Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Indlela Eliza Kupheliswa Ngayo Eli Hlabathi

Indlela Eliza Kupheliswa Ngayo Eli Hlabathi

“Anikho bumnyameni, ukuba ingade loo mini iniqubule njengamasela.”—1 TES. 5:4.

1. Yintoni eya kusinceda sihlale silindile size simelane neemvavanyo?

KUNGEKUDALA kuza kwenzeka iziganeko ezothusayo. Ukuzaliseka kweziprofeto zeBhayibhile kungqina oko, ngoko simele sihlale silindile. Yintoni eza kusinceda senjenjalo? Umpostile uPawulos usibongoza ukuba ‘siphose amehlo ethu kwizinto ezingabonwayo.’ Ngokwenene, sifanele sihlale sicinga ngomvuzo wethu wobomi obungunaphakade, enoba kukuphila ezulwini okanye emhlabeni. Njengoko umongo ubonisa, uPawulos wawabhala la mazwi ukuze akhuthaze amanye amaKristu ngomvuzo aya kuwufumana ngokuhlala kwawo ethembekile. Kanti ukwenjenjalo kwakuya kuwanceda amelane neemvavanyo neentshutshiso.—2 Kor. 4:8, 9, 16-18; 5:7.

2. (a) Yintoni esifanele siyenze ukuze sihlale sinethemba? (b) Yintoni esiza kuyixubusha kweli nqaku nakwelilandelayo?

2 Isibongozo sikaPawulos sinalo mgaqo ubalulekileyo: Ukuze sihlale sinethemba, sifanele sijonge ngaphaya kwezinto eziphambi kwethu. Kufuneka amehlo ethu ajoliswe kwiziganeko ezibalulekileyo ezingekabonwa. (Heb. 11:1; 12:1, 2) Makhe sixubushe ngeziganeko ezilishumi eziseza kwenzeka, ezinento yokwenza nethemba lethu lobomi obungunaphakade. *

KUZA KWENZEKA NTONI NGAPHAMBI KOKUBA ISIPHELO SIFIKE?

3. (a) Yintoni eseza kwenzeka echazwe kweyoku-1 kwabaseTesalonika 5:2, 3 (b) Yintoni eza kwenziwa ziinkokeli zobupolitika yaye ziza kuxhaswa ngoobani?

3 Enye into eseza kwenzeka iyachazwa nguPawulos kwileta yakhe eya kwabaseTesalonika. (Funda eyoku- kwabaseTesalonika 5:2, 3.) Usixelela ‘ngemini kaYehova.’ “Imini kaYehova” ekuthethwe ngayo apha iqala ngokutshatyalaliswa konqulo lobuxoki iye kutsho kwimfazwe yeArmagedon. Noko ke, ngaphambi nje kokuba imini kaYehova iqale, iinkokeli zehlabathi ziya kuthi, “Luxolo nonqabiseko!” Oku kunokubhekisela kwisiganeko esinye okanye kuthotho lweziganeko. Amazwe ehlabathi asenokucinga ukuba sele ekufutshane kakhulu ekucombululeni ezinye zeengxaki zawo ezinzima. Kuthekani ngabefundisi? Ekubeni beyinxalenye yehlabathi, baza kwambatha ngengub’ enye neenkokeli zobupolitika. (ISityhi. 17:1, 2) Aba befundisi baza kube bexelisa abaprofeti bobuxoki bakaYuda wamandulo. UYehova wathi ngabo: ‘Bathi, “Luxolo! Luxolo!” kungekho luxolo.’—Yer. 6:14; 23:16, 17.

