Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“UYehova Uyabazi Abakhe”

“UYehova Uyabazi Abakhe”

“Ukuba nabani na uyamthanda uThixo, uyaziwa nguye.”—1 KOR. 8:3.

1. Chaza ingxelo yeBhayibhile ebonisa indlela abaye bazikhohlisa ngayo abanye babantu bakaThixo. (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

NGENYE intsasa, uMbingeleli Omkhulu uAron wema esangweni lomnquba kaYehova, ephethe isiphatho samalahle sokutshisa isiqhumiso. Kufuphi naye, uKora namadoda ayi-250 nabo babetshisa isiqhumiso kuYehova, ngamnye kubo enesakhe isiphatho samalahle. (Num. 16:16-18) Xa uqala ukuwajonga, wawungafunga uthi onke loo madoda angabakhonzi abathembekileyo bakaYehova. Noko ke, ngokwahlukileyo kuAron, abanye babengabavukeli abanekratshi ababezama ukumhlutha ububingeleli. (Num. 16:1-11) Babezikhohlisa ngelithi uThixo uya kulwamkela unqulo lwabo. Kodwa olo lindelo lwalusisithuko kuYehova, okwaziyo ukufunda intliziyo nowayelubona uhanahaniso lwabo.—Yer. 17:10.

2. Wathini uMoses? Ngaba azaliseka amazwi akhe?

2 Kusuku olungaphambi kolo, uMoses wayethe: “Kusasa uYehova uya kusazisa lowo ongowakhe.” (Num. 16:5) UYehova wenza kanye loo nto, wahlula phakathi kwabakhonzi bakhe bokwenene nabobuxoki xa “kwaphuma umlilo kuYehova, [wamdla uKora namadoda] angamakhulu amabini anamashumi mahlanu awayenikela isiqhumiso.” (Num. 16:35; 26:10)  Kwangelo xesha, uYehova wamsindisa uAron, ngaloo ndlela ebonisa ukuba ukhethe yena njengombingeleli nomnquli wokwenyaniso kaThixo.—Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 8:3.

3. (a) Kwavela yiphi imeko ngomhla kaPawulos? (b) UYehova wayemisele wuphi umzekelo wendlela yokuphatha abavukeli kumakhulu eminyaka ngaphambili?

3 Kwavela into efanayo nangomhla kaPawulos, emva kweminyaka emalunga neyi-1 500. Abo babezibiza ngokuba ngamaKristu bamkela iimfundiso zobuxoki, kodwa baqhubeka benxulumana nebandla. Kumntu obukeleyo, aba bawexuki babefana nabanye ebandleni. Kodwa ukuwexuka kwabo kwakuyingozi kumaKristu athembekileyo. Ezi ngcuka zizambathise uboya begusha zaqalisa ‘ukubhukuqa ukholo lwabathile.’ (2 Tim. 2:16-18) Noko ke, uYehova akangomntu nje obukelayo, ibe noPawulos umele ukuba wayekufundile oko kwindlela uThixo awohlwaya ngayo uKora nabaxhasi bakhe kumakhulu eminyaka ngaphambili. Ngokuphathelele oku, makhe siqwalasele ingxelo yeZibhalo ebangel’ umdla size sibone ukuba sinokufunda ntoni.

“NDINGUYEHOVA, ANDITSHINTSHANGA”

4. Wayeqiniseke ngantoni uPawulos, ibe walubonakalisa njani ulweyiseko lwakhe kuTimoti?

4 UPawulos wayeqinisekile ukuba uYehova wayenokubabona abahanahanisi, aze abazi nabathobekileyo kuye. Wabonisa ulweyiseko lwakhe kumagama awawakhethayo xa waphefumlelwa ukuba abhalele uTimoti. Emva kokubhekisela kwindlela abawexuki ababatyhefa ngayo abanye ebandleni, uPawulos wathi: “Noko ke, simi ngokuqinileyo isiseko sikaThixo, esitywinwe kwathiwa: ‘UYehova uyabazi abakhe,’ nokuthi: ‘Wonk’ ubani obiza igama likaYehova makalahle intswela-bulungisa.’”—2 Tim. 2:18, 19.

