notatomkhulu, utata, abaninawa bakhe abathathu namakhosikazi abo kunye nodadewabo omncinane.

Ekhaya

Kwakungelula ukunyamekela intsapho enkulu ngolo hlobo. Kodwa ukuhlala kwethu ngomanyano kwasenza saba neenkumbulo ezininzi ezimyoli. Oomolokazana abane abaquka umama wam uGargee Devi, babencedisana ekwenzeni imisebenzi yekhaya. Babetshintshana ngokucoca nangokupheka. Utatomkhulu wayeyintloko yentsapho kwaye nguye owayesithengela ukutya. Qho ngooLwezithathu utatomkhulu nomakhulu babesiya emarikeni bayokuthenga inyama, iziqhamo, kunye nemifuno esiza kuyitya kulo veki. Sasidla ngokuhlala emthunzini phantsi komthi wepayina, ngakudonga lomlambo elalingasentla kwentlambo sibalinde apho bade babuye. Ukuba babona nje kwethu besihla ebhasini yayiba nguwashiywa-nowashiywa ukwehla izinyuko siyokubaphathisa impahla.

Ngakwizinyuko ezili-125

Egadini sasinomthi wesundu apho iintaka zazithanda ukwakhela khona iindlwana zazo. Sasidla ngokuzibukela zimana zibhabha zisenza loo ntsholo imnandi. Umakhulu wayedla ngokuhlala kwizinyuko ezisemnyango  ongaphambili aze asibalisele amabali ngokungathi wayetolika loo ntsholo yazo. Zininzi iinkumbulo ezimyoli endinazo ngentsapho yakowethu! Sasihleka kunye, sikhala, sidlala, sisabelana ngezinto—kwakumnandi siyintsapho enkulu. Okubaluleke nangakumbi kukuba kulapha apho saqala khona ukufunda ngoMdali wethu uYehova nonyana wakhe uYesu Kristu.

Ngaphambi kokuba simazi uYehova, ekubeni singamaHindu sasinamasiko esasiwenza yonke imihla. Sasiba nemibhiyozo apho sasimema iindwendwe zethu ukuba nazo zize zizokunqula oothixo noothixokazi bethu. Kweminye yaloo misitho, umakhulu wayeba ngathi usephupheni aze anxibelelane nemimoya kuze pha kanye ezinzulwini zobusuku kwenziwe amadini ezilwanyana kubingelelwe kuyo. Yena utatomkhulu wayedume ngokunikela ukuze kwakhiwe izikolo neetempile zama Hindu.

Indlela Esiyifumene Ngayo Inyaniso NgoYehova

Ngo-1972, utatomkhulu wagula waza wabhubha. Emva kweenyanga ezithile umam’omncinci wam uIndervathey, okwabizwa ngokuba nguJane, wafumana uVukani! neMboniselo kumaNgqina kaYehova amabini. Yamkhathaza into yokuba engazange awangenise endlini ukuze baxubushe kunye. Kaloku sasisoloko siwagxotha amaNgqina. Kodwa kwityeli lesibini umanci wawangenisa endlini waza wawancokolela ngeengxaki zakhe zomtshato ezazibangelwa kukunxila komyeni wakhe. Abamelwane nezalamane zazimcebisa ukuba aqhawule umtshato. Wona amaNgqina amchazela imbono kaThixo ngomtshato. (Mateyu 19:6). Umanci walivuyela elo cebiso lisuka eBhayibhileni elinesithembiso sobomi obungcono obuzayo apha emhlabeni. * Isigqibo sokuba uyamshiya utanci, wasitshintsha waza wafunda iBhayibhile namaNgqina. Njengokuba babefundela egumbini lokuhlala, abanye oomolokazana babephulaphula ngoxa besemagumbini abo.

Ekugqibeleni bonke oomolokazana bafunda iBhayibhile. Umanci uJane wayesele ngoku exelela abanye ngoko akufundayo kwaye nathi esifundela amabali kwincwadi ethi Funda Kumfundisi Omkhulu. * Bathi bakukufumanisa oko ootanci baqalisa uqhushululu. Omnye wabo wada watshisa zonke iincwadi kuquka neBhayibhile. Babesingcikiva ngamazwi abuhlungu bade basibethe xa siye ezintlanganisweni zamaNgqina. Ngutata kuphela owayengenjalo, akazange asithintele ukuba sifunde ngoYehova. Oomanci bam bobane baqhubeka besiya ezintlanganisweni kwaye nothando lwabo ngoYehova uThixo lwaye lukhula ngakumbi.

