Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukunceda Ulutsha Luphephe “Isithethe Sokubulala”

Ukunceda Ulutsha Luphephe “Isithethe Sokubulala”

Ukunceda Ulutsha Luphephe “Isithethe Sokubulala”

Yintoni le ibangel’ umdla ongaka kumbandela wokufa kwabaselula namhlanje? Ummeli karhulumente, waseIllinois, eUnited States, uHenry Hyde wathi: “Abantu abaselula babhuqwa liphango lokomoya elithi lizaliswe sisithethe sokubulala nogonyamelo.”

UMFUNDI othile wephephancwadi iTime wabhala esithi: “Kungenxa yabazali abonqenayo, ukuzonwabisa ngogonyamelo nokuswela imilinganiselo yokuziphatha neyokomoya kwimvelaphi yalo okubangela esi sithethe sokubulala phakathi kolutsha lwethu namhlanje.”

Ubulolo buyenye yeengxaki ezinkulu ezithwaxa abo bafikisayo. Bambi bahlala kumakhaya apho bobabini abazali basebenzayo yaye ababikho phantse imini yonke; abanye banomzali omnye nje kuphela. Ngokutsho kwenye ingxelo, abafikisayo baseUnited States bachitha malunga neeyure ezisisi-3,5 bebodwa yonk’ imihla baze bachithe ixesha elingaphantsi ngeeyure ezili-11 nabazali babo veki nganye kunokuba babekade besenjenjalo abaselula kwiminyaka yee-60. Enyanisweni, abanye abaselula abanabazali okanye abayifumani kwaphela inkxaso engokweemvakalelo kubazali babo.

Oko Kunokwenziwa Ngabazali

Ibaluleke kangakanani indima yabazali ngokuphathelele “iphango lokomoya” elithwaxa abaselula? Abazali abalumkileyo bayaqonda ukuba kwelinye icala abantwana babo kufuneka bafumane ulonwabo olwakhayo kwelinye icala, kufuneka bafumane rhoqo inkxaso yobuqu. Beshukunyiswa ngumdla wothando, abazali banokuthetha nabo ngeendidi zomculo, iinkqubo zikamabonwakude, iividiyo, iinoveli, imidlalo yevidiyo nemifanekiso eshukumayo abayithandayo. Nangona abantu abaselula besenokungakubonisi oko, uninzi lwabo lunomnqweno wokuthandwa nokukhokelwa ngothando ngabazali balo. Bafuna iimpendulo ezingqalileyo kuba baphila kwihlabathi elizaliswe ngamathandabuzo. Abantu abadala bafanele baqonde ukuba abantwana bajamelana nehlabathi elintsonkothe ngakumbi kunokuba lalinjalo ngexesha lobutsha babo.

Abazali abanqwenela ukukhusela abantwana babo baya kuncokola nabo rhoqo, babaphulaphule ngokwenene, baze babalumkise ngeengozi ezibandakanyekileyo kwindlela ekuphilwa ngayo namhlanje. Xa abazali bebeka imithetho eluqilima baze basoloko bebambelele kuyo besebenzisa ingqiqo nobubele kubantwana babo, ngokuqhelekileyo baya kufumana imiphumo emihle.—Mateyu 5:37.

Abazali abangamaNgqina kaYehova benza umgudu ukuze baxubushe rhoqo nabantwana babo, besebenzisa iBhayibhile neempapasho neevidiyo ezisekelwe eBhayibhileni. a Basebenzisa izihlandlo ezinjalo, kungekhona ukuze bangxolise abantwana babo, kodwa ukuze baqwalasele imibandela eyakhayo ngokomoya. Kwezi zihlandlo zokuhlanganisana kwentsapho, baphulaphula iingxaki nocelomngeni oluchaphazela ngamnye kubantwana babo ukuze ulutsha lube nethuba lokufumana ingqalelo yobuqu.

