Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA ESETYENZISWA NGAYO IMINIKELO YAKHO

Kuncedwa Kwabantu Abehlelwe Yintlekele Ngo-2022—Kuboniswa Uthando Lobuzalwana

Kuncedwa Kwabantu Abehlelwe Yintlekele Ngo-2022—Kuboniswa Uthando Lobuzalwana

NGOJANUWARI 1, 2023

 IBhayibhile yayichaze kwakudala ukuba kule mihla yethu kuza kubakho iimfazwe, iinyikima, izifo ezingubhubhani, nezinye “izinto ezoyikekayo.” (Luka 21:10, 11) Eso siprofeto siye saqhubeka sizaliseka nakunyaka wenkonzo ka-2022. a Ngokomzekelo, imfazwe yaseUkraine iye yaqhubeka, ibe le nto iye yatshintsha ubomi babantu abaninzi. Emhlabeni wonke bekuzanywa ukulungisa umonakalo owenziwe yikhorona. Enye into, baye babaninzi kakhulu abantu abaye bangena engxakini ngenxa yeentlekele, njengenyikima ebiseHaiti neenkanyamba ebizikuMbindi Merika, iiPhilippines, nakumzantsi mpuma eAfrika. AmaNgqina kaYehova abancede njani abo baye behlelwa yintlekele?

 Kunyaka wenkonzo ka-2022, intlangano iye yanceda abanye abantu abaye basengxakini ngenxa yeentlekele eziyi-200! Xa siyibala yonke imali esiyisebenzisileyo, iphantse ibe yi-R208 miliyon. Khawujonge indlela iminikelo esetyenziswe ngayo ukuze kuncedwe abantu abaye basengxakini ngenxa yeentlekele ezimbini.

Inyikima EbiseHaiti

 NgoAgasti 14, 2021, kumzantsi waseHaiti kuye kwahlasela inyikima enkulu. Okubuhlungu kukuba kuye kwasweleka oodade ababini nomzalwana omnye. Abo bashiyekileyo kuye kwafuneka banyamezele ukonzakala kunye nentlungu eyenziwe yile nyikima. Omnye umzalwana ekuthiwa nguStephane uthi: “Kwindawo esihlala kuyo kwakusweleka abantu abaninzi kangangokuba qho ngeveki kwakubakho imingcwabo emininzi de kwagqitha iinyanga ezimbini.” Kanti omnye umzalwana ekuthiwa nguÉliézer yena uthi: “Abanye abazalwana babengenandawo zokuhlala, iimpahla nezihlangu, kwakunye nezinye izinto abazidingayo. Kwagqitha iinyanga abantu abaninzi besoyika ngenxa yendlela abothuka ngayo xa kwakusenzeka intlekele.”

 Intlangano yethu yakhawuleza yanceda. Isebe laseHaiti lanikela ngeetoni ezingaphezu kweziyi-53 zokutya, iintente, oomatrasi, neetshaja zesolar ukuze kugcwaliswe iifowuni. Enye into, kunyaka wenkonzo ka-2022, kuye kwakhiwa kwaza kwalungiswa amakhaya angaphezu kwayi-100. Sisebenzise imali engaphezu kwe-R17 miliyon.

Kuhanjiswa ukutya, eHaiti

 Abazalwana noodade babulela kakhulu. ULorette uthi: “Inyikima yayidiliza yonke indlu yethu yaza yamosha nezinto esasiziphilisa ngazo. Sasingenayo nento yotya. Kodwa intlangano kaYehova yasinceda, yasinika zonke izinto esasizidinga.” UMicheline yena uthi: “Inyikima yadiliza indlu endandihlala kuyo noonyana bam ababini. Ndandingayazi ukuba mandithini ngoko ndathandaza, ibe uYehova wandiphendula esebenzisa intlangano yakhe. Ngoku sinendlu eyakhiwe kakuhle esihlala kuyo. Ndizimisele ukwenza konke ekusemandleni am ukuze ndibonise uYehova ukuba ndiyambulela.”

 Abasemagunyeni bazibona izinto esasizenza ukuze sincede. Umphathi wakwidolophu yaseL’Asile wathi: “Intle kakhulu into eniyenzileyo ngokukhawuleza nizonceda. Iyancomeka nento yokuba nibahlonipha abasemagunyeni. Kuyavuyisa ukwazi ukuba le nto aniyenzeli ukufumana mali, kodwa niyenza kuba ninothando ibe nifuna ukunceda abantu.”

Bekukho Inkanyamba UAna EMalawi NaseMozambique

 Nge-24 kaJanuwari, 2022, kwenzeka inkanyamba uAna eMozambique yaza yonyuka ngentshona yayokufikelela eMalawi. Kwakunetha izikhukula, nomoya ubhudla ngeekhilomitha eziyi-100 ngeyure nje enye. Yaqhawula iintambo zombane, yadiliza neebhulorho, kwakukho nezikhukula.

