Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

‘Aniyazi Imini Okanye Ilixa’

‘Aniyazi Imini Okanye Ilixa’

“Hlalani nilindile, ngenxa yokuba ningayazi imini okanye ilixa.”—MAT. 25:13.

1-3. (a) Ziziphi iimeko ezimbini ezizekelisa iingongoma zemizekeliso kaYesu? (b) Yiyiphi imibuzo ekufuneka siyiphendule?

MASITHI igosa eliphambili laseburhumenteni likucela uliqhubele ulise kwintlanganiso elibalulekileyo. Noko ke, kwimizuzu nje embalwa ngaphambi kokuba uye kulithatha ulise entlanganisweni ufumanisa ukuba incinci ipetroli esemotweni. Kufuneka ukhawuleze uye kuyitha. Njengoko usaye kuyitha, liyafika igosa laseburhulumenteni. Liyakukhangela lingakuboni. Alilindi, licela omnye umntu alise. Ukhawuleza ubuye yaye ufumanisa ukuba igosa sele limkile. Uvakalelwa njani?

2 Ngoku yiba nomfanekiso ngqondweni wakho uligosa laseburhulumenteni yaye ukhetha abantu abathathu uze ubacele bakwenzele umsebenzi othile obalulekileyo. Uyabachazela indlela abafanele bawenze ngayo loo msebenzi, yaye bobathathu bakulungele ukuwenza. Xa ubuya, uqaphela ukuba ngababini kuphela abawenzileyo loo msebenzi. Ngaphezu koko, lo wesithathu uyangxengxeza kuba engawenzanga umsebenzi. Phofu ke, khange aqalise ukuwenza. Uya kuvakalelwa njani?

3 Kumzekeliso wakhe weentombi ezinyulu neetalente, uYesu wasebenzisa iimeko ezifana nezi ukuze azekelise isizathu sokuba ebudeni besiphelo amanye amaKristu athanjisiweyo eya kuzingqina ethembekile ngoxa amanye engenjinjalo. * (Mat. 25:1-30) Egxininisa ingongoma yakhe wathi, “hlalani nilindile, ngenxa yokuba ningayazi imini okanye ilixa”—nto leyo ebhekisela kwelona xesha uYesu awayeza kuzisa ngalo umgwebo kaThixo kwihlabathi likaSathana. (Mat. 25:13) Sinokusisebenzisa nathi esi siluleko namhlanje.  Ngokuhlala silindile sinokungenelwa njani thina, kanye njengokuba uYesu wakhuthazayo? Ngoobani abaye bazingqina bekulungele ukusinda? Yaye yintoni esifanele siyenze ngoku ukuze sihlale silindile?

IINGENELO ZOKUHLALA SILINDILE

4. Kutheni ukuhlala siphaphile kungathethi ukuhlala sijonge ixesha?

4 Ukusebenza kumzi-mveliso, ukuya kwagqirha, okanye ukukhwela iteksi kufuna sicwangcise izinto. Ukanti ukucim’ umlilo okanye ukuhlangula abantu emva kwentlekele akufuni sicwangcise izinto kuba kunokuba yingozi oko. Kwiimeko ezinjalo, eyona nto ibalulekileyo kukusebenza kunokubambelela kucwangciso. Njengoko isiphelo sale nkqubo yezinto sisondela, umsebenzi olilungiselelo likaYehova lokusindisa abantu ubaluleke kakhulu. Ukuhlala siphaphile njengamaKristu akuthethi ukujonga ixesha. Phofu ubuncinane singenelwa ngendlela ezintlanu ngokungawazi owona mhla nelixa lokufika kwesiphelo.

5. Ukungawazi umhla okanye ilixa kunokukutyhila njani okusezintliziyweni zethu?

5 Okokuqala, ukungazi kwethu ukuba isiphelo siza kufika nini kusivulela ithuba lokutyhila oko kusezintliziyweni zethu. Phofu ke, uYehova uyasihlonela kuba uyasivumela ukuba sikhethe ukunyaniseka kuye. Nangona sijonge phambili ekusindeni esiphelweni sale nkqubo, sikhonza uYehova kuba simthanda kungekhona kuba sifuna ubomi. (Funda iNdumiso 37:4.) Siyakuvuyela ukwenza ukuthanda kwakhe, yaye siyaqonda ukuba uThixo usifundisa okuyingenelo kuthi. Imiyalelo yakhe asiloxanduva.—1 Yoh. 5:3.