Ngo-1974, umanci uJane wabhaptizwa njengeNgqina likaYehova, kungekudala umama nabanye oomanci balandela. Ekuhambeni kwexesha, umakhulu naye wohlukana nobuHindu. Kangangeminyaka ndaqhubeka ndisiya ezintlanganisweni. Kwenye indibano enkulu yamaNgqina kaYehova ndadibana noShameela  Rampersad, waza wandibuza ukuba “uza kubhaptizwa nini?” Ndamphendula ndathi, “Andinakukwazi ngoba akukho mntu ndifunda naye iBhayibhile.” Wathi uza kundifundela. Kwindibano eyalandelayo, ngoDisemba 16, 1977 ndabhaptizwa. Ekugqibeleni kwintsapho enamalungu angama-27 kwaphetha kubhaptizwa ali 18. Kodwa xa ndandiza kutyandwa utata wam uSonny Deva wayesengumHindu.

“Musani Ukuxhalela Nantoni Na”

Amazwi akweyabaseFilipi 4:6, 7 andinceda gqitha, ingakumbi xa kwafunyanwa ithumba ebuchotsheni. Ezo vesi zithi: “Musani ukuxhalela nantoni na, kodwa ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo; yaye uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo ngoKristu Yesu.” Kunzima “ukungaxhaleli nantoni na,” ingakumbi xa ujinga phezu komlomo wengcwaba. Ekuqaleni, ndasuka ndakhala ndaza ndathandaza kuYehova. Ukususela ngoko ndaba “noxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda.”

UYehova wandibamba ngesandla, ngokungathi kunjalo, ndamva endikhokela. (Isaya 41:13) Wandinceda ndakwazi ukuzicacisa ngesibindi izizathu zokuba ndingavumi ukutofelwa igazi, ngokuphuma eBhayibhileni. (Zenzo 15:28, 29) Umphumo, ngowokuba oogqirha bavuma ukundityanda ngaphandle kwegazi. Emva kotyando ugqirha wandixelela ukuba utyando lube yimpumelelo kwaye ngoku nethumba balisuse ngokupheleleyo. Wongeza wathi akazange asibone isigulana esichacha ngokukhawuleza kangaka emva kotyando, natyando, olwengqondo.

Emva kweeveki ezintathu ndaqhuba isifundo seBhayibhile okokuqala ndisebhedini. Ekupheleni kweeveki ezisixhenxe ndakwazi ukuqhuba imoto kwakhona, ndashumayela yaye ndaqal’ apho ndandiyeke khona ukuya kwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova. Ndaluxabisa uncedo lwabazalwana noodade abangamaKristu endandisebenza nabo kumsebenzi wokushumayela. Babeqinisekisa ukuba andibi ndedwa kwaye ndifika ndikhuselekile ekhaya. Ndiyakholelwa ukuba ukuphulaphula iBhayibhile erekhodiweyo kwabanegalelo ekuchacheni kwam ngokukhawuleza.

Ndavuya gqitha kuba emva kokuba ndenze utyando, utata wavuma ukufunda iBhayibhile namaNgqina. Wabhaptizwa eneminyaka engama-73 ubudala, kwaye ngoku ukhonza uYehova ngenzondelelo. Ngoku zingaphezu kwama-40 izalamane zam ezikhonza uYehova ngokumanyeneyo. Nangona ndingaboni kakuhle ngeliso lasekhohlo yaye ndinecangci entloko ndijonge phambili kwixesha apho uYehova eyakwenza ‘zonke izinto ntsha’ kumhlaba oyiParadesi ezayo.—ISithyilelo 21:3-5.

Ndikunye nomyeni wam (ekhohlo), intombi yam, nabazali bam

Ndisikelelwe ngokuba nomyeni onothando, okhonza njengomveleli ongumKristu, nentombi yethu entle uClerista, endixhasayo ukuze ndiqhubeke nomsebenzi wokushumayela. UYehova uThixo undisikelele ngokuyintabalala kumsebenzi wokushumayela. Ukuza kuthi ga ngoku, ndiye ndanceda izifundo zam zeBhayibhile zabona amandla elizwi likaThixo ephucula ubomi bazo. Zingaphezu kwama-30 eziye zazahlulela kuThixo zaza zabhaptizwa.

Ngentliziyo ezaliswe lithemba ndikhangele phambili kwixesha laxa uYehova uThixo eza kusikhulula kule nkqubo yezinto ineentlungu aze asikhokelele kwiParadesi esemhlabeni.

^ isiqe. 12 Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngenjongo kaThixo ngomhlaba, funda isahluko 3 sencwadi ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa yiBhayibhile? ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.

^ isiqe. 13 Epapashwe ngamaNgqina kaYehova kodwa ayisashicilelwa.