Yiya kwinkcazelo

KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE

Isaya 41:10—“Sukoyika Kuba Ndinawe”

Isaya 41:10—“Sukoyika Kuba Ndinawe”

 “Sukoyika, kuba ndinawe. Sukuba nexhala kuba ndinguThixo wakho. Ndiza kukuqinisa, nakanjani ndiza kukunceda, ndiza kukubamba ngesandla sam sasekunene sobulungisa.”—Isaya 41:10, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.

 “Ngoko ke ndinawe, sukoyika, ndinguThixo wakho, sukuphakuzela. Ndiza kukomeleza ndikusize, amandla am asindisayo akuxhase akukhusele.”—Isaya 41:10, IBhayibhile YesiXhosa Yango1996.

Into Ethethwa NguIsaya 41:10

 UYehova a uThixo ubenza baqiniseke abakhonzi bakhe abathembekileyo ukuba uza kubanceda nokuba badibana neyiphi ingxaki.

 “Ndinawe.” UYehova ubanika isizathu sokuba bangoyiki abakhonzi bakhe kuba uthi ababodwa. Uyayibona into eyenzeka kubo, ayive nemithandazo yabo, ngoko kuba ngathi ukuloo ndawo bakuyo.—INdumiso 34:15; 1 Petros 3:12.

 “NdinguThixo wakho.” UYehova ubenza bazole abakhonzi bakhe ngokubakhumbuza ukuba unguThixo wabo, futhi bona bangabakhonzi bakhe. Bamele baqiniseke ukuba akho nto inokwenza uThixo angabancedi.—INdumiso 118:6; Roma 8:32; Hebhere 13:6.

 “Ndiza kukuqinisa, nakanjani ndiza kukunceda, ndiza kukubamba ngesandla sam sasekunene sobulungisa.” Uphindaphinda into enye ngeendlela ezintathu ezingafaniyo ukuze abonise ukuba uza kubanceda nyhani abakhonzi bakhe. Wenza babe nombono wendlela aza kubanceda ngayo xa benengxaki. Xa umntu ewile, uThixo unokolula isandla sakhe amtsale avuke.—Isaya 41:13.

 UThixo usebenzisa iBhayibhile ukuze aqinise futhi ancede abakhonzi bakhe. (Yoshuwa 1:8; Hebhere 4:12) Ngokomzekelo, iBhayibhile ibanika amacebiso anokubanceda abantu abalambayo, abagulayo okanye abaswelekelwe ngabantu ababathandayo. (IMizekeliso 2:6, 7) UThixo unokusebenzisa nomoya wakhe oyingcwele okanye amandla asebenzayo ukuze ancede abakhonzi bakhe bakwazi ukucinga kakuhle bangaxakwa ziingxaki abanazo.—Isaya 40:29; Luka 11:13.

Into Ekuthethwa Ngayo KuIsaya 41:10

 La mazwi athuthuzela amaYuda athembekileyo awaye athinjelwa eBhabhiloni. UYehova wachaza kusengaphambili ukuba xa amaYuda eza kukhululwa ekuthinjweni kwakuza kubakho iindaba zokuba iintshaba zawo, zaziza kutshabalalisa iintlanga ezikufutshane, zoyikise neBhabhiloni. (Isaya 41:2-4; 44:1-4) IBhabhiloni neentlanga ezikufutshane zaziza koyikiswa zezi ndaba, kodwa wona amaYuda ayengena kuba naxhala kuba uYehova wayeza kuwakhusela. Wawaqinisekisa ngamazwi athi, “sukoyika,” kwade kwakathathu.—Isaya 41:5, 6, 10, 13, 14.

 Ekuqaleni, uYehova wenza kwabhalwa la mazwi akuIsaya 41:10 ukuze kuncedwe amaYuda awayethinjwe eBhabhiloni. Kodwa waqiniseka ukuba ayagcinwa ukuze abakhuthaze bonke abakhonzi bakhe. (Isaya 40:8; Roma 15:4) Nanamhlanje unceda uyabanceda ngendlela awayesenza ngayo kudala.

Funda uIsaya isahluko 41, imibhalo esemazantsi ecacisayo, kunye neembekiselo.

a UYehova ligama likaThixo.—INdumiso 83:18.