6. Uvakalelwa njani uThixo xa simkhonza kuba simthanda, yaye ngoba?

6 Okwesibini, ukungazi umhla nelixa kusivulela ithuba lokuvuyisa intliziyo kaYehova. Xa simkhonza kuba simthanda—kungekhona ngenxa yosuku okanye ngenxa yomvuzo—sincedisa uYehova ekuphenduleni ungcikivo olungenasihlahla lotshaba lwakhe oluxokayo, uSathana. (Yobhi 2:4, 5; funda iMizekeliso 27:11.) Emva kokucinga ngentlungu nosizi olubangelwa nguMtyholi, ngovuyo sixhasa ulongamo lukaYehova size silugatye ulawulo olukhohlakeleyo lukaSathana.

7. Kutheni ucinga ukuba kuyinto entle ukuphila ubomi bokuzincama?

7 Okwesithathu, ukukhonza kwethu singenamhla uthile ezingqondweni zethu kuya sikhuthaza ukuba siphile ubomi bokuzincama. Nabanye abantu abangamaziyo uThixo namhlanje bakwakholelwa ukuba eli hlabathi alisayi kubakho kangangethuba elide. Besoyika intlekele ezayo, bazixelela oku: “Masidle size sisele, kuba ngomso siza kufa.” (1 Kor. 15:32) Kwelinye icala, thina asoyiki. Asifuni kuzahlula kangangokude sikholise izilangazelelo zethu zokuzingca. Kunoko, ngokuzithandela siyazincama sisebenzisa ixesha, amandla nezinye izinto esinazo sisabelana nabanye ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. (Funda uMateyu 16:24.) Siyakuvuyela ukukhonza uThixo, ingakumbi ukunceda abanye abantu ukuba bamazi.

8. Nguwuphi umzekelo oseBhayibhileni obonisa ukuba kufuneka sithembele ngokupheleleyo kuYehova nakwiLizwi lakhe?

8 Into yesine okusinceda ngayo ukungawazi umhla okanye ilixa kukuba, sithembela ngokupheleleyo kuYehova yaye siyazimisela ekuphileni ngokuvisisana neLizwi lakhe. Njengoko singafezekanga siyathanda ukuthembela kwiziqu zethu. UPawulos wathi xa ebongoza amaKristu: “Lowo ucinga ukuba umile makalumke angawi.” Abantu abangama-23 000 baphulukana nenkoliseko kaYehova kanye ngaphambi kokuba uYoshuwa akhokelele abantu  bakaThixo kwiLizwe Lesithembiso. UPawulos wathi: “Ezi zinto . . . zabhalelwa ukulumkisa thina bafikelwe ziziphelo zeenkqubo zezinto.”—1 Kor. 10:8, 11, 12.

9. Iinzingo zinokusicikida njani zize zisisondeze kuThixo?

9 Eyesihlanu indlela esincedwa ngayo kukungalazi ixesha lesiphelo kukuba iinzingo zale nkqubo ziyasicikida. (Funda iNdumiso 119:71.) Imihla yokugqibela yale nkqubo ‘ingamaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo,’ ngokwenene. (2 Tim. 3:1-5) Baninzi abantu abasithiyileyo kule nkqubo kaSathana, ngenxa yoko sinokutshutshiswa ngenxa yokholo lwethu. (Yoh. 15:19; 16:2) Ukuba sithobekile size sifune ulwalathiso lukaThixo xa sivavanywa, ukholo lwethu luya kuba ngathi lusulungekiswa ngomlilo. Asisayi kunikezela. Kodwa, siya kusondela ngakumbi kuYehova kunanini na ngaphambili.—Yak. 1:2-4; 4:8.

10. Yintoni eyenza ixesha libonakale likhawuleza?

10 Ukuhamba kwexesha kubalulekile. Xa sixakekile emsebenzini singajongananga newotshi, ixesha libonakala libaleka. Ngendlela efanayo, ukuba sixakeka ngumsebenzi omnandi esiwunikwe nguYehova, loo mhla nelo lixa ziya kufika ngathi kudala. Abathanjiswa abaninzi baye basimisela umzekelo omhle kule nkalo. Ngokufutshane nje makhe sihlolisise oko kwenzekayo emva kokuba uYesu emiselwe njengoKumkani ngowe-1914, size sibone indlela abanye abaye bahlala ngayo belungile ngoxa abanye bengazange bakwenze oko.