4. Ngokungafaniyo nabanye abantu, yintoni thina esiyaziyo?

4 Enoba ngubani oza kuthi, “Luxolo nonqabiseko,” oko kuya kuba ngumqondiso wokuqalisa kwemini kaYehova. Yiloo nto eyabangela ukuba uPawulos athi: “Bazalwana, anikho bumnyameni, ukuba ingade loo mini iniqubule njengamasela, kuba nonke nina ningoonyana bokukhanya noonyana bemini.” (1 Tes. 5:4, 5) Ngokungafaniyo nabanye abantu, siyakuqonda ukubaluleka kweziganeko ezenzekayo, okuchazwe eZibhalweni. Siza kuzaliseka njani esi siprofeto sithi, “Luxolo nonqabiseko!”? Kuza kufuneka khe silinde. Ngoko ke, masizimisele ‘ukuhlala siphaphile, sithe qwa.’—1 Tes. 5:6; Zef. 3:8.

“UKUMKANIKAZI” UZA KUZIBHUD’ IZINGQI

5. (a) Iya kuqala njani “imbandezelo enkulu?” (b) Ngubani ‘ukumkanikazi’ oza kubhud’ izingqi?

5 Sisiphi esinye isiganeko esingekabonwa esiza kulandela? UPawulos wathi: “Xa besithi: ‘Luxolo nonqabiseko!’ iya kwandula ke intshabalalo yequbuliso ibafikele ngephanyazo.” Inxalenye yokuqala ‘yentshabalalo yequbuliso’ kukuhlaselwa ‘kweBhabhiloni Enkulu,’ ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki, obukwabizwa ngokuba ‘lihenyukazi.’ (ISityhi. 17:5, 6, 15) Oko kuhlaselwa kwazo zonke iindidi zonqulo lobuxoki, eziquka iNgqobhoko, kuya kuba kukuqalisa ‘kwembandezelo enkulu.’ (Mat. 24:21; 2 Tes. 2:8) Esi isiganeko siya kubafikela bengalindelanga abantu abaninzi. Ngoba? Kaloku ngelo xesha, eli henyukazi liya kuba lisazigqala ‘njengokumkanikazi’ ‘ongasayi kuze akubone ukuzila.’ Kodwa liya kukhawuleza libone ukuba lizibhudil’ izingqi. Liya kutshayelwa ngokukhawuleza, ngokungathi kungamini-nye.—ISityhi. 18:7, 8.

6. Ngubani oza kutshabalalisa unqulo lobuxoki?

 6 ILizwi likaThixo lithi, eli henyukazi liza kuhlaselwa ‘lirhamncwa elineempondo ezilishumi.’ Xa bekuhlolisiswa incwadi yeSityhilelo kufunyaniswe ukuba irhamncwa libhekisela kwiZizwe Ezimanyeneyo. Iimpondo ezilishumi zimela onke amagunya ezopolitiko akhoyo ngoku axhasa ‘irhamncwa elimbala ungqombela.’ * (ISityhi. 17:3, 5, 11, 12) Liya kuhlaziswa kangakanani ihenyukazi? Amazwe angamalungu eZizwe Ezimanyeneyo aya kubuphanga ubutyebi behenyukazi, alihlazise, aliqwenge, aze ‘alitshise ngokupheleleyo.’ Liya kutshatyalaliswa lingaze libonakale nalapho belihambe khona.—Funda iSityhilelo 17:16.

7. Yintoni eza kuxhokonxa ukuhlasela ‘kwerhamncwa’?

7 Nesiprofeto seBhayibhile siyayichaza into eza kuxhokonxa olu hlaselo. Ngandlel’ ithile, uYehova uya kubeka ezintliziyweni zabalawuli bezopolitiko ukuba ‘baphumeze ingcamango yakhe,’ yokutshabalalisa ihenyukazi. (ISityhi. 17:17) Unqulo olunxanelw’ imfazwe luyaqhubeka lubangela uqhushululu ehlabathini; ngenxa yoko amazwe ehlabathi anokuvakalelwa kukuba, ukutshabalalisa eli henyukazi kuyindlela yokudala uxolo. Abalawuli baza kucinga ukuba baphumeza “ingcinga yabo enye” kodwa enyanisweni, baya kube besebenza njengezixhobo zikaThixo zokutshabalalisa unqulo lobuxoki. Into eyothusayo yeyokuba, enye inxalenye yenkqubo kaSathana iya kuhlasela enye yaye uSathana uza kube engenamandla okukuthintela oko.—Mat. 12:25, 26.