5, 6. Yintoni ebalaseleyo ngokukhankanya kukaPawulos ‘isisiseko sikaThixo esiqinileyo,’ ibe la mazwi amel’ ukuba amchaphazela njani uTimoti?

5 Yintoni ebalaseleyo ngamagama awakhethwa nguPawulos kwesi sibhalo? Esi kuphela kwesibhalo esithetha ‘ngesiseko sikaThixo esimi ngokuqinileyo’ eBhayibhileni. IBhayibhile isebenzisa igama elithi “isiseko” ukuze ibhekisele kwizinto ezininzi kuquka iYerusalem yokoqobo njengekomkhulu likaSirayeli wamandulo. (INdu. 87:1, 2) Nendima kaYesu kwinjongo kaYehova ifaniswa nesiseko. (1 Kor. 3:11; 1 Pet. 2:6) Wayecinga ngantoni uPawulos xa wabhala ‘ngesiseko sikaThixo esiqinileyo’?

6 UPawulos wakhankanya ‘isiseko sikaThixo esiqinileyo’ xa wayecaphula amazwi kaMoses aphathelele uKora nabaxhasi bakhe, akwiNumeri 16:5. UPawulos wabhekisela kwizinto ezenzeka ngomhla kaMoses ukuze akhuthaze aze akhumbuze uTimoti ukuba uYehova uyakwazi ukubona aze amelane nazo naziphi na izenzo zokuvukela. Injongo kaYehova yayingazukutshitshiswa ngabawexuki ebandleni, njengokuba ingazange itshitshiswe nanguKora kumakhulu eminyaka ngaphambili. UPawulos zange angene nzulu koko kumelwa ‘sisiseko sikaThixo esiqinileyo.’ Noko ke, amazwi awawasebenzisayo enza uTimoti wamthemba ngakumbi uYehova.

7. Kutheni sinokuqiniseka ukuba uYehova uya kwenza ngobulungisa nangokuthembeka?

7 Imigaqo ephakamileyo kaYehova ayigungqi. INdumiso 33:11 ithi: “Icebo likaYehova liya kuma kuse kwixesha elingenammiselo; iingcamango zentliziyo yakhe zisuka kwesinye isizukulwana ziye kwesinye.” Ezinye izibhalo zithetha ngolawulo lukaYehova, uthando lwakhe olunyanisekileyo, ubulungisa, nokuthembeka njengezihlala zihleli. (Eks. 15:18; INdu. 106:1; 112:9; 117:2) UMalaki  3:6 uthi: “NdinguYehova, anditshintshanga.” Ngokufanayo, uYakobi 1:17 ubonisa ukuba uYehova “akaguquguquki njengesithunzi.”

‘ITYWINA’ ELAKHA UKHOLO KUYEHOVA

8, 9. Sinokufunda ntoni ‘kwitywina’ awathetha ngalo uPawulos?

8 Amazwi kaPawulos akweyesi- 2 kuTimoti 2:19 athetha ngesiseko esinomyalezo, ngokungathi sigximfizwe ngetywina. Mandulo, kwakuyinto eqhelekileyo ukukrola isiseko sesakhiwo, mhlawumbi ukuze kuboniswe umakhi waso okanye umnini waso. UPawulos ngumbhali wokuqala weBhayibhile ukusebenzisa lo mzekeliso. * Itywina ‘elikwisiseko sikaThixo esiqinileyo’ lithetha izinto ezimbini. Okokuqala, “UYehova uyabazi abakhe” ibe okwesibini, “Wonk’ ubani obiza igama likaYehova makalahle intswela-bulungisa.” Oku kusikhumbuza ngoko besikufunde kwiNumeri 16:5.—Yifunde.

