Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iminyaka Eyi-100 Yolawulo LoBukumkani—Ikuchaphazela Njani?

Iminyaka Eyi-100 Yolawulo LoBukumkani—Ikuchaphazela Njani?

“Mikhulu kwaye iyamangalisa imisebenzi yakho, Yehova, Thixo . . . Kumkani kanaphakade.”—ISITYHI. 15:3.

1, 2. Yintoni eza kwenziwa buBukumkani bukaThixo, ibe kutheni sinokuqiniseka ukuba buza kufika ngokwenene?

NGENTWASAHLOBO yonyaka ka-31, kwintaba ekufuphi neKapernahum, uYesu Kristu wafundisa abalandeli bakhe ukuba bathandaze bathi: “Mabufike ubukumkani bakho.” (Mat. 6:10) Namhlanje, abantu abaninzi bayathandabuza ukuba buya kuze bufike obo Bukumkani. Noko ke, thina siqinisekile ukuba imithandazo yethu yokuba bufike uBukumkani iya kuphendulwa.

2 UYehova uza kusebenzisa obu Bukumkani ukuze kubekho umanyano phakathi kwentsapho yakhe esezulwini nesemhlabeni. Le njongo kaYehova iza kuzaliseka. (Isa. 55:10, 11) Enyanisweni, uYehova sele enguKumkani namhlanje! Oku sikubona kakuhle kwiziganeko ezibangel’ imincili eziye zenzeka kule minyaka iyi-100 idluleyo. UThixo wenzele izigidi zabakhonzi bakhe abanyanisekileyo imisebenzi emangalisayo. (Zek. 14:9; ISityhi. 15:3) Sekunjalo, ukuba nguKumkani kukaYehova akufani nokuza koBukumkani bukaThixo esafundiswa nguYesu ukuba sikuthandazele. Zahluke ngantoni ezi ziganeko zibini, ibe zisichaphazela njani?

UKUMKANI OMISELWE NGUYEHOVA UXHUZUL’ IINTAMBO

3. (a) UYesu wamiselwa nini waba nguKumkani, ibe waba nguKumkani phi? (b) Unokuyicacisa njani into yokuba uBukumkani bamiselwa ngo-1914? (Funda umbhalo osemazantsi.)

3 Ngasekupheleni kweminyaka yee-1800, abakhonzi bakaThixo baqalisa ukusiqonda bhetele isiprofeto esabhalwa nguDaniyeli kwiminyaka engaphezu kwe-2 500 eyadlulayo, esithi: “Ngemihla yabo  kumkani uThixo wezulu uya kumisa ubukumkani obungenakuze bonakaliswe.” (Dan. 2:44) ABafundi BeBhayibhile bachitha amashumi eminyaka bechaza ukuba unyaka ka-1914 wawuza kuba ngunyaka obalulekileyo. Ngelo xesha, abantu abaninzi babekhangele phambili kuloo nyaka. Omnye umbhali uthi: “U-1914 yayingunyaka owawunika ithemba gqitha.” Noko ke, xa kwaqhambuka iMfazwe Yehlabathi I ngasekupheleni kwaloo nyaka, isiprofeto seBhayibhile sazaliseka. Indlala, iinyikima neendyikityha zokufa kuquka ezinye iziprofeto zeBhayibhile ezazalisekayo, zangqina ukuba uYesu Kristu uqalise ngo-1914 ukulawula esiba nguKumkani woBukumkani bukaThixo. * Xa wamisela uNyana wakhe waba nguKumkani onguMesiya, uYehova waba nguKumkani ngendlela eyahlukileyo!

4. Yintoni eyenziwa nguKumkani zisuka nje emva kokumiselwa kwakhe, ibe wenza ntoni emva koko?

4 Into yokuqala eyenziwa ngulo Kumkani umiselwe nguThixo yaba kukulwa imfazwe noTshaba lukaYise olukhulu, uSathana. UYesu neengelosi zakhe baphosela uMtyholi needemon zakhe emhlabeni. Oku kwabangela ukuba kubekho imincili ezulwini, kodwa emhlabeni kwabakho intlungu engazange ibekho ngaphambili. (Funda iSityhilelo 12:7-9, 12.) Emva koko, lo Kumkani wasulungekisa, wafundisa waza walungelelanisa abantu bakhe abasemhlabeni ukuba benze ukuthanda kukaThixo. Makhe sibone ukuba umzekelo wabo wokuthobela ulwalathiso lukaYesu kwezi nkalo zintathu zilandelayo usinceda njani namhlanje.

