Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“UBukumkani Bakho Mabufike”—Lo Ngumthandazo Owenziwa Ngabantu Abaninzi

“UBukumkani Bakho Mabufike”—Lo Ngumthandazo Owenziwa Ngabantu Abaninzi

Wakhe wawenza umthandazo othi: “UBukumkani bakho mabufike”? Sekuyiminyaka emininzi usenziwa. Kutheni abantu besoloko besenza lo mthandazo? Kungenxa yokuba uYesu wayalela abafundi bakhe ukuba bathandazele uBukumkani bukaThixo.

Ekuqaleni, abalandeli bakaYesu babengaziqondi zonke izinto ngoBukumkani. Ngenye imini bambuza bathi: “Nkosi, ububuyisela ngeli xesha na ubukumkani kuSirayeli?” Inoba babengayilindelanga impendulo kaYesu, kuba zange abaxelele ukuba buza kufika nini kanye kanye. (IZenzo 1:6, 7) Ngaba le nto ithetha ukuba soze sazi ukuba yintoni uBukumkani bukaThixo nokuba buza kufika nini? Hayi!

Le Mboniselo iza kuphendula le mibuzo:

  • Kutheni sidinga uBukumkani bukaThixo?

  • Ngubani uKumkani woBukumkani bukaThixo?

  • Buza kufika nini uBukumkani bukaThixo?

  • Buza kwenza ntoni uBukumkani bukaThixo?

  • Kutheni ufanele ubuxhase kwangoku uBukumkani bukaThixo?

  • Yintoni uBukumkani bukaThixo?