Yiya kwinkcazelo

KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE

Yeremiya 11:11—“Ndibazisela Ububi”

Yeremiya 11:11—“Ndibazisela Ububi”

“Ngoko ke uthi uYehova, ‘Ndibazisela intlekele abangazukwazi ukuyibaleka. Xa bendikhwaza becela uncedo, andizukubamamela.’”—Yeremiya 11:11, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.

“Ngako oko utsho uYehova ukuthi, yabona, ndibazisela ububi abangayi kuba nako ukuphuma kubo; bakhale kum, ndingabaphulaphuli.”—Yeremiya 11:11, IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996.

Into ethethwa kuYeremiya 11:11

 UThixo wayethetha namaYuda awayephila ngexesha lomprofeti uYeremiya. Ngenxa yokuba abantu babengayihoyi imithetho kaYehova, a bengamameli nokulungiswa ngothando ngabaprofeti bakhe, wayengazukubakhusela kwimiphumo emibi yeendlela zabo.—IMizekeliso 1:24-32.

 “Ngoko ke uthi uYehova.” Igama elithi “ngoko ke” lidibanisa iivesi ezingaphambili nezo zilandelayo. KuYeremiya 11:1-10, uYehova waxelela abantu bakhe ukuba basaphula isivumelwano awayesenze nookhokho babo. (Eksodus 24:7) Endaweni yokuba akhonze uMdali wabo, amaYuda akhonza izithixo. Le nto yakhuthaza zonke iintlobo zobubi—nokubingelela ngabantwana!—Yeremiya 7:31.

 “Ndibazisela intlekele.” Amaxesha amaninzi iBhayibhile xa isithi uThixo wenze into ithetha ukuba uyayivumela. Ibe yinyani njani kule meko? Ngokukhonza oothixo bobuxoki nokungayimameli imiyalelo kaYehova eyayiza kubanceda, abantu bakhe bazibizela intlekele. UThixo wayeka ukubakhusela. Ngenxa yaloo nto, utshaba olunamandla ukumkani waseBhabhiloni wayoyisa iYerusalem waza wathatha nabantu bayo. Oothixo bobuxoki ababebathembile zange babancede.—Yeremiya 11:12; 25:8, 9.

 Ngokuvumela ezo zinto zibuhlungu ukuba zenzeke kubantu bakhe, loo nto yayingabonisi ukuba uThixo ukhohlakele. UYakobi 1:13 uthi: “Kuba uThixo akanakulingwa ngezinto ezimbi, ibe naye akalingi mntu,” Ewe kona ezinye iinguqulelo zisithi uThixo uza kuwazisela ububi amaYuda.” Ngoko ke, igama b eliguqulelwe ngokuthi “ubungendawo ku Yeremiya 11:11 likwathetha “intlekele”—eli gama liyichaza kakuhle into embi eyehlela amaYuda.

 “Xa bendikhwaza becela uncedo, andizukubamamela.” UYehova akayimameli imithandazo yabantu ‘abanezandla ezigcwele igazi’ okanye abo bathembela ngoothixo bobuxoki. (Isaya 1:15; 42:17) Kodwa, uyabamamela abo baguqukayo kwizinto ezimbi baze babuyele kuye.—Isaya 1:16-19; 55:6, 7.

Into ekuthethwa ngayo kuYeremiya 11:11

 Ngonyaka ka-647 B.C.E., UYehova wathuma uYeremiya ukuba abe ngumprofeti wakhe. Kangangeminyaka eyi-40, uYeremiya walumkisa abantu bakwaYuda ngomgwebo uThixo awayeza kubazisela wona. Kodwa zange bamamele. Ngelo xesha, lo mprofeti wabhala phantsi amazwi afumaneka kuYeremiya 11:11. Ekugqibeleni, ngo-607 B.C.E., izinto awayezithethile lo mprofeti zenzeka xa amaBhabhiloni oyisa iYerusalem.—Yeremiya 6:6-8; 39:1, 2, 8, 9.

 Incwadi kaYeremiya inawo nomyalezo wethemba. UYehova wathi: “Xa kuphela iminyaka eyi-70, . . . ndiza kuyenza into endinithembise yona ngokunibuyisela kulendawo [eYerusalem].” (Yeremiya 29:10) UYehova wasenza esi sithembiso ngo-537 B.C.E., emva kokoyiswa kweBhabhiloni ngamaMedi namaPersi. UYehova wavumela abantu bakhe ababegcwele kwisixeko saseBhabhiloni ukuba babuyele elizweni labo, baze banqule uThixo oyinyaniso.—2 Kronike 36:22, 23; Yeremiya 29:14.

 Bukela le vidiyo emfutshane ethetha ngencwadi kaYeremiya.

a Igama elithi “Jehovah” ligama lesiNgesi elaziwayo elimela oonobumba besiHebhere begama likaThixo. Ukuze wazi ukuba kutheni iinguqulelo ezininzi zeBhayibhile zisebenza isibizo esihi “Nkosi” endaweni yegama likaThixo, jonga inqaku elithi “Ngubani UYehova?

b IZibhalo zesiHebhere ezidla ngokubizwa ngokuba yiTestamente Endala, zazibhalwe ngesiHebhere nesiAramiki.