UKUMKANI ONGUMESIYA USULUNGEKISA ABALAWULWA BAKHE ABANYANISEKILEYO

5. Kukuphi ukucocwa okwenzeka phakathi ko-1914 nasekuqaleni ko-1919?

5 Emva kokuba uKumkani ekhuphele uSathana needemon zakhe ngaphandle kwamazulu, uYehova wayalela uYesu ukuba ahlole aze asulungekise abalandeli bakhe abasemhlabeni. Umprofeti uMalaki usebenzisa igama elithi ukucoca xa ebhekisela kwesi senzo. (Mal. 3:1-3) Imbali ibonisa ukuba oku kwenzeka phakathi ko-1914 nasekuqaleni ko-1919. * Ukuba sifuna ukuba yinxalenye yentsapho kaYehova, simele sicoceke, okanye sibe ngcwele. (1 Pet. 1:15, 16) Simele siyiphephe nayiphi na ityhefu yonqulo lobuxoki okanye yezopolitiko yeli hlabathi.

6. Sikufumana njani ukutya kokomoya, ibe kutheni kubalulekile?

6 UYesu wasebenzisa igunya alinikiweyo ukumisela ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ Eli khoboka laliza kusasaza ukutya kokomoya kubo bonke ‘abangumhlambi omnye’ nabanyanyekelwa nguYesu. (Mat. 24:45-47; Yoh. 10:16) Ukususela ngo-1919, iqaqobana labazalwana abathanjisiweyo belithobela umyalelo obalulekileyo wokondla ‘abendlu.’ Ukutya kokomoya esikufumana kwaba bazalwana kuyasomeleza ukuze sikhulise ukholo lwethu. Kusenza sizimisele ngakumbi ukugcina unqulo, izenzo, indlela esicinga ngayo, imizimba nayo nantoni na esinayo icocekile emehlweni kaThixo. Oku kutya kokomoya kuyasifundisa kuze kusixhobisele ukwenza owona msebenzi ubalulekileyo nowenziwa emhlabeni namhlanje. Ngaba uwaxhamla onke la malungiselelo?

UKUMKANI UFUNDISA ABALAWULWA BAKHE UKUZE BASHUMAYELE

7. Nguwuphi umsebenzi obalulekileyo owaqaliswa nguYesu xa wayesemhlabeni, ibe wawuza kuqhubeka de kube nini?

7 Xa uYesu waqalisa ukushumayela emhlabeni wathi: “Ndimele ndizivakalise iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo nakwezinye izixeko, ngenxa yokuba ndithunywe oko.” (Luka 4:43) Kangangeminyaka emithathu enesiqingatha, lo msebenzi waba ngowona ubalulekileyo kubomi bukaYesu. Wathi kubafundi bakhe: “Njengoko nihamba, shumayelani, nithi, ‘Ubukumkani bamazulu busondele.’” (Mat. 10:7) Emva  kokuvuswa kwakhe, uYesu wathi abalandeli bakhe baya kusasaza esi sigidimi “kude kuse nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.” (IZe. 1:8) Wabathembisa ukuba wayeza kubaxhasa ngokungqalileyo kulo msebenzi ubalulekileyo de kube namhlanje.—Mat. 28:19, 20.