Nabaselula abangafumani lukhokelo lokomoya kubazali babo banako ukomelezwa ngamazwi eNdumiso 27:10, athi: “Nokuba ubawo noma bangandishiya, ke yena uYehova uya kundithabatha.” UYehova, uBawo onenceba, unokubanceda njani abaselula? Amabandla amaNgqina kaYehova ebesoloko elikhusi apho abaninzi baye bafumana uthando lwabanye abantu yaye aye aphela amathandabuzo abo. UJosías, umfana oselula owakufumanisa kuyinyaniso oko ugqabaza enjenje: “Intlangano kaYehova inendima enkulu. Ndandivakalelwa kukuba ubomi abunanjongo. Ndandiphila ubomi obungenanjongo, ndingenathemba. Ukwazi ukuba ubani akayedwa kwabuguqula ubom bam ngokupheleleyo. Ndazibonela ukuba abazalwana abasebandleni bayintsapho endaphulukana nayo. Abadala neentsapho ezisebandleni bafana neankile ngokweemvakalelo.”

Enyanisweni, ulutsha oluninzi nabantu abadala abaninzi baye baphucula impilo yabo ngokwasengqondweni nangokomoya ngokuya rhoqo kwiintlanganiso zebandla zamaNgqina kaYehova. Sithetha ngale miphumo mihle kwisincoko saso esithi Los Testigos de Jehová: una alternativa religiosa para enfrentar el fin del milenio (AmaNgqina KaYehova: Unqulo Ekunokuphetshelwa Kulo Ukuze Kumelwane Nesiphelo Seli Waka Leminyaka), isazinzulu ngentlalo yoluntu uPatricia Fortuny sathi: “AmaNgqina kaYehova anomyalelo ocacileyo wenkqubo enokusetyenziswa kubomi bemihla ngemihla, imithetho engqalileyo esebenza njengesikhokelo kwindlela yokucinga neyokwenza izinto.” “Umyalelo” “nomthetho” ekubhekiselwa kuwo apha usekelwe eBhayibhileni. Ngenxa yoko, nangona amaNgqina kaYehova ejamelana neengxaki neengcinezelo ezifanayo nabamelwane bawo, omelezwa bubulumko obukhethekileyo baloo ncwadi yakudala. Ewe, amaNgqina afumana indawo yokusithela kwimfundiso nemigaqo ecacileyo efumaneka eBhayibhileni.

Xa ‘Ukufa Kuya Kube Kungasekho’

Imfundiso enikelwa kwiiHolo zoBukumkani zamaNgqina kaYehova ibethelela ngokuphindaphindiweyo idinga likaThixo lehlabathi elitsha eliza kuqalisa kungekudala, apho “kumi ubulungisa” yaye apho ‘kungayi kubakho bani ubangcangcazelisayo.’ (2 Petros 3:13; Mika 4:4) Ngaphezu koko, umprofeti uIsaya uthi ngelo xesha uThixo “uya kuginya ukufa ngonaphakade, yaye iNkosi enguMongami uYehova ngokuqinisekileyo iya kosula iinyembezi ebusweni bonke.” Ukufa kuluphethel’ imbengwane uluntu njengomphumo wokona komntu wokuqala, uAdam, kodwa uThixo uthembisa ukuba kungekudala ‘akusayi kubakho kufa.’—Isaya 25:8; ISityhilelo 21:3, 4; Roma 5:12.

Ukuba ungosemtsha ofuna uncedo, siyakumema ukuba ufumane ithemba nesizathu sokuphila, kumaphepha eBhayibhile. Ngoncedo lwamaNgqina kaYehova, unokuba nethemba lokuba siseza kuwafumana awona maxesha alungileyo kwihlabathi elitsha uThixo asithembisa lona.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ividiyo ethi Young People Ask—How Can I Make Real Friends? yenziwe yiWatch Tower Bible and Tract Society of New York, Inc. Okwangoku ifumaneka ngesiNgesi yaye inikela uncedo olusebenzayo kubantu abaselula.

[Umfanekiso okwiphepha 9]

Abazali bafanele baziphe ixesha baze babaphulaphule ngokwenene abantwana babo yaye baziqonde iingxaki zabo

[Imifanekiso ekwiphepha 10]

“AmaNgqina kaYehova anomyalelo ocacileyo wenkqubo enokusetyenziswa kubomi bemihla ngemihla”