Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UKUNCEDA IINTSAPHO | UMTSHATO

Indlela Yokuthetha Ngeengxaki

Indlela Yokuthetha Ngeengxaki

INGXAKI

Xa wena neqabane lakho nithetha ngeengxaki, ngaba nithi nigqiba nibe ningavani? Ukuba kunjalo, ninako ukuphucula. Noko ke, umele uqale wazi izinto ezithile ngendlela ezahlukeneyo athetha ngayo amadoda nabafazi. *

OKO UMELE UKWAZI

Abafazi ngabantu abathanda ukuthetha phandle ngengxaki, ngaphambi kokuba beve isicombululo. Phofu ngamanye amaxesha ukuthetha nje ngengxaki kuba sesona sicombululo kubo.

“Ndiye ndizive ngcono emva kokuba ndimxelele umyeni wam indlela endivakalelwa ngayo, aze andive. Emva kokuba ndithethile, ndiye ndixole kwimizuzu nje embalwa.”—USirppa. *

“Andixoli xa ndingafumananga thuba lakumxelela umyeni wam eyona ndlela ndivakalelwa ngayo. Ukuthetha phandle kundenza ndiyilibale loo nto ibindikhathaza.”—U-Ae-Jin.

“Njengoko ndithetha, ndihlalutya nto nganye eyenzekileyo kuba ndizama ukufumana oyena nobangela.”—ULurdes.

Amadoda athanda ukuza nesicombululo. Siyaqondakala isizathu soko, kaloku xa indoda ize nesicombululo iziva ilulutho. Ukucombulula iingxaki yindlela ebonisa ngayo umfazi wayo ukuba ingamnceda xa esengxakini. Amadoda aye adideke xa isicombululo sawo singamkelwa. Umyeni ogama linguKirk uthi: “Ndiye ndingasiqondi isizathu sokuba uthethe ngengxaki xa ungafuni sicombululo!”

Incwadi ethi The Seven Principles for Making Marriage Work ilumkisa ngelithi: “Qala uve ngaphambi kokuba ucebise. Umele ulazise iqabane lakho ukuba uyavelana nalo ibe uyiqonda kakuhle indlela elivakalelwa ngayo ngaphambi kokuba uze nesicombululo. Amaxesha amaninzi umfazi wakho akafuni sicombululo, ufuna nje ummamele kakuhle.”

OKO UNOKUKWENZA

Madoda: Ziqheliseni ukuphulaphula ngovelwano. Umyeni ogama linguTomás uthi: “Ngamanye amaxesha ndiye ndicinge ukuba ‘akukho nto ndiyiphumezileyo’ ngokuphulaphula. Kodwa, amaxesha amaninzi eyona nto ifunwa ngumfazi wam kukuba ndimphulaphule.” Umyeni ogama linguStephen uyavuma. Uthi: “Ndikufumanisa kusebenza ukuphulaphula de agqibe umfazi wam xa ezityand’ igila. Amaxesha amaninzi, xa egqiba uye athi uziva ngcono kakhulu”

Zama oku: Xa uphinda ufuna ukulungisa ingxaki nomfazi wakho, kulumkele ukumnika icebiso engalicelanga. Mjonge emehlweni, kwaye ummamele kakuhle xa ethetha. Nqwala, umbonise ukuba uyavuma. Kuphinde oko akuthethayo ukuze abone ukuba ukunye naye. “Ngamanye amaxesha umfazi wam ufuna nje ukwazi ukuba ndiyamqonda kwaye ndikunye naye,” itsho njalo indoda enguCharles.—Umgaqo weBhayibhile: Yakobi. 1:19.

Bafazi: Waxeleleni amadoda enu, oko ningathanda akwenze. “Sisenokulindela ukuba amaqabane ethu akwazi oko sikufunayo, kodwa ngamanye amaxesha kufuneka sithethe,” utsho njalo umfazi ogama linguEleni. “Kukho into endiphazamisayo kwaye ndingathanda ukuba undimamele. Andifuni ukuba uyilungise, kodwa ndifuna nje uqonde indlela endivakalelwa ngayo,” ucebisa njalo umfazi onguYnez.

Zama oku: Ukuba umyeni wakho ukunika izicombululo ungamcelanga, sukucinga ukuba akakhathali. Isenokuba uzama ukunceda. Inkosikazi ekuthiwa nguEster uthi: “Kunokuba ndikhawuleze ndidikwe, ndiye ndizixelele ukuba umyeni wam undikhathalele yaye uyafuna ukundimamela nokundinceda.”—Umgaqo weBhayibhile: Roma 12:10.

Kumadoda nabafazi: Sidla ngokuphatha abanye ngendlela esifuna basiphathe ngayo. Kodwa ke, ukuze uyilungise kakuhle iingxaki umele ucinge ngendlela iqabane lakho ebelingathanda ukuphathwa ngayo. (1 Korinte 10:24) Umyeni ekuthiwa nguMiguel uthi: “Ukuba ungumyeni ziqhelise ukumamela. Ukuba ungumfazi kulungele ukuphulaphula izicombululo ngamanye amaxesha. Xa nikulungele ukuncama okuthile, nobabini niyazuza.”—Umgaqo weBhayibhile: 1 Petros 3:8.

^ isiqe. 4 Izinto esiza kuthetha ngazo, azisoloko zinjalo kweminye imitshato Kodwa ke, imigaqo esiza kuthetha ngayo kweli nqaku, inganceda nawuphina umntu otshatileyo aqonde indlela yokuthetha neqabane lakhe.

^ isiqe. 7 Amagama atshintshiwe kweli nqaku.