Ngaba Izilwanyana Ziyaya Ezulwini?

Ngaba Izilwanyana Ziyaya Ezulwini?

Impendulo yeBhayibhile

 IBhayibhile ifundisa ukuba kuzo zonke izidalwa eziphilayo emhlabeni, bambalwa abantu abaya ezulwini. (ISityhilelo 14:1, 3) Baya ezulwini ukuze bayokulawula kunye noYesu Kristu njengookumkani nababingeleli. (Luka 22:28-30; ISityhilelo 5:9, 10) Abantu abaninzi baza kuvuswa ukuze baphile kumhlaba oyiparadesi.—INdumiso 37:11, 29.

 IBhayibhile ayithethi ngokuba kukho izulu lezilwanyana ibe inesizathu esihle sokwenza loo nto. Izilwanyana azikwazi ukwenza izinto ezidingekayo ukuze ‘zibizelwe ezulwini.’ (Hebhere 3:1) Enye yezi zinto kukufunda, ukubonisa ukholo nokuthobela imithetho kaThixo. (Mateyu 19:17, Yohane 3:16; 17:3) Ngabantu kuphela abadalwa banethemba lokuphila ngonaphakade.—Genesis 2:16, 17; 3:22, 23.

 Abo banethemba lokuphila ezulwini baza kuvuselwa khona. (1 Korinte 15:42) IBhayibhile ithetha ngabantu abaninzi abavuswayo. (1 Kumkani 17:17-24; 2 Kumkani 4:32-37; 13:20, 21; Luka 7:11-15; 8:41, 42, 49-56; Yohane 11:38-44; IZenzo 9:36-42; 20:7-12) Kodwa ayithethi ngezilwanyana ezavuswayo.

 Ngaba izilwanyana zinawo umphefumlo?

 Hayi. IBhayibhile ithi izilwanyana nabantu bayimiphefumlo. (Numeri 31:28) Xa uAdam oyindoda yokuqala wadalwa, akazange anikwe umphefumlo kodwa “waba ngumphefumlo ophilayo.” (Genesis 2:7, umbhalo osemazantsi) Umphefumlo wenziwa zizinto ezimbini: “ngothuli lomhlaba” kunye ‘nempefumlo yobomi.’

 Ngaba umphefumlo uyafa?

 Ewe, iBhayibhile ifundisa ukuba umphefumlo uyafa. (Levitikus 21:11, umbhalo osemazantsi; Hezekile 18:20) Xa izilwanyana nabantu besifa bonke babuyela eluthulini lomhlaba. (INtshumayeli 3:19, 20) Ngamanye amazwi izilwanyana nabantu abaphili.

 Ngaba izilwanyana ziyakwazi ukwenza isono?

 Hayi. Ukwenza isono kuthetha ukucinga, ukuziva okanye ukwenza into engavumelaniyo nemithetho kaThixo. Ukuze isidalwa sikwazi ukwenza isono, simele sikwazi ukwenza isigqibo kodwa izilwanyana azikwazi ukwenza loo nto. Zidla ngokwenza loo nto ithe qatha kuzo kubomi bazo obufutshane. (2 Petros 2:12) Emva koko ziyafa nangona zingenzanga sono.

 Ngaba kwamkelekile ukuphatha kakubi izilwanyana?

 Hayi. UThixo wanika abantu igunya phezu kwezilwanyana hayi ukuze baziphathe kakubi. (Genesis 1:28, INdumiso 8:6-8) UThixo uyikhathalele indlela eziphathwa ngayo izilwanyana, kwaneentaka ezincinci. (Yona 4:11; Mateyu 10:29) Wayalela abakhonzi bakhe ukuba baziphathe kakuhle izilwanyana.—Eksodus 23:12; Duteronomi 25:4; IMizekeliso 12:10.