Yiya kwinkcazelo

Ithini IBhayibhile Ngokuqhunkqa Nangokunxiba Izacholo?

Ithini IBhayibhile Ngokuqhunkqa Nangokunxiba Izacholo?

Impendulo esuka eBhayibhileni

IBhayibhile ayikugxeki ukuqhunkqa, ukunxiba izacholo okanye ezinye iindlela zokuzilungisa nangona ingathethi kakhulu ngazo. Kunokuba ithethe kakhulu ngobuhle, iBhayibhile ithi simele ‘sifake isivatho esingenakonakala somoya ozolileyo nowobulali.’​—1 Petros 3:3, 4.

IBhayibhile ayikugxeki ukuzilungisa

  • Amabhinqa athembekileyo aseBhayibhileni ayezilungisa. URebheka owatshata nonyana ka-Abraham uIsake wayenxibe ikhonkco lempumlo legolide, izacholo zegolide ezifakwa ezandleni nezinye izacholo ezibiza imali eninzi awayeziphiwe nguAbraham owayeza kuba nguyise-zala. (Genesis 24:22, 30, 53) NoEstere wanikwa ‘izinto zakhe zokuthambisa’ xa wayeza kuba yikumkanikazi kuBukhosi BasePersi. (Estere 2:7, 9, 12) Kuyabonakala ukuba wayenikwe izinto zokuthambisa ezahlukahlukeneyo.

  • Imizekeliso eseBhayibhileni ithetha kakuhle ngezacholo. Ngokomzekelo, umntu onika omnye icebiso elihle ufaniswa ‘necici legolide. . . kwindlebe evayo.’ (IMizekeliso 25:12) NoThixo wafanisa indlela awayesiphatha ngayo isizwe sakwaSirayeli nomyeni onika umtshakazi wakhe amacici, izacholo ezifakwa engalweni nasemqaleni. Ezo zinto zenza esi sizwe ‘saba sihle kakhulu.’​—Hezekile 16:11-13

Ubuxoki ngokuqhunkqa nokunxiba izacholo

Ubuxoki: Kweyoku-1 kaPetros 3:3, iBhayibhile iyakugxeka ‘ukolukwa kweenwele nokufakwa kwezihombo zegolide.’

Inyaniso: Le vesi ibonisa ukuba eyona nto ibalulekileyo eBhayibhileni bubuhle bangaphakathi kunokuzilungisa ngaphandle. (1 Petros 3:3-6) Zikhona nezinye iivesi zeBhayibhile eziyibonisayo loo nto.​—1 Samuweli 16:7; IMizekeliso 11:22; 31:30; 1 Timoti 2:9, 10

Ubuxoki: ‘Isithambiso esimnyama’ sasiqatywa emehlweni nguKumkanikazi uIzebhele ongendawo ibe oko kubonisa ukuba ukuqhunkqa akufanelekanga.​—2 Kumkani 9:30.

Inyaniso: UIzebhele owayekhafula nowayengumbulali wagwetywa ngenxa yezinto ezimbi awayezenza kungekhona ngenxa yendlela awayekhangeleka ngayo.​—2 Kumkani 9:7, 22, 36, 37.