UKUHLASELWA KWABANTU BAKATHIXO

8. Luyintoni uhlaselo ‘lukaGogi welizwe lakwaMagogi’?

8 Emva kokuba unqulo lobuxoki lutshatyalalisiwe, abakhonzi bakaThixo baya kufunyanwa ‘behleli ngonqabiseko bengenaludonga.’ (Hez. 38:11, 14) Yintoni eza kwehlela eli qela labantu liqhubeka linqula uYehova nelibonakala lingakhuselekanga? Kuyabonakala ukuba liza kuba zizisulu zokuhlaselwa ‘zizizwana ezininzi.’ ILizwi likaThixo lithi, olo iya kuba luhlaselo ‘lukaGogi welizwe lakwaMagogi.’ (Funda uHezekile 38:2, 15, 16.) Simele silujonge njani olo hlaselo?

9. (a) Yiyiphi eyona nto ayixhalabeleyo amaKristu? (b) Ngawaphi amanyathelo esifanele siwathabathe ukuze someleze ukholo lwethu?

9 Ukwazi kwangaphambili ngoku kuhlaselwa kwabantu bakaThixo akusenzi sixhalabe  ngokugqithiseleyo. Kunokuba sikuxhalabele ngokugqithiseleyo ukusindiswa, sifuna ukuba kungcwaliswe igama likaYehova kuze kuthethelelwe ulongamo lwakhe. Eneneni uYehova watsho izihlandlo ezingaphezu kwama-60 ukuthi, kuya kufuneka “nazi ukuba ndinguYehova.” (Hez. 6:7) Kungeso sizathu sikhangele phambili ngolangazelelo ekuzalisekeni kwaloo nkalo ibalaseleyo yesiprofeto sikaHezekile, sithembe ukuba, “uYehova uyakwazi ukubahlangula esilingweni abantu abanozinikelo lobuthixo.” (2 Pet. 2:9) Okwangoku, eli thuba sifuna ukulisebenzisela ukomeleza ukholo lwethu ukuze sikwazi ukugcina ingqibelelo yethu kuYehova enoba sijamelana naziphi na iimvavanyo. Yintoni esifanele siyenze? Sifanele sithandaze, sifunde iLizwi likaThixo size sicamngce ngalo yaye sishumayele ngoBukumkani kwabanye. Xa sisenjenjalo, sakuba sigcina ithemba lethu lobomi obungunaphakade lomelele ‘njengeankile.’—Heb. 6:19; INdu. 25:21.

KUZA KUFUNEKA IINTLANGA ZIMAZI UYEHOVA

10, 11. Uya kuba yintoni umqondiso wokuqalisa kweArmagedon, yaye kuya kwenzeka ntoni ebudeni bayo?

10 Sisiphi isiganeko esothusayo esiza kuxhokonxwa kukuhlaselwa kwabakhonzi bakaYehova? Esebenzisa uYesu kunye nemikhosi yasezulwini, uYehova uya kubalwela abantu bakhe. (ISityhi. 19:11-16) Leyo iya kuba ‘yimfazwe yemini enkulu kaThixo uSomandla’—iArmagedon.—ISityhi. 16:14, 16.

11 Esebenzisa uHezekile, uYehova uthi ngaloo mfazwe: “‘[UGogi] ndiza kumbizela ikrele kuwo wonke ummandla wam weentaba,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova. ‘Ikrele lakhe ngamnye liya kuba nxamnye nomntakwabo.’” Besoyika, abo bangakwicala likaSathana baya kwenziwa badideke baze balwe bodwa. Noko ke, noSathana ulindelwe yintlekele. UYehova uthi: “Ndiza kunisa . . . umlilo nesalfure phezu kwakhe [uGogi] naphezu kwamabutho akhe naphezu kwezizwana ezininzi ezinaye.” (Hez. 38:21, 22) Iya kuphelela phi le mfazwe kaThixo?

