Yiya kwinkcazelo

NGABA YADALWA?

ISea Cucumber Yenziwe Ngendlela Emangalisayo

ISea Cucumber Yenziwe Ngendlela Emangalisayo

 ISea cucumber sisilwanyana esihlala ezantsi emanzini nakumatye aphantsi kwamanzi. Umzimba wayo ngamanye amaxesha uba namaqhuma ngamanye uyahlaba. Kwalo mzimba uyakwazi ukutshintsha-tshintsha, uthambe njengodongwe okanye uqine njengeplanga ngemizuzu okanye imizuzwana nje embalwa. Le nto iyayinceda isea cucumber ukuba ikwazi ukuthubeleza kwiindawo ezincinci ize iqine xa kusiza utshaba.

 Khawucinge ngoku: Isea cucumber iyakwazi ukuzitshintsha kude kube kathathu. Iyakwazi ukuqina, ukungaqini kakhulu nokuthamba. Ukuze ikwazi ukutshintsha-tshintsha incedwa lufele lwayo. Kolu fele lwayo kukho iiprotein zokuyenza iqine iphinde ithambe.

 Ezi protein ziyadibana uze umzimba uqine. Xa zohlukene ezi protein umzimba uye uthambe. Isea cucumber iyakwazi ukuthamba kakhulu ide ibengathi iyanyibilika.

 Oososayensi bazama ukwenza izinto eziza kusebenza njengomzimba wesea cucumber. Eyona nto bayifunayo kukwenza iielectrodes eziza kusetyenziswa xa kusenziwa utyando engqondweni. Bafuna ezi electrodes ziqine ukuze zikwazi ukuhlala kwiindawo zazo kodwa kwangaxeshanye zithambe ukuze zingayonakalisi ingqondo. Xa zikwazi ukutshintsha-tshintsha ngale ndlela, umzimba awuzokuzikhaba.

 Ucinga ntoni? Ngaba Isea cucumber yazivelela? Okanye ngaba yadalwa?