9 Sinokufunda ntoni ‘ngetywina’ kumazwi kaPawulos? Kwabo bangabakaThixo, imilinganiselo nemigaqo kaYehova inokushwankathelwa ngezi nyaniso zimbini: (1) UYehova uyabathanda abo banyanisekileyo kuye, ibe (2) uYehova uyithiyile intswela-bulungisa. Esi sifundo sidibana njani nowexuko ebandleni?

10. Izenzo zabawexuki zawachaphazela njani amaKristu athembekileyo ngomhla kaPawulos?

10 Kusenokwenzeka ukuba uTimoti namanye amaKristu athembekileyo bakhutyekiswa zizenzo zabawexuki ababephakathi kwabo. Amanye amaKristu asenokuba abuza ngesizathu sokuba abo bantu bayekwe bahlale ebandleni. Abanyanisekileyo mhlawumbi babezibuza enoba uYehova wayekwazi nyhani na ukwahlula phakathi kwabo babezimisele ukuhlala benyanisekile kuye nabawexuki abahanahanisayo.—IZe. 20:29, 30.

UTimoti wayengenakugungqiswa zizenzo zabo babeqalisa ukuwexuka (Funda isiqendu 10-12)

11, 12. Ileta kaPawulos yalomeleza njani ukholo lukaTimoti?

11 Ngokuqinisekileyo ileta kaPawulos yalomeleza ukholo lukaTimoti ngokumkhumbuza ngento eyenzekayo xa uAron othembekileyo wathethelelwa, waza uKora ohanahanisayo namaqabane akhe babhencwa baza batshatyalaliswa. Lilonke, uPawulos wayesithi nakuba kwakukho amaKristu obuxoki phakathi kwabo, uYehova wayeza kubahlula abakhe, njengoko wenzayo ngemihla kaMoses.

 12 UYehova akatshintshi; sinokuthembela kuye. Uyithiyile intswela-bulungisa, ibe ngexesha lakhe elifanelekileyo uyabaphendulisa aboni abangaguqukiyo. Ekubeni ‘wayebiza egameni likaYehova,’ uTimoti wakhunjuzwa ngembopheleleko yakhe yokuchasa impembelelo engalunganga yamaKristu obuxoki. *

UNQULO LOKWENENE ALULOLIZE

13. Yintoni esinokuqiniseka ngayo?

13 Nathi sinokungenelwa kumazwi aphefumlelweyo kaPawulos. Okokuqala nje, komeleza ukholo ukwazi ukuba uYehova uyakubona ukunyaniseka kwethu kuye. Akapheleli nje ekuboneni. Kunoko, uYehova unomdla kubantu bakhe. IBhayibhile ithi: “Amehlo akhe asingasinga emhlabeni wonke ukuba ababonise amandla abo bantliziyo ziphelele kuye.” (2 Kron. 16:9) Ngoko, sinokuqiniseka ukuba nantoni na esiyenzela uYehova ‘ngentliziyo ehlambulukileyo’ ayilolize.—1 Tim. 1:5; 1 Kor. 15:58.

14. Luluphi unqulo aluthiyileyo uYehova?

14 Kubalulekile nokwazi ukuba uYehova uluthiyile unqulo lokuhanahanisa. Ekubeni amehlo akhe ‘esingasinga emhlabeni wonke,’ uyababona abo baneentliziyo ‘ezingaphelelanga kuye.’ Incwadi yeMizekeliso 3:32 ithi “umntu otenxayo uyinto ecekisekayo kuYehova,” njengomntu ozenza othobelayo phambi kwabantu ngoxa esona emfihlekweni. Nakuba umntu ongendawo esenokubaqhatha abanye abantu okwexeshana, ubungangamsha nobulungisa bukaYehova buyaqinisekisa ukuba “okugubungelayo ukunxaxha kwakhe akayi kuphumelela.”—IMize. 28:13; funda eyoku-1 kuTimoti 5:24; amaHebhere 4:13.

