Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iingozi Zokuhamba Ucela Ukukhweliswa Zizithuthi Ezidlulayo

Iingozi Zokuhamba Ucela Ukukhweliswa Zizithuthi Ezidlulayo

Iingozi Zokuhamba Ucela Ukukhweliswa Zizithuthi Ezidlulayo

NGUMBHALELI KAVUKANI! EOSTRELIYA

Ngosuku olugqats’ ubhobhoyi lwasehlotyeni ngowe-1990, indoda yaseBritani eneminyaka engama-24 ubudala uPaul Onions ixwaye ubhaka yayihamba icela ukukhweliswa zizithuthi ezidlulayo kwiHume Highway, emazantsi eSydney, eOstreliya. UPaul wabulela gqitha xa wakhweliswa ngumntu angamaziyo. Wayengazi ukuba ukukhwela apho kwakuza kubeka ubomi bakhe engozini. a

ENGABONI ngozi, uPaul wahlala kwisihlalo esingaphambili kuloo nqwelo-mafutha waza wancokola nomqhubi. Kwimizuzu nje engephi lo mqhubi ubonakala enesisa waba ndlongondlongo baza baxambulisana. Ngesiquphe lo mqhubi wamisa inqwelo-mafutha, esithi ufuna ukukhupha iikhasethi zomculo phantsi kwesitulo. Wakhupha, kungekhona iikhasethi, kodwa umpu—awawalatha esifubeni sikaPaul.

Engakusi so oko akuxelelwa ngumqhubi ukuba ahlale, ngokukhawuleza uPaul wakhulula ibhanti yesihlalo, watsiba kwinqwelo-mafutha, waza wacela kwabanentsente esenyuka uhola wendlela. Lo mqhubi wamleqa ngeenyawo, ebonwa ngabanye abaqhubi. Ekugqibeleni wamfumana, wamthi hlasi ngeskipa, wamwisa phantsi. UPaul waphuncuka, waza wabalekela phambi kweveni eyayisiza, enyanzela umqhubi owayetyhwatyhwa, umama nabantwana, ukuba ame. UPaul wamcenga, waza lo mama wamvumela wangena, waza wayijika iveni ngokukhawuleza yabuyela umva, waza wabaleka. Kamva kwafunyaniswa ukuba lowo wayehlasela uPaul yayingumntu owayebulele abantu abaninzi nowayesandul’ ukubulala abantu abasixhenxe abaxwaye oobhaka, abanye ababehamba njengezibini becela ukukhweliswa zizithuthi ezidlulayo.

Yintoni eyenza la maxhoba ukuba abe ngamaxhoba anomtsalane kulo mbulali? Kwityala lombulali, ijaji yathi: “Ngamnye kula maxhoba wayeselula. Ayephakathi kwe-19 nama-22 eminyaka ubudala. Ngamnye wayekude nekhaya, nto leyo eyayithetha ukuba babengayi kuphawulwa ngokukhawuleza ukuba kwakungenzeka nantoni na kubo.”

Inkululeko Yokukhenketha

Abantu abaninzi kakhulu namhlanje bayakwazi ukutyelela amazwe ngamazwe kunakwiminyaka embalwa edluleyo. Ngokomzekelo, kwiminyaka nje emihlanu, inani labantu baseOstreliya abatyelela iAsia liye laphindeka ngaphezu kwesibini. Befuna amava okanye ukuba ngamadela-ngozi, abaninzi abakwishumi elivisayo nabantu abafikisa kubuntu obudala bakhwela iinqwelo-moya besinge kwiindawo ezikude. Abaninzi kwaba bahambi baceba ukuhamba becela ukukhweliswa zizithuthi ezidlulayo ukuze bagcine iindleko zabo ziphantsi. Ngelishwa, kwinkoliso yeendawo emhlabeni, ukuhamba ucela ukukhweliswa zizithuthi ezidlulayo akusabangeli mdla kangako yaye ingeyiyo neyona ndlela ikhuselekileyo yokukhenketha eyayiyiyo ngaphambili—enoba ngabo bacela ukukhweliswa okanye ngabo babakhwelisayo.

