Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Ongenamava Ukholwa Ngamazwi Onke”

“Ongenamava Ukholwa Ngamazwi Onke”

“Sisiyatha umntu ongalifundiyo iphephandaba; kodwa esona siyatha ngumntu okholelwa izinto azifundayo kuba nje zibhalwe kwiphephandaba.” —UAugust von Schlözer, umbhali-mbali nombhali waseJamani (1735-1809).

KWIMINYAKA engaphezu kwe-200 eyadlulayo, abantu babengayikholelwa yonke into ekumaphephandaba. Nathi namhlanje, asinakukholelwa yonke into esiyibona nesiyifunda kwi-intanethi. Ininzi inkcazelo ekwi-intanethi, ibe iteknoloji yenze kwalula ukuba siyifumane. Uninzi lwayo yinyaniso, iluncedo yaye ayinabungozi kodwa eninzi bubuxoki, ayincedi nganto yaye iyingozi. Yiloo nto kubalulekile ukuba sizikhethe izinto esizifundayo. Xa abanye beqala ukusebenzisa i-intanethi basenokucinga ukuba ingxelo yeendaba abayifundayo apho iyinyani kuba ikwi-intanethi okanye kuba umhlobo ebathumelele ngeimeyile. Basenokukholelwa ibali elithile naxa sele lingaqhelekanga. Kodwa iBhayibhile isilumkisa isithi: “Nabani na ongenamava ukholwa ngamazwi onke, kodwa onobuqili uyawaqwalasela amanyathelo akhe.”—IMizekeliso 14:15.

Endaweni yokuba sibe ngabantu abangenamava okanye abathatheka lula zizinto abazivayo, sifanele sibe nobuqili. Xa sinobuqili, silumkile yaye sikholelwa kuphela izinto esiqinisekileyo ukuba ziyinyani. Soze siqhatheke size sikholelwe ubuxoki obukwi-intanethi enoba busematheni kangakanani na. Yintoni enokukunceda ukuba ulumke? Zibuze: ‘Ngaba eli bali likwiwebhsayithi esemthethweni nethenjiweyo? Okanye mhlawumbi lisuka kwiwebhsayithi apho nabani na anokufaka uluvo lwakhe, okanye kumthombo ongaziwayo? Ngaba iwebhsayithi ethenjiweyo ibisele itshilo ukuba eli bali libubuxoki?’ * (Funda umbhalo osemazantsi.) Xa kunjalo ke, sebenzisa ingqondo. (IMizekeliso 7:7) Ukuba iindaba ezithile azikholeleki, kusenokwenzeka ukuba zibubuxoki. Naxa ufunda izinto ezimbi ngabanye, zibuze ukuba ngubani oza kuvuya xa zisasazwa ibe kutheni kukho umntu onokufuna zisasazwe.

NGABA USOLOKO UZIDLULISELA KWABANYE II-IMEYILE?

Abanye abantu basenokudlulisela iindaba kubo bonke abantu ababaziyo bengakhange bajonge ukuba ezo ndaba ziyinyani na okanye bacinge ngento enokwenzeka emva kokuba bezithumele. Kusenokwenzeka ukuba bakwenza oko kuba bethanda ukuhoywa okanye befuna ukuziphaka zishushu. (2 Samuweli 13:28-33) Kodwa umntu olumkileyo uye acinge ngomonakalo onokwenziwa yiloo nto. Ngokomzekelo, oko kunokungcolisa igama lomntu okanye elombutho othile.

Umntu osasaza iindaba usenokuzithumela zinjalo engakhange ajonge ukuba ziyinyani na kuba oko kuza kufuna ixesha nomgudu. Usenokusuka athi, abo abathumelelayo banokuzijongela ngokwabo. Kanti nelabo ixesha libalulekile. (Efese 5:15, 16) Ngoko ke kunokuba usasaze iindaba ongaqinisekanga ngazo, kungakuhle uthi, “Ukuba andiqinisekanga ngayo, mayiye emgqomeni!”