ABATHANJISWA BAHLALA BELUNGILE

11. Kwakutheni ukuze abanye abathanjiswa bacinge ukuba iNkosi iyalibazisa emva kowe-1914?

11 Usawukhumbula umzekelo kaYesu weentombi ezilishumi noweetalente. Ukuba ezo ntombi okanye amakhoboka akuloo mizekeliso ayelazi ilixa lokufika komyeni okanye kwenkosi, kwakungazi kuba yimfuneko ukuhlala elindile. Ngenxa yokuba ayengalazi ilixa, kwafuneka ahlale elungile. Nangona kangangamashumi eminyaka abathanjiswa babegqala owe-1914 njengonyaka obalulekileyo, babengayazi ncam eyona nto iza kwenzeka. Xa izinto zazingenzeki njengoko babezilindele, kwakunokuba ngathi uMyeni uyalibazisa. Omnye umzalwana wathi kamva, “Abambalwa kuthi babecinga ukuba siza kuya ezulwini ngeveki yokuqala kaOktobha [1914].”

12. Abathanjiswa bazingqine njani bethembekile yaye beziingqondi?

12 Khawucinge nje indlela ekusenokwenzeka ukuba kwakutyhafisa ngayo ukulindela isiphelo esingafikiyo! Ngaphezu koko, abazalwana bachaswa ngenxa yeMfazwe Yehlabathi I. Umsebenzi waphela, kwaba ngathi kulelwe. Kodwa ngowe-1919, bavuswa! Kwakufike uYesu kwitempile kaThixo yokomoya yaye kwakusele kuqale ixesha lokuhlola. Noko ke, abanye abazange baphumelele koko kuhlolwa yaye ekugqibeleni baphulukana nelungelo lokuqhubeka ‘bekwishishini’ likaKumkani. (Mat. 25:16) Kwaba ngathi abakhange bayongeze ioli yabo yokomoya, kanye njengeentombi ezizizidenge. Kanti, njengekhoboka elidangeleyo babengakulungelanga ukuzincama ngenxa yoBukumkani. Noko ke, uninzi lwabathanjiswa luye lwahlala luthembekile lwaza lwabonisa umnqweno wokukhonza iNkosi yalo nangeminyaka enzima yemfazwe.

13. Lwaluzibona njani izinto udidi lwekhoboka emva kowe-1914, yaye luzibona njani namhlanje?

13 Emva kowe-1914, iMboniselo yathetha la mazwi abalulekileyo: “Bazalwana, abo kuthi banesimo esilungileyo ngakuThixo  abaphoxeki nakweliphi na lamalungiselelo Akhe. Sasinganqweneli ukuba kwenziwe ukuthanda kwethu; ngoko ukufumanisa kwethu ukuba sasilindele into ephosakeleyo ngo-Oktobha, 1914, sakuvuyela ukuba iNkosi ingaliguqulanga iCebo Layo ukuze lilungele thina. Besinganqweneli ukuba yenjenjalo. Ekuphela kwento esiyinqwenelayo kukuqonda oko ikucebileyo neenjongo Zayo.” Abathanjiswa beNkosi basathobeke yaye bazinikele ngaloo ndlela nangoku. Abahambi besithi baphefumlelwe, kodwa bazimisele ukuqhuba “ishishini” leNkosi emhlabeni. Kanti ngoku “isihlwele esikhulu” ‘sezinye izimvu,’ amaKristu anethemba lokuphila emhlabeni, axelisa ukulinda nenzondelelo yabo.—ISityhi. 7:9; Yoh. 10:16.

UKUHLALA SILUNGILE

Enoba kunzima, kufune ukutya kokomoya

14. Ukunamathela kwijelo likaThixo lokusasaza ukutya kokomoya kunokusikhusela njani?

14 Kanye njengoko amaKristu athanjisiweyo esenza, amalungu alumkileyo esihlwele esikhulu ahlala esondele kwijelo elimiselwe nguThixo lokusasaza ukutya kokomoya. Loo nto iphumela ekubeni babe ngathi bazalisa ioli yabo yokomoya efumaneka kwiLizwi likaThixo nakumoya wakhe. (Funda iNdumiso 119:130; noYohane 16:13.) Njengoko bomelele, bazingqina bekulungele ukubuya kukaKristu, bahlale bexakekile nakuba bevavanywa ngokuqatha. Ngokomzekelo, kwenye inkampu yoxinaniso yamaNazi, abazalwana bafika beneBhayibhile enye kuphela. Ngoko bathandazela okunye ukutya kokomoya. Akuzange kube kudala beva ukuba omnye umzalwana owayesandul’ ukubanjwa uthubelezise iiMboniselo ezintsha ngokuzifaka kumlenze wakhe owenziwe ngomthi. Phakathi kwabo basindayo, ngumzalwana ongumthanjiswa ogama linguErnst Wauer owathi kamva: “Ngommangaliso uYehova wazibethelela ezingqondweni zethu iingongoma ezomelezayo zaloo manqaku.” Waphinda wathi: “Namhlanje, kulula gqitha ukufumana ukutya kokomoya, kodwa ke ngaba sisoloko sikuxabisa? Ndiqinisekile ukuba uYehova ubabekele intaphane yeentsikelelo abo bathembele kuye, abanyanisekileyo nabatya kwitafile yakhe.”

