Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Indlela Oziva Ngayo

Indlela Oziva Ngayo

IBhayibhile isinika amacebiso asinceda sihlale sonwabile size singavumeli izinto ezenzekayo zitshintshe ubuntu bethu.

UMSINDO

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Ozeka kade umsindo ulunge ngakumbi kunendoda enamandla.”​—IMizekeliso 16:32.

ITHETHA UKUTHINI LE NTO: Kuyanceda ukulawula indlela oziva ngayo. Ngamanye amaxesha sisenokuba siyavakala isizathu sokuba ucaphuka, kodwa ukuba awuwubambi umsindo wakho, usenokuzibona sele wenze umonakalo omkhulu. Abaphandi babonisa ukuba umntu onomsindo akacingi kakuhle, amaxesha amaninzi uye azibhaqe sele ethethe waza wenza izinto aye azisole ngazo.

INTO ONOKUYENZA: Zama ukulawula umsindo wakho ngaphambi kokuba wenze izinto oza kuzisola ngazo. Abanye abantu bacinga ukuba umntu onomsindo unamandla, kanti bubuxoki obo. IBhayibhile ithi: “Unjengesixeko esityhoboziweyo, esingenaludonga, umntu ongenakuwuthintela umoya wakhe.” (IMizekeliso 25:28) Xa unomsindo, ngaphambi kokuba uthethe okanye wenze nantoni na, zama ukuqonda ukuba yintoni eyenzekileyo kanye kanye. IBhayibhile ithi, “Ingqiqo yomntu ngokuqinisekileyo imenza azeke kade umsindo.” (IMizekeliso 19:11) Ukuqala wazi kakuhle ukuba kwenzeke ntoni kuza kukunceda uyeke ukucaphuka.

YIBA NOMBULELO

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Hlalani ninombulelo.”​—Kolose 3:15.

ITHETHA UKUTHINI LE NTO: Kudala yathethwa into yokuba ngumntu onombulelo kuphela onokonwaba. Nabanye abantu abakhe baswelekelwa okanye balahlekelwa zizinto abazithandayo bathi yinyani le. Bathi eyona nto ibancede bangakhathazeki kakhulu kukucinga ngezinto abasenazo baze babe nombulelo ngazo kunokukhalela izinto abangasenazo.

INTO ONOKUYENZA: Yonke imihla, bhala izinto onombulelo ngazo. Akunyanzelekanga ibe zizinto ezinkulu. Ungacinga nangezinto ezincinci ezifana nokuphuma kwelanga, ukuncokola nabantu obathandayo, nale yokuba uvukile namhlanje. Ukucinga ngezi zinto kungakonwabisa nyhani ibe ungatsho ube nombulelo ngezinto ezininzi.

Ukucinga nangabantu obathandayo kunokukunceda ube nombulelo. Cinga ukuba yintoni oyithandayo kumntu ngamnye uze umxelele, noba umbhalele ileta, i-imeyile, umyalezo wefowuni okanye umxelele xa udibana naye. Le nto iza kuninceda nithandane kakhulu, ibe uza konwaba kuba wenze into entle.—IZenzo 20:35.

EMINYE IMIGAQO YEBHAYIBHILE

Ukuba ufuna ukumamela iBhayibhile erekhodiweyo, ungazidawunlowdela ku-jw.org. Ifumaneka ngeelwimi eziyi-40

SUKA KWINDAWO ENENGXABANO.

“Ukuqala kosukuzwano kunjengovulela amanzi; ngoko ngaphambi kokuba kuvele ingxabano, rhoxa.”​—IMIZEKELISO 17:14.

SUKUZIKHATHAZA NGEZINTO EZINGEKENZEKI.

“Ngoko, musani ukuxhalela ingomso, kuba ingomso liya kuba namaxhala alo. Imini nganye inobayo ububi obuyilingeneyo.”​—MATEYU 6:34.

CINGA NGAPHAMBI KOKUBA WENZE INTO NGENXA YOMSINDO.

“Amandla okucinga aya kukulinda, ukuqonda kuya kukulondoloza.”​—IMIZEKELISO 2:11.