8. UKumkani wabakhuthaza njani abalawulwa bakhe abasemhlabeni ukuba bashumayele?

8 Kwathi kusiba ngo-1919, zabe ‘iindaba ezilungileyo zobukumkani’ sele zinentsingiselo engakumbi. (Mat. 24:14) UKumkani wayelawula ezulwini, ibe wayesele eneqela elincinane alihlambululeyo labalawulwa emhlabeni. Aba balawulwa bawuthobela ngovuyo umyalelo kaYesu othi: Shumayelani emhlabeni wonke iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo obumiselweyo! (IZe. 10:42) Ngokomzekelo, ngoSeptemba 1922, abaxhasi boBukumkani abamalunga ne-20 000 baya kwindibano yezizwe ngezizwe eCedar Point, eOhio, eUnited States. Khawucinge nje indlela ababa nemincili ngayo xa uMzalwan’ uRutherford wanikela intetho enomxholo othi “UBukumkani,” waza wathi: “Khangelani, uKumkani uyalawula! Nina ningabameli bakhe. Ngoko ke mbhengezeni, mbhengezeni, mbhengezeni, uKumkani nobukumkani bakhe.” Kubantu ababelapho, abangamawaka amabini baya kushumayela ngokukhethekileyo kwindlu ngendlu, bada bafikelela kumgama weekhilomitha eziyi-72 ukusuka kuloo ndawo yayinendibano. Omnye owayechukumisekile wathi: “Andisoze ndiyilibale indlela esakhuthazwa ngayo ukuba sibhengeze uBukumkani kunye nenzondelelo esasinayo eso sihlwele sasithe ndii apho!” Asinguye yedwa owayevakalelwa ngolo hlobo.

9, 10. (a) Ngawaphi amalungiselelo aye enziwa ukuze kuqeqeshwe abavakalisi boBukumkani? (b) Olu qeqesho lukuncede njani wena?

9 Ngo-1922, kwakusele kukho abavakalisi boBukumkani abangaphezu kwe-17 000 ababeshumayela kumazwe ayi-58 emhlabeni wonke. Noko ke, kwakufuneka beqeqeshiwe. Ngenkulungwane yokuqala, uKumkani Omiselweyo wabayalela ngokucacileyo abafundi bakhe ngesigidimi, indawo nendlela ababemele bashumayele ngayo. (Mat. 10:5-7; Luka 9:1-6; 10:1-11) Nanamhlanje, uYesu uyaqinisekisa ukuba bonke abashumayela ngoBukumkani bayaqeqeshwa baze bafumane zonke izinto ezifunekayo ukuze bawenze kakuhle lo msebenzi. (2 Tim. 3:17) UYesu usebenzisa ibandla lamaKristu ukuqeqesha abalandeli bakhe balungele intsimi. Enye indlela akwenza ngayo oku siSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, esiqhutywa kumabandla angaphezu kwe-111 000 ehlabathini lonke. Abashumayeli abangaphezu kwezigidi ezisixhenxe abaye baxhamla kule ngqeqesho ngoku bayakwazi ukushumayela nokufundisa ngendlela ebangel’ umdla “kubantu bazo zonke iintlobo.”—Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 9:20-23.

10 Ukongezelela kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, kukho nezinye izikolo zeBhayibhile eziye zaqaliswa zokuqeqesha abadala, oovulindlela, abazalwana abangatshatanga, izibini ezingamaKristu, amalungu  eeKomiti Zesebe nabafazi bawo, abaveleli abahambahambayo nabafazi babo kunye nabathunywa bevangeli. * Abafundi benye iklasi yeSikolo SeBhayibhile Sezibini EzingamaKristu bayichaza ngolu hlobo indlela abasixabisa ngayo esi sikolo: “Uqeqesho esilufumene apha lusenze samthanda ngakumbi uYehova satsho sakwazi nokunceda abanye.”

11. Abavakalisi boBukumkani baye bakwazi njani ukunyamezela nakuba bechaswa?

11 USathana uyawubona lo mgudu wenziwayo wokushumayela nokufundisa abantu ngoBukumkani. Uhlasela isigidimi soBukumkani kunye nabo basivakalisayo ngeendlela ezingqalileyo nezichuliweyo ezama ukuwutshitshisa. Kodwa loo migudu yakhe itsho phantsi isitya sigcwele. UYehova uye wahlalisa uNyana wakhe “waba ngaphezulu lee kwabo bonke oorhulumente negunya namandla nobukhosi.” (Efe. 1:20-22) UYesu usebenzisa igunya lakhe lokuba nguKumkani ukukhusela nokukhokela abafundi bakhe ukuze aqinisekise ukuba ukuthanda kukaYise kuyenziwa. * Iindaba ezilungileyo zisashunyayelwa, ibe izigidi zabantu abaneentliziyo ezinyanisekileyo zifundiswa ngeendlela zikaYehova. Lilungelo elingathethekiyo ukwenza lo msebenzi mkhulu!

