Yiya kwinkcazelo

KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE

Filipi 4:8—“Hlalani Nicinga Ngezinto Eziyinyaniso”

Filipi 4:8—“Hlalani Nicinga Ngezinto Eziyinyaniso”

 “Okokugqibela bazalwana, hlalani nicinga ngezinto eziyinyaniso, izinto ezibalulekileyo, izinto ezibubulungisa, izinto ezicocekileyo, izinto ezithandekayo, izinto ekuthethwa kakuhle ngazo, izinto ezinesidima, nezinto ezincomekayo.”—Filipi 4:8, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.

 “Mandiphethe ngelithi, mawethu, hlalani nicinga ngezinto eziyinyaniso nezindilisekileyo nazo zonke izinto ezilungileyo nezinyulu, zonke ezithandekayo nezinesidima, nangezinto ezintle ngokupheleleyo kwanezincomekayo.”—Filipi 4:8, IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996.

Oko Kuthethwa NgamaFilipi 4:8

 UThixo unomdla kwizinto abantu abazicingayo, kuba izinto esizenzayo siqala sizicinge. (INdumiso 19:14; Marko 7:20-23) Ngoko ke, abantu abafuna ukuthandwa nguThixo bafanele bazame ukuyeka ukucinga izinto angazithandiyo baze bacinge ngezo ziza kumvuyisa.

 Le vesi ithetha ngezinto eziyi-8 amaKristu kufuneka ‘ahlale ezicinga.’

  •   “Eziyinyaniso.” Eli gama lichaza izinto ezintle onokuzithemba, njengezo zikwiLizwi LikaThixo iBhayibhile.—1 Timoti 6:20.

  •   “Ezibalulekileyo.” Apha akuthethwa ngezinto ezingabalulekanga okanye ezingenamsebenzi. Kodwa xa umKristu ecinga ngezi zinto uye azimisele nakakhulu ukwenza izinto ezilungileyo.—Tito 2:6-8.

  •   “Ezibubulungisa.” Eli gama lichaza izinto ezilungileyo ngokwemigaqo kaThixo, hayi ngokwendlela abantu abacinga ngayo.—IMizekeliso 3:5, 6; 14:12.

  •   “Ezicocekileyo.” Eli gama lithetha ukucoceka ezintweni zonke, kungekuphela kwizinto ezinokwenza nokwabelana ngesondo kuphela.—2 Korinte 11:3.

  •   “Ezithandekayo.” Eli gama lichaza izinto ezivuyisayo ezenza umntu abe nothando endaweni yokuba acaphuke.—1 Petros 4:8.

  •   “Ekuthethwa kakuhle ngazo.” Le nto ithetha ngezinto ezenza umntu aziwe kakuhle, nezingenokubakhathaza abantu abahlonipha uThixo.—IMizekeliso 22:1.

  •   “Ezinesidima.” Eli gama lichaza ukuziphatha ngendlela uThixo afuna ngayo, nangendlela elunge ngandlela zonke.—2 Petros 1:5, 9.

  •   “Ezincomekayo.” Eli gama lichaza izinto ezithandekayo, ingakumbi emehlweni kaThixo. Lichaza nezinto ezincomekayo ezenziwe nguThixo ibe kubalulekile ukuba abantu bacingisise ngazo.—INdumiso 78:4.

Umongo WamaFilipi 4:8

 Umpostile uPawulos wayevalelwe eRoma xa wayebhalela amaKristu aseFilipi ileta. Sekunjalo, abahlalutyi beBhayibhile bathi le leta “yileta yovuyo” kuba inezinto ezivuyisayo ibe ibonisa uthando.—Filipi 1:3, 4, 7, 8, 18; 3:1; 4:1, 4, 10.

 UPawulos wayebathanda abazalwana nodade baseFilipi, ibe wayefuna nabo bavuye baze babe noxolo njengaye. (Filipi 2:17, 18) Ngoko xa wayegqibezela le leta yakhe, wabakhuthaza ukuba bahlale bevuya, babe bhetyebhetye, bangayeki ukuthandaza kuThixo, baze bahlale becinga izinto ezaziza kubenza babe noxolo ngaphakathi kunye noxolo noThixo.—Filipi 4:4-9.

 Bukela le vidiyo imfutshane, ukuze ubone nezinye izinto ongazifunda kwincwadi yamaFilipi.