Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Indlela Esinokuwonga Ngayo Umbane

Indlela Esinokuwonga Ngayo Umbane

SIXHOMEKEKE kumbane ukuze sifudumeze okanye sipholise amakhaya ethu. Sidinga ipetroli, idizili, igesi, njalo njalo ukuze sisebenzise iimoto zethu okanye senze ezinye izinto. Kodwa kubantu abaninzi ehlabathini ezi zinto ziyingxaki.

Eyona ngxaki kaGary waseMzantsi Afrika “kukunyuka kwamaxabiso epetroli.” EkaJennifer ohlala kwiPhilippines, yindlela abanokufumana ngayo umbane ongazokubanika zingxaki, ekubeni “kuxhaphake ukumka kombane.” Yena uFernando wase-El Salvador uthi “unexhala lokonakaliswa kwendalo.” Kumazwe amaninzi indlela ezifumaneka ngayo ezinye zezi zinto iyawungcolisa umoya.

Mhlawumbi uyazibuza, ‘Ndingalwa njani nezi ngxaki?’

Eyona ndlela kukuzisebenzisa kakuhle ezi zinto zichazwe ekuqaleni. Xa sizonga naxa sizisebenzisa kakuhle siyancedakala, asichithi mali ininzi kuzo. Sikhusela nendalo, kuba akubikho mfuneko yokuba zenziwe kakhulu.

Makhe sithethe ngeendlela ezintathu esinokuwusebenzisa kakuhle ngazo umbane, ipetroli nezinye: ekhaya, kwizithuthi, nezinto esizenza yonk’ imihla.

EKHAYA

Basebenzise kakuhle oomatshini bokufudumeza nokupholisa endlini. Olunye uhlolisiso olwenziwa kwilizwe laseYurophu lwabonisa ukuba, ebusika, ukwehlisa iqondo lubushushu nje kancinci kwisixhobo sokwenza kube shushu endlini yeyona nto iye yawonga kakhulu umbane kwisithuba nje esingangonyaka. NoDerek ohlala eKhanada uthi: “Intsapho yethu yonga umbane ngokunxiba iimpahla ezifudumeleyo endaweni yokusebenzisa isixhobo esenza kube shushu.”

Kuyafana ke naxa kushushu. URodolfo ohlala kwiPhilippines, akasisebenzisi nje nakanjani isixhobo sokupholisa endlini. Ngoba? Uthi, “Songa imali nombane.”

Xa ufudumeza okanye upholisa endlini vala iminyango neefestile. * Singawonga umbane ngokuvala umnyango xa sisebenzisa isixhobo sokufudumeza nokupholisa endlini. Ngokomzekelo, xa umnyango uvuliwe esi sixhobo sisebenzisa umbane omninzi kakhulu.

Abanye abantu abapheleli nje ekuvaleni iifestile neminyango ukuze bonge umbane, bafakela neefestile ezibugcinayo ubushushu.

Sebenzisa izibane ezonga umbane. UJennifer ebesikhe sathetha ngaye uthi: “Saziyeka izibane ezindala saza sasebenzisa ezintsha ezonga umbane.” Nakuba ezi zibane zibiza imali eninzi, aziwutyi kakhulu umbane, ibe zikongela imali.

IZITHUTHI

Ukuba kunokwenzeka, sebenzisa izithuthi zikawonke-wonke. UAndrew waseGreat Britain uthi: “Ngamanye amaxesha ndiye ndiphangele ngololiwe okanye ngebhayisekile.” Incwadi ethi Energy: What Everyone Needs to Know ibonisa ukuba “umntu nje omnye usebenzisa imali eninzi kwipetroli xa ehamba ngemoto kunayisebenzisa xa ekhwele ibhasi okanye uloliwe ongahambi mgama mde.”

Zazi iindawo oza kuya kuzo. Xa uceba kusengaphambili unokukwazi ukonga ipetroli, ixesha nemali ngokucutha iindawo obufuna ukuya kuzo.

UJethro ohlala kwiPhilippines, ubeka ecaleni imali yepetroli aza kuyisebenzisa ngenyanga. Uthi, “Le nto indenza ndikwazi ukuziceba kusengaphambili iindawo endinokukwazi ukuya kuzo.”

IZINTO ESIZENZA YONK’ IMIHLA

Sukuwasebenzisa kakhulu amanzi ashushu. Olunye uhlolisiso lubonisa ukuba, “kumzi ngamnye kusetyenziswa i-27 pesenti yombane kumanzi ashushu nje kuphela.”

Yonga umbane ngokungawasebenzisi kakhulu amanzi ashushu kuba ukufudumeza amanzi kuyawutya. UVictor waseMzantsi Afrika uthi: “Sizama kangangoko sinako ukungawasebenzisi kakhulu amanzi ashushu xa sihlamba.” Omnye usosayensi uSteven Kenway uthi: “Ukungawasebenzisi kakhulu amanzi ashushu kunceda kwizinto ezintathu, konga umbane namanzi, kongela inkampani yamanzi neyombane, nomninimzi akabhatali mali ininzi.”

Cima. Cima izibane nezinye izinto ezisebenzisa umbane njengeeTV neekhompyutha. Ezinye zazo zisenokuqhubeka ziwutya umbane ngoxa zicinyiwe. Ezinye iingcali zicebisa ukuba uzikhuphe eplagini okanye ucime iqhosha leplagi. UFernando ebesikhe sathetha ngaye uyayenza le nto, uthi: “Ndiyazicima izibane ndize ndizikhuphe eplagini izinto xa ndingazisebenzisi.”

Akhonto ingako sinokuyenza ngamaxabiso ombane, ipetroli, idizili nezinye, kungekho nento ingako esinokuyenza ngomonakalo eziwenzayo kumoya, kodwa singakwazi ukuzisebenzisa kakuhle. Ehlabathini lonke abantu bazama ukwenza loo nto. Yinyaniso kona ukuba akululanga ukuzonga kodwa cinga ngeendlela oncedakala ngazo. UValeria waseMexico uthi, “Ndonga imali yam ibe ndikhusela nendalo.”

^ isiqe. 10 Ukuze usisebenzise kakuhle isixhobo sokupholisa nokufudumeza, landela imiyalelo ekwincwadi ephume naso. Ngokomzekelo, ezinye zinendlela engaqhelekanga yokukhupha umoya okanye ziphuma zinencwadi enendlela yokuzisebenzisa esenokufuna kuvulwe umnyango okanye iifesitile xa zisebenza.