UVUKANI! Oktobha 2015 | Imibuzo Eyi-3 Abantu Abangathanda Ukuyibuza UThixo
Abantu abaninzi bayazithandabuza yaye abanelisekanga ziimpendulo zemibuzo yobomi abazifumana ecaweni. Kodwa iBhayibhile ineempendulo ezanelisayo zemibuzo abasoloko beyibuza.
INQAKU ELINGUMXHOLO
Imibuzo Emithathu Abantu Abangathanda Ukuyibuza UThixo
Siphilela ntoni? Kutheni uThixo evuma ukuba abantu bangcungcutheke? Kutheni iinkonzo zizele yinkwalambisa?
NGABA YADALWA?
Untulo WaseOstreliya Onesikhumba Esifunxa Amanzi
Lo ntulo uwatsala njani amanzi ukusuka emilenzeni, atyhubele emzimbeni aye kufika emlonyeni?
AMAZWE NABANTU
Ukutyelela EUzbekistan
Funda ngeUzbekistan nangesizathu sokutshintsha kweealfabhethi zaseUzbek.
UKUNCEDA INTSAPHO
Xa Kufuneka Ubuyele Ekhaya
Ngaba wakhe wemka ekhaya wazama ukuzihlalela, waza wabethwa yimeko yezoqoqosho? Nanga amacebiso aluncedo anokukunceda.
Xa Ugulelwa Ngumntu Omthandayo
Ukubhuka nokuhlala ixesha elide esibhedlele kuphelisa umonde. Ungamnceda njani umhlobo okanye isalamane sinyamezele xa kunzima?
OKWENZEKA EHLABATHINI
Makhe Sithethe Ngentsapho
Ziziphi ezinye zeengxaki ezixhaphakileyo eziba nazo iintsapho? Zingalifumana phi icebiso lokuzinceda?
Izinto Ezingakumbi Ezifumaneka Kwi-intanethi
Ngaba Izinto Zadalwa Okanye Zazivelela?—Inxalenye 1: Kutheni Ukholelwa KuThixo?
Ngaba awungethandi ukuzithemba nangakumbi xa ucacisa isizathu sokuba ukholelwe kuThixo? Fumana amacebiso eendlela zokuphendula xa umntu ethandabuza iinkolelo zakho.
Ngaba Izinto Zadalwa Okanye Zazivelela?—Inxalenye 2: Kutheni Ufanele Ungayikholelwa Into Yokuba Izinto Zazivelela?
Izibakala ezithathu ezibalulekileyo zokuba ufanele ukholelwe kwelokuba izinto zadalwa.
Isifundo 9: “UYehova . . . Wadala Zonke Izinto”
Uyazi ukuba uThixo waqala ngantoni ukudala? Funda kunye noSihle ukuba ziintoni ezadalwa kuqala.