Zibuze ke: ‘Ngaba ndihlala ndizidlulisela kwabanye ii-imeyile? Ngaba kwakha kwafuneka ndixolise ebantwini ngenxa yokubathumelela inkcazelo engachananga okanye ebubuxoki? Ngaba ukhona umntu owakha wandicela ukuba ndiyeke ukumthumelela ii-imeyile?’ Khumbula kaloku, ukuba abahlobo bakho banazo ii-imeyile, nabo bangakwazi ukungena kwi-intanethi ibe abadingi kuncediswa nguwe ekukhangeleni izinto abazithandayo. Abayidingi inqwaba yee-imeyile enamabali ahlekisayo, iividiyo okanye imifanekiso. Kwakhona, ayibobulumko ukuthumela izinto ezirekhodiweyo okanye amanqaku eentetho zeBhayibhile. * (Funda umbhalo osemazantsi.) Yaye khumbula le nto, ukuba mntu ngamnye uzenzela olwakhe uphando, azijongele iivesi zeBhayibhile okanye azilungiselele ngokwakhe iintlanganiso, uya kuncedakala ngakumbi kunaxa umthumelela.

Ngaba ndimele ndiyidlulisele le imeyile komnye umntu?

Ufanele wenze ntoni xa kwi-intanethi kuxokwa ngentlangano kaYehova? Khawuleza uphume kuloo webhsayithi! Sukubukholelwa obo buxoki. Akunakuba bubulumko ukubalisela abanye ngoko ukufundileyo uze ufune nezimvo zabo kuba oko kungabusasaza nangakumbi obo buxoki. Ukuba uhlutshwa yinto obuyibone kwi-intanethi, cela ubulumko kuYehova uze uthethe nabazalwana abaqolileyo. (Yakobi 1:5, 6; Yude 22, 23) Asifanele sothuke xa abantu bexoka ngathi. Baxoka nangoYesu, yaye wabalumkisa abafundi bakhe ukuba iintshaba zabo zaziya kubatshutshisa zize ‘zithethe lonke uhlobo lwento engendawo zixoka’ ngabo. (Mateyu 5:11; 11:19; Yohane 10:19-21) Ngoko ke ukuba unobulumko yaye uyacingisisa, uza kukwazi ukumbona umntu oxokayo nozama ukuqhatha abanye.—IMizekeliso 2:10-16.

BAHLONELE ABANYE

Sifanele silumke nangokusasaza iindaba zabazalwana bethu okanye sibalisele abanye ngamava esiwavileyo. Akho amaxesha ekungenakuba kuhle okanye ibe bububele ukuba uthethe into, enoba iyinyani. (Mateyu 7:12) Ngokomzekelo, ayibobubele yaye ayontw’ intle ukudlulisa inkcazelo ebagxekayo abanye. (2 Tesalonika 3:11; 1 Timoti 5:13) Ibe ezinye indaba zisenokuba yimfihlo. Abantu bazo basenokufuna ukuzibalisa ngexesha labo okanye ngendlela yabo. Ngoko sifanele silihlonele ilungelo labo lokuzikhethela ukuba baza kuzithetha njani, nini. Xa sizithetha iindaba zabanye kuqala kunabo, singamosha intw’ eninzi.

Namhlanje, iindaba zinokunwenwa okomlilo wedobo enoba ziyinyani okanye zibubuxoki, ziluncedo okanye azinamsebenzi, ziyingozi okanye aziyongozi. Kwanaxa uwuthumelele kumntu omnye umyalezo, loo mntu usenokuwudlulisela nakwabanye ngokuqhwanyaza kweliso. Ngoko sixhathise isihendo sokukhawuleza uthumelele wonke umntu omaziyo iindaba. Nangona uthando “lukholelwa izinto zonke” yaye lungakrokri, asimele siqhatheke lula size sikholelwe kwabali limnandi esilivayo. (1 Korinte 13:7) Yaye asisoze sibukholelwe ubuxoki obuthethwa ngentlangano kaYehova nangabazalwana bethu esibathandayo. Khumbula ukuba abo basasaza ubuxoki benza kanye le nto ithandwa nguSathana uMtyholi, ‘uyise wobuxoki.’ (Yohane 8:44) Ngamana singalumka size ngalo lonke ixesha sicingisise kuqala ngento esiyenzayo ngenkcazelo esisoloko siyifumana mihla le. NeBhayibhile iyatsho ukuba, “Abangenamava ngokuqinisekileyo baya kufumana ilifa lobudenge, kodwa abanobuqili baya kuthwala ukwazi njengesigqubuthelo sentloko.”—IMizekeliso 14:18.

^ isiqe. 4 Iindaba zisenokumane zivela nangona bekuthiwe zibubuxoki. Zingamane zitshintshatshintshwa ukuze zivakale ziyinyani.

^ isiqe. 8 Jonga Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani, buka-Aprili 2010, “Ibhokisi Yemibuzo.”