 AmaNgqina kaYehova angaphezu kwayi-30 000 eMalawi naseMozambique aba neengxaki ngenxa yale nkanyamba. Omnye umzalwana owayenceda abo behlelwe yintlekele, uCharles uthi: “Xa ndabona indlela abazalwana ababehlungu ngayo, nezinto ezazibalahlekele, ndakhathazeka kakhulu, ndingayazi noba ndincede njani.” Enye into embi kukuba, iindawo ababekufumana kuzo ukutya, nezinto ababezityalile zakhukuliseka. Abaninzi balahlekelwa ngamakhaya abo. Okubuhlungu kukuba, omnye umzalwana waswelekelwa ngumfazi wakhe neentombi zakhe ezincinci ezimbini, xa bakhukuliseka emanzini.

Umzi odilikileyo wentsapho yamaNgqina, eMozambique

Umzi ophinde wakhiwa

 Le nkanyamba yayimbi kakhulu. Ngo-01:00 ezinzulwini zobusuku kwidolophu yaseNchalo eMalawi, intsapho yakwaSengeredo yeva ingxolo yamanzi eyoyikisayo. Imilambo emibini yagcwala kakhulu yade yaphuphuma! Umzalwana uSengeredo wathi mabaphume endlini. Wanceda kuba kungagqithanga xesha lide, izikhukula zayidiliza loo ndlu. Izinto zabo zamoshakala, ezinye zemka namanzi. Le ntsapho yaqonda ukuba mayiye kwiHolo yoBukumkani, ibe yayidla ngokuhamba imizuzu eyi-30 ukusuka endlini. Kodwa ngaloo mini, yahamba iiyure ezimbini. Bade bafika kodwa bediniwe ibe bemanzi.

 Isebe laseMalawi nelaseMozambique lakhawuleza laqalisa ukulungiselela ukunceda abo behlelwe yintlekele. Lacela abaveleli nabadala ukuba bajonge ukuba badinga ntoni abazalwana noodade baze babakhuthaze. Kwamiselwa iiKomiti Zokunceda Abo Behlelwe Yintlekele ukuze zijonge indlela owawuza kwenziwa ngayo umsebenzi. Ezi komiti zakhawuleza zaqalisa ukunceda abazalwana ngokutya nezinye izinto abazidingayo. Kwasetyenziswa imali engaphezu kwe-R572 000 ukuze kuncedwe abantu. Engaphezu kwe-R5,2 miliyon yasetyenziswa ukuze kulungiswa kuze kwakhiwe izindlu.

 Iikomiti ezincedayo zayisebenzisa kakuhle imali, ibe loo nto ibalulekile kuba izinto zidura. Ngokomzekelo, kwiinyanga eziyi-7 zokuqala xa zazinceda, ixabiso leflour eMalawi lonyuka de kwacaba lizophindana kabini. Ipetrol neparafin nazo zonyuka. Ukuze bayisebenzise kakuhle imali, abazalwana bathenga ukutya okuninzi ngexesha elinye kunye nezinto zokwakha. Ngenxa yaloo nto, bafumana isaphulelo ibe zange kudingeke babhatale imali eninzi yokuthutha.

 Lo msebenzi uchukumise iintliziyo zabantu bakaYehova. Umzalwana oseMozambique, uFelisberto uthi: “Zange ndayibona intlangano enikela ngezinto ezininzi kangaka: izinto zokwakha, ezokuthutha, abasebenzi bokwakha, ukutya, nokhokelo. Umsebenzi owenziweyo ulubonisa ngokucacileyo uthando lwabazalwana awathetha ngalo uYesu kuYohane 13:34, 35.” UEster, ongumhlolokazi eMalawi wadilikelwa ngumzi ibe uthi: “Ndaphelelwa lithemba kuba ndingangenamali ncam yokwakha enye indlu. Ngoko xa abazalwana bafikayo baza bandakhela, ndaziva ngathi sendiseParadesi.”

 Njengoko sisondela kwihlabathi elitsha, silindele ukuba kwenzeke nezinye iintlekele. (Mateyu 24:7, 8) Kodwa ngenxa yeminikelo yakho, siqinisekile ukuba abantu bakaYehova baza kulufumana uncedo abaludingayo. Iindlela zokunikela zichaziwe ku-donate.jw.org. Enkosi kakhulu ngobubele bakho.

a Unyaka wenkonzo ka-2022 waqala ngoSeptemba 1, 2021, waza waphela ngoAgasti 31, 2022.