Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UVUKANI! No. 2 2017 | Avela Phi Amandla Angaqhelekanga?

IiMuvi neenkqubo zeTV zibonisa abantu abanamandla angaqhelekanga—amagqwirha neevampire.

Ucinga ntoni? Ngaba kukuzonwabisa okungeyongozi okanye bukhona ubungozi obufihlakeleyo?

Lo “Vukani!” uthetha ngesizathu sokuba abantu babe nomdla omngaka kumandla angaqhelekanga nento ayiyo amandla angaqhelekanga.

 

INQAKU ELINGUMXHOLO

Umdla Kumandla Angaqhelekanga!

Amagqwirha, iivampire, imimoya emdaka , nezithunzela zezinye zezinto ezitsala umdla wabantu. Yintoni ebangela babenomdla omngaka?

INQAKU ELINGUMXHOLO

Ifundisa Ntoni IBhayibhile Ngemimoya Engcolileyo?

Nangona abantu bengaqiniseki ncam xa kuthethwa ngokuvumisa okanye amandla angaqhelekanga, iBhayibhile ithetha into ecacileyo. Zithini iZibhalo ngale nto ibe kutheni?

NGABA YADALWA?

Indlela Ehlala Ngayo Inyosi Eyenza Ubusi

Yintoni ebangela ukuba indlela ehlala ngayo le nyosi ibe ngowona mzekelo wokwenza iirobhothi ezibhabhayo?

UKUNCEDA INTSAPHO

Xa Umzali Esweleka

Ukuswelekelwa ngumzali kubangela intlungu engathethekiyo. Yintoni enokunceda abantu abasebatsha bamelane neemvakalelo ababanazo?

Abantwana Abasentlungwini Yokuswelekelwa

IBhayibhile yabanceda njani abantu abasebatsha abathathu bakwazi ukumelana nokuswelekelwa lilungu lentsapho?

AMAZWE NABANTU

Ukutyelela ESpeyin

ISpeyin lilizwe elinabantu abahlukahlukeneyo ibe indlela ome ngayo umhlaba yahlukile. ESpeyin kwenziwa kakhulu okona kutya kuthandwayo ukodlula onke amanye amazwe ehlabathini.

IMBONO YEBHAYIBHILE

Umnqamlezo

Abantu abaninzi bathi umnqamlezo umela ubuKristu. Ngaba uYesu wafela emnqamlezweni? Ngaba abafundi bakaYesu babewusebenzisa umnqamlezo xa benqula?

Ngaba Ufuna Ukuyazi Kakuhle IBhayibhile?

Yazi oko kubalulekileyo noko kungabalulekanga ukuze wazi oko kufundiswa yiBhayibhile.

Izinto Ezingakumbi Ezifumaneka Kwi-intanethi

Ndingamelana Njani Nentlungu?

Ulutsha lubalisa ngento eye yalunceda lwanyamezela.

Ngaba Iidemon Zikho Ngokwenene?

Ziyintoni iidemon? Zivela phi?