Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 Imibuzo Yabafundi. . .

Ngaba Ufanele Ukholelwe KuBathathu Emnye Ukuze Ube NgumKristu?

Ngaba Ufanele Ukholelwe KuBathathu Emnye Ukuze Ube NgumKristu?

Incwadi yamabanga aphakamileyo ekuthiwa yiWorld Religions in Denmark eyapapashwa ngowama-2007, ithi amaNgqina kaYehova liqaqobana lamaKristu elibambelela kwiBhayibhile ngokungqongqo. Eneneni, amaNgqina kaYehova alihlelo lobuKristu lesithathu ngobukhulu eDenmark.

Noko ke, ubhishopu weDanish National Church wamgxeka kakhulu umbhali waloo ncwadi ngokuquka kwakhe amaNgqina kuyo. Kwakutheni? Lo bhishopu wathi: “Andizange ndikhe ndidibane nomntu wezakwalizwi ogqala amaNgqina kaYehova njengamaKristu. Ayamkhanyela uBathathu Emnye ongundoqo wonqulo lwamaKristu.”

UAnnika Hvithamar, ingcaphephe yezonqulo eyabhala loo ncwadi, wathi xa abantu bebuzwa ukuba kutheni bengamaKristu, abakhe baphendule bathi kungenxa yokuba bekholelwa ukuba uThixo uneziqu ezithathu. Ukongezelela koko, icandelo elithile lale ncwadi elithi “Ngaba UngumKristu?” lithi: “Imfundiso kaBathathu Emnye yenye yeentsumatsumane zemfundiso yobuKristu.” Longezelela lisithi: “Bekusoloko kunzima ukuchazela amaKristu angafundanga isizathu sokuba uThixo wamaKristu oneziqu ezithathu enguthixo omnye kungekhona abathathu.”

“Imfundiso kaBathathu Emnye yenye yeentsumatsumane zemfundiso yobuKristu”

Into efundiswa yiBhayibhile ngoThixo noYesu icacile kwaye ilula. Akunzimanga ukuyiqonda. Igama elithi “uBathathu Emnye” okanye imfundiso enjalo ayifumaneki eLizwini likaThixo. IBhayibhile itsho ngokucacileyo ukuba uYesu Kristu nguNyana kaThixo wamazibulo. (Kolose 1:15) Kwakhona ithi uYesu ‘ngumlamli phakathi koThixo nabantu.’ (1 Timoti 2:5) IBhayibhile ithi ngoBawo: “Wena, ogama linguYehova, nguwe wedwa Oyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke.”INdumiso 83:18.

AmaNgqina kaYehova akholelwa ukuba kubalulekile ukukholwa kuYesu. (Yohane 3:16) Ngenxa yesi sizathu, awuthabatha nzulu umyalelo kaYesu othi: “Kuba kubhaliwe kwathiwa, ‘NguYehova uThixo wakho omele umnqule, yaye nguye yedwa omele unikele inkonzo engcwele kuye.’” (Mateyu 4:10) Ngokuqinisekileyo, unako ukumbiza ngokuba ngumKristu umntu ozabalazela ukuthobela imithetho kaKristu.