Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Okwenzeka Ehlabathini

Okwenzeka Ehlabathini

ESwitzerland

Uhlolisiso olwenziwe eSwitzerland lubonisa ukuba maninzi amathuba okuba abantu abaneminyaka engaphezu kwe-60 bafe ngemihla yabo yokuzalwa kunokuba kunjalo ngezinye iimini. Abantu abaninzi badla ngokuhlaselwa yintliziyo ngemihla yabo yokuzalwa, yaye abafazi abaninzi bafa icala ukanti amadoda wona aye azibulale. Izazinzulu zithi uxinezeleko notywala zifaka isandla kwiingozi nasekuzibulaleni kwabantu abaninzi. Ezinye iingcali ziyaziphikisa iziphumo zolu phando, kuba zisithi ukungqamana komhla wokuzalwa nowokufa kusenokuba yimpazamo nje eyenziwa ngabasemagunyeni xa babebhala iinkcukacha zabafi.

KwaSirayeli

Xa beye bafaka ifoto yabo kwisicelo somsebenzi, abafana abaziinzwana banamathuba amaninzi okubizelwa kudliwano-ndlebe; amabhinqa amahle wona akafane abizwe. Ngoba? Abaphandi bakwaSirayeli bathi kungenxa yokuba kumasebe ajongene nokuqasha abantu kukho amabhinqa amaninzi. Iphephandaba iThe Economist lithi, “likhwele elenza la mabhinqa angafuni ukuqasha amanye amahle.”

EUnited States

Kutshanje, unongendi oneminyaka engama-82 kunye noogxa bakhe ababini abayichasileyo imfazwe, nabaneminyaka engama-63 nama-57—baye bangena kwisakhiwo esigcina iitoni ezili-100 zezinto zokwenza izixhobo zenyukliya eOak Ridge, eTennessee, baza babhala kwiindonga zaso imibhalo echasene neemfazwe. USosiba we-Energy Department, uSteven Chu wathi, ukuqhekezwa kuze kungenwe “kwesinye sezona zakhiwo ekucingwa ukuba zezona zikhuselekileyo emhlabeni ­kuyothusa.”

EOstreliya

Eyona nkundla iphakamileyo kweli lizwe ithi iinkampani ezithengisa icuba zifanele zingasebenzisi imibala eyahlukahlukeneyo kwiipakethi zecuba. Ngoku zonke iipakethi zecuba kufuneka zingabi namizobo emibalabala kodwa kufuneka zibe nombala omnye omdaka, onemifanekiso ebonisa indlela ekuyingozi ngayo ukutshaya.