Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | AVELA PHI AMANDLA ANGAQHELEKANGA?

Umdla Kumandla Angaqhelekanga!

Umdla Kumandla Angaqhelekanga!

“Iivampire, abantu abazenza iingcuka nezithunzela—ukugxotha imimoya emdaka nabantu abaneedemon, ezi zizinto ezixhaphakileyo namhlanje.”—IThe Wall Street Journal.

IINCWADI, iimuvi nemidlalo yevidiyo, zonke zigcwele abantu abanamandla angaqhelekanga, amagqwirha angabantwana namadala kunye navuselela iinkanuko zokuziphatha ngokwesondo neevampire ezintle. Kutheni zithandwa kangaka ezi zinto? *

Uprofesa kwimicimbi yezentlalo uClaude Fischer uthi: “Kumashumi eminyaka edlulileyo, baye babaninzi kakhulu abantu abakholelwa kwizithunzela eMerika. Xa kuthelekiswa nabantu abadala baseMerika, liye laphindeka kabini inani labantu bakhona abasebatsha abathi bakhe baya kumaxhwele, bayakholelwa kwizithunzela nakwizindlu zeziporho.”

Amabali abantu abanemimoya engcolileyo aphinde axhaphaka ngendlela eyoyikisayo. Umbhali weThe Wall Street Journal, uMichael Calia uthi: “Into ebangela ukuba kuxhaphake abantu abaneedemon kukuba kule minyaka ilishumi idlulileyo kuye kwanda izithunzela, abantu abazenza iingcuka kunye neevampire.”

Enye ingxelo ithi “ehlabathini lonke liye landa kakhulu inani labantu abakholelwa kwiziporho, kwaye kuthethwa kakhulu ngazo kwiincwadi ezininzi ezithandwayo.” Uhlolisiso olwenziwe ngooprofesa kwimicimbi yezentlalo, uChristopher Bader kunye noCarson Mencken baseMerika, “lubonisa ukuba liyothusa inani labantu baseMerika abakholelwa kuhlobo oluthile lwezinto ezenziwa ngamandla angaqhelekanga.”

Ngaba ukuba nento yokwenza nale mimoya ingcolileyo namandla angaqhelekanga kukuzonwabisa nje okungeyongozi?

^ isiqe. 4 Amandla angaqhelekanga: Yinto “abangakwaziyo ukuyichaza oososayensi nengekhoyo kwimithetho yendalo.”—IMerriam-Webster’s Learner’s Dictionary.