UKUMKANI ULUNGELELANISA ABALAWULWA BAKHE UKUZE BENZE UMSEBENZI ONGAKUMBI

12. Chaza ezinye izinto eziye zaphuculwa kwintlangano kaYehova ukususela ekumiselweni koBukumkani.

12 Ukususela ekusekweni koBukumkani ngo-1914, uKumkani uye waphucula indlela abakhonzi bakaThixo abalungelelaniswe ngayo ukuze benze ukuthanda kukaYise. (Funda uIsaya 60:17.) Ngo-1919, kwibandla ngalinye kwamiselwa umalathisi wenkonzo oza kukhokela kumsebenzi wokushumayela. Ngo-1927 kwaqaliswa ukushunyayelwa kwindlu ngendlu rhoqo ngeeCawa. Ngo-1931 abaxhasi boBukumkani bomelezelwa umsebenzi ongakumbi xa bavumayo ukubizwa ngegama elisekelwe eZibhalweni elithi amaNgqina kaYehova. (Isa. 43:10-12) Ngo-1938, abazalwana abakhokelayo ebandleni bayeka ukunyulwa ngokuvotelwa. Kunoko, kwakufuneka bafikelele iimfaneleko eziseZibhalweni. Ngo-1972, imbopheleleko yokunyamekela ibandla yanikwa iqumrhu labadala kunokuba kubekho umveleli webandla omnye. Onke amadoda afanelekayo akhuthazwa ukuba azabalazele ukuba nenxaxheba ‘ekwaluseni umhlambi kaThixo abawunyamekelayo.’ (1 Pet. 5:2) Ngo-1976, iQumrhu Elilawulayo laba neekomiti ezintandathu ezijongene nomsebenzi wokushumayela ehlabathini lonke. Ukususela ngelo xesha, uKumkani omiselwe nguYehova uye waqhubeka elungelelanisa abalawulwa boBukumkani ukuba benze izinto ngendlela kaThixo.

13. Izinto eziphunyeziweyo kule minyaka iyi-100 yolawulo loBukumkani zibuchaphazele njani ubomi bakho?

 13 Cinga nje ngendlela omkhulu ngayo umsebenzi owenziwe nguKumkani onguMesiya kwiminyaka nje eyi-100 eqalisile ukulawula. Uye wasulungekisa iqela labantu abaza kumela uYehova. Uye walathisa umsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo kumazwe ayi-239 waza wafundisa izigidi zabantu ngeendlela zikaYehova. Uye wamanyanisa abalawulwa abangaphezu kwezigidi ezisixhenxe, ngamnye wabo oye wazinikela ekwenzeni ukuthanda kukaYise. (INdu. 110:3) Izinto eziphunyezwe nguYehova esebenzisa uBukumkani obungoMesiya zinkulu ibe ziyamangalisa ngokwenene. Kodwa ke, asikaboni nto!

IINTSIKELELO EZIZA KUZISWA BUBUKUMKANI OBUNGOMESIYA

14. (a) Simcela ukuba enze ntoni uThixo xa sithandaza sithi: “Mabufike ubukumkani bakho”? (b) Uthini umxholo wonyana ka-2014, ibe kutheni ufaneleka?