12. Yintoni ekuza kunyanzeleka ukuba iintlanga ziyazi?

12 Iintlanga kuya kufuneka zazi ukuba nguYehova oyalele ukoyiswa kwazo. Kanye njengamaYiputa awayeleqa amaSirayeli kuLwandle Olubomvu, abalandeli bakaSathana bebandezelekile baya kuthi: ‘Ngokuqinisekileyo uYehova uyabalwela’! (Eks. 14:25) Kuza kunyanzeleka iintlanga zimazi uYehova. (Funda uHezekile 38:23.) Sele kumbovu kangakanani ukuba ziqale ezi ganeko zilandelelanayo?

AKUSAYI KUVELA ELINYE IGUNYA LEHLABATHI

13. Yintoni esiyaziyo ngenxalenye yesihlanu yomfanekiso ochazwa nguDaniyeli?

13 Isiprofeto esikwincwadi kaDaniyeli sisinceda sibone ukuba sindawoni na kumsinga wexesha. UDaniyeli usichazela ngomfanekiso ofana nomntu owenziwe ngamatye awahlukahlukeneyo. (Dan. 2:28, 31-33) Umela amagunya ehlabathi alandelelanayo aye aba nefuthe elimandla kubantu bakaThixo ngoku namandulo. La magunya yiBhabhiloni, amaMedi namaPersi, iGrisi, iRoma—yaye igunya lehlabathi lokugqibela lilawula kweli xesha siphila kulo. Ukuhlolisiswa kwesiprofeto sikaDaniyeli kubonisa ukuba eli gunya lehlabathi lokugqibela limelwa ziinyawo neenzwane zalo mfanekiso. NgeMfazwe Yehlabathi I, iBritani neUnited States zakha ubuhlobo obukhethekileyo. Inxalenye yesihlanu yomfanekiso kaDaniyeli liGunya Lehlabathi LamaNgesi NamaMerika. Iinyawo ziyinxalenye yokugqibela yalo mfanekiso, nto leyo ebonisa  ukuba alikho elinye igunya lehlabathi labantu eliya kuphinda livele. Isibakala sokuba iinyawo neenzwane zawo zenziwe ngentsimbi nodongwe, sibonisa indlela elibuthathaka ngayo iGunya Lehlabathi LamaNgesi namaMerika.

14. Liliphi igunya lehlabathi eliya kuba lisalawula xa kufika iArmagedon?

14 Kwaesi siprofeto sinye sibonisa ukuba uBukumkani bukaThixo, obufuziselwa lilitye elikhulu, baqephuka kwintaba yolongamo lukaYehova ngowe-1914. Eli litye sele lisondele kwindawo eliza kubetha kuyo—iinyawo zalo mfanekiso. Iinyawo nawo wonke lo mfanekiso, uya kutyunyuzwa ngeArmagedon. (Funda uDaniyeli 2:44, 45.) Ngenxa yoko, iGunya Lehlabathi LamaNgesi NamaMerika liya kuba lisalawula xa kufika iArmagedon. Khawucinge nje ngemincili esiya kuba nayo xa sibukele esi siprofeto sizaliseka ngokupheleleyo! * Noko ke, uYehova uza kumenza ntoni uSathana?

