Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ithini IBhayibhile?

Ithini IBhayibhile?

Ngaba uThixo uphendula yonke imithandazo?

UBUNOKUTHI UTHIXO UPHENDULA IMITHANDAZO . . .

  • Yabantu bonke

  • Yabantu abathile

  • Akaphenduli kwamntu

OKO KUTHETHWA YIBHAYIBHILE

“Usondele uYehova kubo bonke . . . abo bambiza ngenyaniso.”​—INdumiso 145:18.

ENYE INTO ESIYIFUNDA EBHAYIBHILENI

  • UThixo akayimameli imithandazo yabo bangamthobeliyo. (Isaya 1:15) Kodwa ke, ‘banokulungelelanisa imicimbi’ naye ngokutshintsha iindlela zabo.​—Isaya 1:18.

  • Ukuze uThixo awuphendule umthandazo, kufuneka uvisisane nemigaqo yakhe eseBhayibhileni.​—1 Yohane 5:14.

Ngaba kufuneka sime ngendlela ethile xa sithandaza?

ABANYE ABANTU BAKHOLELWA ukuba bamele baguqe, bathobe intloko, okanye babambane ngezandla xa bethandaza. Uthini wena?

OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE

UThixo waphulaphula imithandazo yabo babethandaza ‘behleli phantsi,’ ‘bemile,’ ‘beziwise phantsi’ okanye ‘beguqile.’ (1 Kronike 17:16; 2 Kronike 30:27; Ezra 10:1; IZenzo 9:40) Akalindelanga ukuba sime ngendlela ethile xa sithandaza.

YINTONI ENYE INTO ESINOKUYIFUNDA EBHAYIBHILENI?