Akwanele nje ukuba nesimo sengqondo esihle nehlombe ngokukhenketha kodwa kufuneka sihluzeke engqondweni kwaye sibe zizilumko. Incwadana ebhalelwe iintsapho ezifunisa ngabantwana abalahlekileyo ithi: “Ihlombe lokufuna ukukhenketha ngokufuthi lithetha ukuba abantu abaselula bahamba bengalulungiselelanga ngokwaneleyo uhambo yaye bengaziqondi ngokupheleleyo iingozi okanye iimbopheleleko zabo.”

Le ncwadana yongezelela isithi: “Abantu abahamba neqela elicwangcisiweyo lokukhenketha, abakwezoshishino, okanye abalandela uluhlu olucwangciswe kakuhle lweendawo abaza kuzityelela abafane balahleke. Enoba iseOstreliya okanye kwelinye ilizwe, inkoliso yabantu ekugqibeleni abalahlekayo, kubonakala ingabo baxwaya oobhaka baze bahambe ngeendlela ezibiza ixabiso eliphantsi.”

Enoba ubani uhamba ecela ukukhweliswa zizithuthi ezidlulayo okanye akunjalo, ukuhamba ngaphandle koluhlu olucetyiweyo lweendawo aza kuzityelela—nangona kunomtsalane kwabanye abafuna ukuba nenkululeko yokuya apho bafuna ukuya khona—kunokumshiya ubani esengozini. Xa izalamane nabahlobo bengazi ukuba uphi lowo ukhenkethayo, abakwazi kunceda xa kunokuvela ingxaki. Ngokomzekelo, kuthekani ukuba lowo ukhenkethayo ulele esibhedlele yaye akukho namnye owaziyo ekhaya apho akhoyo?

Ukuhlala Unxibelelana

Kwincwadi yayo ethi Highway to Nowhere, intatheli yaseBritani uRichard Shears yabhala ngabantu abahamba becela ukukhweliswa zizithuthi ezidlulayo abalahlekileyo abaye “bayeka ukunxibelelana neentsapho nabahlobo babo.” Kakade ke, okokuqala, iintsapho zisenokungaqiniseki enoba izizalwana zazo ziye zalahleka okanye azinxibelelani nazo kusini na. Oku kusenokuzenza zibe madolw’ anzima ukuxelela abasemagunyeni xa zingeva nto ngabo bakhenkethayo.

Omnye wabahamba becela ukukhweliswa zizithuthi ngokufuthi incoko yakhe nabazali bakhe yayiqhawuka xa ephelelwa yimali. Becinga ngoku kusengaphambili, abazali bakhe babongoza iintsapho ukuba zinike abantwana bazo amakhadi okutsal’ umnxeba okanye enye indlela yokutsalela umnxeba ekhaya. Nangona oku kwakusenokungabusindisi ubomi beli bhinqa liselula, ukunxibelelana ngokuthe rhoqo ngokufuthi kunokunceda lowo ukhenkethayo ukuba akuphephe, okanye ubuncinane awasingathe kakuhle amagingxigingxi angephi.

Abantu abasixhenxe abaxwaye oobhaka abaphulukana nobomi babo mhlawumbi baye bafunda kwiincwadi zokukhenketha ukuba iOstreliya yenye yamazwe akhuseleke kakhulu emhlabeni kubantu abahamba becela ukukhweliswa zizithuthi ezidlulayo. Sekunjalo, ukuhamba ucela ukukhweliswa zizithuthi kuyingozi—nokuba nibabini yaye nikwawona mazwe “akhuselekileyo.”

[Umbhalo osemazantsi]

a Kufanele kuphawulwe ukuba ukuhamba ucela ukukhweliswa zizithuthi ezidlulayo akukho mthethweni kwezinye iindawo.

[Umfanekiso okwiphepha 25]

Abazali banokukuphepha ukukhathazeka ngokungeyomfuneko ngokunika abantwana babo amakhadi okutsala umnxeba okanye enye indlela yokutsalela umnxeba ekhaya