15, 16. Yavuzwa njani inzondelelo yesinye isibini ngobulungiseleli bamaKristu, yaye wena unokufunda ntoni kuloo mava?

15 Nezinye izimvu zisoloko zixakekile kumsebenzi weNkosi, zixhasa abazalwana bakaKristu. (Mat. 25:40) Ngokwahlukileyo  kwikhoboka elingendawo nelidangeleyo kumzekeliso kaYesu, zikulungele ukuzincama nokuzimisela ukubeka kuqala uBukumkani. Ngokomzekelo, xa uJon noMasako bacelwa ukuba baye kunceda kwintsimi entetho isisiTshayina eKenya, baqala bamathidala. Kodwa emva kokuthandaza baza bahlolisise iimeko zabo bagqiba kwelokuba bafudukele kuloo ntsimi.

16 Bavuzwa ngendlela engathethekiyo ngemigudu yabo. Bathi: “Ubulungiseleli apha bumnandi ngendlela engenambaliso. Baqalisa izifundo zeBhayibhile ezisixhenxe. Kwabakho nezinye izinto ezivuyisayo. Balebela ngelithi: “Mihla le siyambulela uYehova ngokusivumela ukuba sibe lapha.” Kambe ke, kukho abazalwana noodade abaninzi abaye babonisa ngezigqibo abazenzileyo ukuba bazimisele ukusebenza nzima kwinkonzo kaYehova enoba isiphelo siza kufika nini na. Cinga nje ngamawakawaka aye aphumelela kwiSikolo saseGiliyadi aza aba ngabathunywa bevangeli. Kutheni ungakhe ufunde ngale nkonzo ikhethekileyo kwinqaku elinomxholo othi “Senza Okusemandleni Ethu!” elikwiMboniselo kaOktobha 15, 2001? Njengoko ufunda eli nqaku limnandi lithetha ngendlela olucetywa ngayo usuku lomthunywa wevangeli, cinga ngendlela wena onokuyandisa ngayo inkonzo oyinikela kuThixo, nto leyo enokuphumela ekubeni ube noyolo.

NAWE HLALA ULINDILE

Ixesha liyakhawuleza xa sixakeke yimisebenzi yamaKristu

17. Ukungawazi umhla okanye ilixa kuye kwaba yintsikelelo njani?

17 Ngokucacileyo, ukungawazi owona mhla okanye ilixa lokupheliswa kwale nkqubo kube yintsikelelo kuthi. Kunokuba sikhathazeke okanye sityhafe, sisondela ngakumbi kuYehova, uBawo wethu onothando, njengoko sizibhokoxa ekwenzeni ukuthanda kwakhe. Ukugcina izandla zethu zibambe ikhuba, size siphephe iziphazamiso kuye kwabangela ukuba siyinandiphe kakhulu inkonzo yeNkosi yethu.—Luka 9:62.

18. Kutheni singafuni ukululahla ukholo esinalo?

18 Imini kaThixo yomgwebo isemnyango. Sonke asifuni kuphoxa uYehova okanye uYesu. Basinike amalungelo axabisekileyo enkonzo kule mihla yokugqibela. Siyixabisa ngokwenene indlela abasithembe ngayo!—Funda eyoku-1 kuTimoti 1:12.

19. Sinokuhlala njani silungile?

19 Enoba sinethemba lokuphila ezulwini okanye kwiParadesi esemhlabeni, masizimisele ukuqhubeka sisenza ngokuthembeka isabelo esisinikwe nguThixo sokushumayela nokwenza abafundi. Asikawazi umhla nelixa elichanileyo eya kufika ngalo imini kaYehova, yaye ngaba ngokwenene kuyimfuneko ukuba siwazi? Sinako ukuhlala silungile yaye siya kuqhubeka sisenjenjalo. (Mat. 24:36, 44) Siqinisekile ukuba logama nje sithembele ngokupheleleyo kuYehova size sibeke uBukumkani kwindawo yokuqala, akasayi kuze asiphoxe.—Roma 10:11.

^ isiqe. 3 Sicela ufunde iMboniselo kaMatshi 1, 2004, iphepha 14-18.