Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 INQAKU ELINGUMXHOLO | INDLELA ONOKUNYAMEZELA NGAYO XA KUSEHLA IINTLEKELE

Xa Kusehla Iintlekele

Xa Kusehla Iintlekele

INTLEKELE yehla nakubani na nanini na, yehla nakwabo babonakala bengaswele nto.

IBHAYIBHILE ITHI:

“Ukukhawuleza asikokwababalekayo, idabi asilolabanamandla, nokutya asikokwezilumko, nobutyebi asibobabanokuqonda, kwanobabalo asilolwabanokwazi; ngenxa yokuba bonke behlelwa lixesha nasisihlo esingenakubonwa kwangaphambili.”—INtshumayeli 9:11.

Ngoko ke umbuzo awukho sekubeni uza kwehlelwa yintlekele kodwa usekubeni uza kwenza ntoni xa isehla. Ngokomzekelo:

  • Ungathini xa unokonakelelwa zizo zonke izinto onazo kwintlekele yemvelo?

  • Ungathini xa kunokufunyaniswa ukuba unesifo esibuhlungu esinganyangekiyo?

  • Kuthekani ukuba ufelwe ngumntu omthandayo?

AmaNgqina kaYehova, abapapashi bale magazini, bakholelwa ekubeni iBhayibhile ayinakukunceda ekunyamezeleni ezi ntlungu nje kuphela kodwa ingakunceda nasekubeni ube nethemba eliqinileyo. (Roma 15:4) Khawufunde kula mava mathathu alandelayo.