OKO KUYA KWEHLELA OLONA TSHABA LUKATHIXO

15. Emva kweArmagedon, yintoni eza kwenzeka kuSathana needemon zakhe?

15 Okokuqala, uSathana kuya kufuneka abukele xa yonke intlangano yakhe yasemhlabeni itshatyalaliswa. Emva koko kuza kuyiwa ngqo kuSathana. Khawuve umpostile uYohane esichazela okuza kulandela. (Funda iSityhilelo 20:1-3.) UYesu Kristu—‘ingelosi enesitshixo senzonzobila’—uya kumthi nqaku uSathana needemon zakhe, abaphose enzonzobileni, aze abavalele apho iminyaka eliwaka. (Luka 8:30, 31; 1 Yoh. 3:8) Elo iya kuba linyathelo lokuqala lokutyunyuzwa kwentloko yenyoka. *Gen. 3:15.

16. Kuya kuthetha ntoni ukuba ‘senzonzobileni’ kukaSathana?

16 Yintoni le nzonzobila aza kuphoswa kuyo uSathana needemon zakhe? Igama lesiGrike elithi a′bys·sos elisetyenziswe nguYohane apha libhekisela “kwindawo enzulu kakhulu.” Likwaguqulelwa ngokuthi “into engaziwayo ukuba iphela phi nengenamda.” Yindawo engenakufikelelwa mntu ngaphandle kukaYehova nengelosi emiselwe nguye ‘enesitshixo senzonzobila.’ Apho uSathana uya kuba ngathi ufile kuba ‘engazi kukwazi ukuphinda azilahlekise iintlanga.’ Eneneni, le ‘ngonyama igqumayo’ iya kuvalwa umlomo!—1 Pet. 5:8.

IZIGANEKO EZIKHOKELELA ELUXOLWENI

17, 18. (a) Ziziphi iziganeko ezingekabonakali esizixubushileyo? (b) Emva kwezi ziganeko, liliphi ixesha esiya kulinandipha?

17 Kuseza kubakho iziganeko eziphawulekayo nezothusayo. Sifuna ukubona izinto eziza kuqhubeka xa kusithiwa “Luxolo nonqabiseko!” Emva koko, siza kubona ukutshatyalaliswa kweBhabhiloni Enkulu, ukuhlasela kukaGogi wakwaMagogi, imfazwe yeArmagedon nokuphoswa kukaSathana needemon zakhe enzonzobileni. Emva kwezi ziganeko, xa bonke ubungendawo bungasekho, siza kungena kwinkqubo entsha—uLawulo lukaKristu Lweminyaka Eliwaka, ekuya kuthi ebudeni bayo siziyolise “ngobuninzi boxolo.”—INdu. 37:10, 11.

18 Ukongezelela kwiziganeko ezihlanu esizixubushileyo, kukho ezinye ‘izinto ezingabonwayo’ esifuna ‘ukujolisa amehlo ethu kuzo.’ Ezi ziganeko ziza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo.

^ isiqe. 2 Ezi ziganeko zilishumi ziza kuxutyushwa kweli nqaku nakwelilandelayo.

^ isiqe. 6 Sicela ufunde incwadi ethi ISityhileloIncopho Yaso Ezukileyo Isondele! iphepha 251-258.

^ isiqe. 14 Ibinzana elithi ‘buya kuphelisa zonke ezi zikumkani’ kuDaniyeli 2:44 libhekisela kwizikumkani, okanye amagunya ehlabathi, afanekiselwa ziinxalenye zalo mfanekiso. Noko ke, isiprofeto seBhayibhile esifana nesi, sibonisa ukuba ‘ookumkani bomhlaba omiweyo uphela’ baza kulwa noYehova ‘ngemini enkulu kaThixo uSomandla.’ (ISityhi. 16:14; 19:19-21) Kungeso sizathu ziza kutshatyalaliswa zonke izikumkani ezikulo mfanekiso eArmagedon, kungekuphela nje ezo zimelwa ngulo mfanekiso.

^ isiqe. 15 Inyathelo lokugqibela lokutyunyuzwa kwentloko yenyoka lenzeka ekupheleni kweminyaka eliwaka xa uSathana needemon zakhe bephoswa “edikeni lomlilo nesalfure.”—ISityhi. 20:7-10; Mat. 25:41.