Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | LIYA PHI ELI HLABATHI?

Liya Phi Eli Hlabathi?

Liya Phi Eli Hlabathi?

WATHI uqala nje unyaka ka-2017 babe oososayensi besithi kub’ emhlabeni! NgoJanuwari iqela loososayensi lathi kusele nje kancinci ukuba umhlaba ungene kweyona ngxaki ingazange ibonwe. Aba sosayensi bahambisela phambili usiba lwewotshi ekuthiwa ichaza ixesha lesiphelo ngemizuzwana nje eyi-30. Ngokwale wotshi, kusele kancinci ukuba ihlabathi lingene enkathazweni kunanini na ngaphambili!

Ngo-2018, oososayensi baza kuphinda bajonge ukuba sikufutshane kangakanani isiphelo seli hlabathi. Ngaba le wotshi iza kuphinda ithi isiphelo sifikile? Uthini wena? Ngaba lo mhlaba usengxakini? Kusenokuba nzima ukuphendula lo mbuzo. Kaloku nabantu abanolwazi bayaphikisana ngale nto. Abanye bathi akho kwasiphelo sizayo.

Izigidi zabantu zithi kuseza kuba mnandi nyhani kulo mhlaba. Aba bantu bathi banobungqina bokuba abantu baza kuhlala bekho emhlabeni kwaye baza kuphila ubomi obubhetele. Ngaba banyanisile? Ngaba nyhani eli hlabathi liya ngasesiphelweni?