14 Nakuba uYehova wamisela uNyana wakhe uYesu Kristu, waba nguKumkani onguMesiya ngo-1914, le yayingeyompendulo ipheleleyo yomthandazo othi “mabufike ubukumkani bakho.” (Mat. 6:10) IBhayibhile yayitsho kwangaphambili ukuba uYesu wayeza ‘kuhamba esoyisa phakathi kweentshaba zakhe.’ (INdu. 110:2) Oorhulumente babantu abalawulwa nguSathana basemi nxamnye noBukumkani bukaThixo. Xa sithandazela ukufika koBukumkani bukaThixo, sicela uThixo ukuba uKumkani onguMesiya namahlakani akhe beze kuphelisa ulawulo lwabantu baze batshabalalise bonke abo banxamnye noBukumkani. Oku kuza kuzalisekisa amazwi akuDaniyeli 2:44, athi uBukumkani bukaThixo buza “kuzityumza buziphelise zonke ezi zikumkani.” Buza kuzitshabalalisa iinkokeli zezopolitiko eziziintshaba zoBukumkani. (ISityhi. 6:1, 2; 13:1-18; 19:11-21) Sekumbovu ukuba zenzeke ezi zinto. Kuyafaneleka ke ukuba umxholo wonyaka ka-2014, unyaka we-100 wokulawula koBukumkani bukaThixo ezulwini, ukuMateyu 6:10, othi: “Mabufike ubukumkani bakho”!

Umxholo wonyaka ka-2014 uthi: “Mabufike ubukumkani bakho.”—Mateyu 6:10

15, 16. (a) Ziziphi iziganeko ezibangel’ imincili eziya kwenzeka ebudeni boLawulo Lweminyaka Eliwaka? (b) Yintoni eyokugqibela eza kwenziwa nguKumkani onguMesiya, ibe loo nto iya kuthetha ntoni kwinjongo anayo uYehova ngendalo yakhe iphela?

15 Emva kokuba lo Kumkani onguMesiya etshabalalise iintshaba zikaThixo, uza kuphosa uSathana needemon zakhe enzonzobileni iminyaka eliwaka. (ISityhi. 20:1-3) Xa sele buyisusile loo mpembelelo imbi, uBukumkani buza kuthulula zonke iintsikelelo ezifumaneka ngenxa yedini lentlawulelo likaYesu buze buphelise zonke iingxaki ezibangelwe sisono esasizuz’ ilifa kuAdam. UKumkani uza kuvusa izigidi zabantu ezisemangcwabeni aze alungiselele ukuba bonke abo bantu bafundiswe ngoYehova. (ISityhi. 20:12, 13) Umhlaba uphela uza kuba yile paradesi wawuyiyo umyezo wase-Eden. Bonke abantu abathembekileyo baya kufezeka.

16 Luya kuthi luphela uLawulo LukaKristu Lweminyaka Eliwaka, bube uBukumkani bukaMesiya buyifezile injongo yabo. Uya kwandula ke uYesu abuyisele uBukumkani kuYise. (Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 15:24-28.) Akusayi kubakho mfuneko yamthetheli phakathi kukaYehova nabantwana bakhe abasemhlabeni. Bonke oonyana bakaThixo abasezulwini kunye nabantwana bakhe abasemhlabeni baya kube bemanyene noYise wasezulwini beyinxalenye yentsapho yakhe ekwindalo iphela.

17. Yintoni ozimisele ukuyenzela uBukumkani?

17 Iziganeko ezibangel’ imincili ezenzeke kule minyaka iyi-100 kulawula uBukumkani zisenza siqiniseke ukuba uYehova usazibambil’ iintambo yaye injongo anayo ngomhlaba iza kuzaliseka. Ngamana singaqhubeka sinyanisekile kuye size sibhengeze uKumkani noBukumkani bakhe. Oku sikwenza siqinisekile ukuba kungekudala uYehova uza kuwuphendula umthandazo wethu osuk’ entliziyweni othi: “Mabufike ubukumkani bakho”!

^ isiqe. 10 Funda iMboniselo kaSeptemba 15, 2012, iphepha 13-17, umxholo othi “Izikolo Zobuthixo—Zibubungqina Bokuba UYehova Uyasithanda.”

^ isiqe. 11 Funda iMboniselo kaDisemba 1, 1998, iphepha 19-22, ethetha ngamatyala esiye sawaphumelela kumazwe ahlukahlukeneyo.