Yiya kwinkcazelo

KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE

Eksodus 20:12—“Hlonipha Utata Wakho Nomama Wakho”

Eksodus 20:12—“Hlonipha Utata Wakho Nomama Wakho”

 “Hlonipha utata wakho nomama wakho, ukuze uphile ixesha elide kwilizwe akunika lona uYehova uThixo wakho.”—Eksodus 20:12, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.

 “Mhlonele uyihlo ndawonye nonyoko, khon’ ukuze ube nokuzinza kwelo lizwe ndikunika lona mna Ndikhoyo Thixo wakho.”—Eksodus 20:12, IBhayibhile YesiXhosa Yango1996.

Into Ethethwa KwiEksodus 20:12

 UThixo wayalela amaSirayeli ukuba abahloniphe abazali bawo. Ngokubaxelela into eza kwenzeka xa bethobela lo mthetho, wayebanika esinye isizathu sokuwuthobela. Nangona amaKristu engawuthobeli uMthetho uThixo awawunika amaSirayeli, kodwa isekhona into esinokuyifunda kuwo. Lo Mthetho kaYehova, usifundisa izinto ezinokusinceda, ngoko ubalulekile.—Kolose 3:20.

 Abantwana abancinci nabadala bahlonipha abazali babo ngokubathobela nokubamamela. (Levitikus 19:3; IMizekeliso 1:8) Noba sebebadala abantwana, beneentsapho zabo, bafanele baqhubeka bebathanda futhi bebanceda abazali babo. Ngokomzekelo bayaqiniseka ukuba abazali babo bayabakhathalela naxa bebadala. Banokubanika nemali xa beyidinga.—Mateyu 15:4-6; 1 Timoti 5:4, 8.

 Ubonile ukuba abantwana bamaSirayeli kwakufuneka bathobele ootata noomama babo? Le nto yayisenza babone indlela umama abaluleke ngayo kwintsapho. (IMizekeliso 6:20; 19:26) Nanamhlanje abantwana bafanele benze le nto ifanayo.

 Umthetho wokuhlonipha abazali wawusoloko unezinto ekwakufuneka zenziwe. Umntwana womSirayeli wayengafanelanga athobele abazali bakhe okanye umntu ukuba loo nto yayiza kwenza angamthobeli uThixo. (Duteronomi 13:6-8) Nanamhlanje ke, amaKristu ‘amele athobele uThixo kunabantu.’—IZenzo 5:29.

 KuMthetho uThixo awawunika amaSirayeli, wathembisa abantwana abathobela abazali babo ukuba ‘babeza kuphila ixesha elide yaye. . . Baphumelele’ kwilizwe abalinikwa nguThixo. (Duteronomi 5:16) Babengazukusifumana isohlwayo esasinikwa abantwana abakhulileyo ababengawuthobeli umthetho kaThixo, bengabamameli nabazali babo. (Duteronomi 21:18-21) Ngenxa yexesha esikulo, into esiyifundayo kuloo mithetho itshintshile. (Efese 6:1-3) Noba sibancinci okanye sibadala siza kuphendula kuMdali wethu. Futhi into ayithembisileyo yokuba abantwana bathobele yena nabazali babo, iza kwenzeka. Phofu banethemba lokuphila ngonaphakade.—1 Timoti 4:8; 6:18, 19.

Into Ekuthethwa Ngayo KwiEksodus 20:12

 Sinokufunda into ebangela umdla kwindawo ovela kuyo umthetho okwiEksodus 20:12 wemithetho elishumi. (Eksodus 20:1-17) Imithetho evela ngaphambi kwawo, icacisa izinto uThixo awayefuna zenziwe ngamaSirayeli njengokumkhonza. Emva koko kuvela imithetho echaza izinto ekwakufuneka zenziwe ngabantu, njengokuthembeka kumntu otshate naye nokungebi. Ngoko umthetho othi, “hlonipha utata wakho nomama wakho” wawudibanisa imithetho emibini eyahlukeneyo.

Funda iEksodus isahluko 20, imibhalo esemazantsi, neembekiselo.