15. Yintoni esimele siyiphephe, ibe ngoba?

15 Abaninzi kubantu bakaYehova bazinikele ngokunyanisekileyo. Ayifane yenzeke into yokuba kubekho umntu ebandleni owamkela unqulo lobuxoki ngabom. Nakuba kunjalo, ukuba oku kwenzeka ngomhla kaMoses nangexesha lamaKristu okuqala, kunokwenzeka nanamhlanje. (2 Tim. 3:1, 5) Noko ke, ngaba simele siwakrokrele amanye amaKristu esikhonza nawo, sithandabuze ukunyaniseka kwawo kuYehova? Hayi! Bekuya kuba yinto ephosakeleyo ukukrokrela abazalwana noodade wethu ngenxa yamarhe angenasihlahla. (Funda eyabaseRoma 14:10-12; eyoku-1 kwabaseKorinte 13:7.) Ukongezelela koko, ukusoloko singayithembi ingqibelelo yabanye ebandleni kunokuba yingozi kolwethu ukholo.

16. (a) Yintoni esinokuyenza ukuze silutshayele nya uhanahaniso ezintliziyweni zethu? (b) Sinokufunda ntoni kwibhokisi ethi “ Hlalani Nizivavanya . . . Hlalani Nizicikida . . .”?

16 MKristu ngamnye umele ‘angqine oko ukuko umsebenzi wakhe.’ (Gal. 6:4) Ekubeni sityekele esonweni, sinokungena lula engozini yokuba nemikhwa engalunganga. (Heb. 3:12, 13) Ngoko simele sihlale sizihlola iinjongo zethu zokukhonza uYehova. Sinokuzibuza: ‘Ngaba uYehova ndimkhonza kuba ndimthanda yaye ndilugqala ulongamo lwakhe? Okanye ngaba ndigxininisa kwiintsikelelo endikhangele phambili kuzo eParadesi?’ (ISityhi. 4:11) Ngokuqinisekileyo sinokungenelwa sonke xa sihlolisisa izinto esizenzayo size silutshayele nya uhanahaniso ezintliziyweni zethu.

UKUNYANISEKA OKUKHOKELELA KULONWABO

17, 18. Kutheni sifanele simkhonze ngokunyaniseka uYehova?

17 Njengoko sizabalazela ukunyaniseka kunqulo lwethu, sifumana iintsikelelo  ezininzi. Umdumisi wathi: “Unoyolo umntu uYehova angasibaleli kuye isiphoso, nekungekho nkohliso kumoya wakhe.” (INdu. 32:2) Abo balususa nya uhanahaniso ezintliziyweni zabo baba novuyo, ibe banethemba lokunandipha uvuyo olugqibeleleyo kwixa elizayo.

18 Ngexesha elifanelekileyo, uYehova uza kubabhenca bonke abo benza okubi nabaphila ubomi obumbaxa, ngaloo ndlela ewenza ucace “umahluko phakathi kwelungisa nongendawo, phakathi kwalowo ukhonza uThixo nalowo ungamkhonzanga.” (Mal. 3:18) Okwangoku kuyasomeleza ukwazi ukuba “amehlo kaYehova aphezu kwabo bangamalungisa, neendlebe zakhe zisingisele esikhungweni sabo.”—1 Pet. 3:12.

^ isiqe. 8 Incwadi yeSityhilelo 21:14, eyabhalwa kumashumi eminyaka emva kweeleta zikaPawulos kuTimoti, ikhankanya ‘amatye esiseko’ alishumi elinesibini ekukrolwe kuwo amagama abapostile abayi-12.

^ isiqe. 12 Inqaku elilandelayo liza kuthetha ngendlela esinokumxelisa ngayo uYehova ngokuthiya intswela-bulungisa.