Yiya kwinkcazelo

Xelisa Ukholo Lwabo—Amadoda Namabhinqa AseBhayibhileni

La manqaku athetha ngamadoda namabhinqa aseBhayibhileni awabonisa ukholo. a Aba bantu kuthethwa ngabo eBhayibhileni nemizekelo yabo yokholo ingakunceda nawe uqinise olwakho uze usondele kuThixo.

a Ukuze ukwazi ukuba nombono wezi zinto zazisenzeka kula mabali okholo, kula manqaku kufakwe nezinye izinto ezingachazwanga yiBhayibhile. Ezi zinto zongeziweyo ziye zaphandwa kakuhle ukuze kuqinisekwe ukuba aziphikisani nento ebalisa eBhayibhile nayimbali yakudala kunye nezinto ezifunyenwe ngabembi bezinto zakudala.

Creation to the Flood

UAbheli—“Nangona Wafayo, Usathetha”

Sinokufunda ntoni kuAbheli nokholo lwakhe ekubeni iBhayibhile ingathethi kangako ngaye?

UEnoki: “Wayemkholisa UThixo”

Ukuba wondla intsapho yakho okanye awukwazi ukumela inyaniso, unokufunda lukhulu kukholo lukaEnoki.

“Wahamba NoThixo Oyinyaniso”

Ziziphi iingxaki uNowa awajongana nazo ekukhuliseni abantwana? Balubonisa njani ukholo ekhwakheni umkhombe?

Wasindiswa “Nabanye Abasixhenxe”

UNowa nentsapho yakhe basinda njani kwelona xesha lalinzima embalini yabantu?

The Flood to the Exodus

UAbraham—‘UYise wabo Bonke Abo Banokholo’

UAbraham walubonisa njani ukholo? Ziziphi iindlela ongathanda ukuluxelisa ngayo ukholo luka-Abraham?

USara: “Ungumfazi Omhle Ngembonakalo”

EYiputa, uFaro neenkosana zakhe babona indlela amhle ngayo uSara. Into eyenzeka emva koko ingakothusa.

UThixo Wambiza Ngokuthi “Nkosazana”

Kutheni lalimfanela eli gama litsha uSara?

URebheka​—“Ndikulungele Ukuhamba”

Ukongezelela kukholo, uRebheka wayenazo nezinye iimpawu ezintle.

“Ncedani, Niliphulaphule Eli Phupha”

Iingxaki ezazikho kwintsapho yakuloYosefu zinesifundo esibalulekileyo kwiintsapho zemitshato yesibini namhlanje.

“Ndingathini Ukwenza Obu Bubi Bukhulu Kangaka?”

UYosefu wambhebhetha njani umfazi kaPotifare xa wayefuna ukulala naye?

“AsikokukaThixo Na Ukutolika?”

Yintoni eyanceda uYosefu walitolika ngokuzithemba iphupha lomngcamli, lentloko yababhaki nelikaFaro? Kwenzeka njani ukuba asuke entolongweni aye kwibhotwe likakumkani nje ngosuku olunye?

“Ndisesikhundleni SikaThixo Yini Na?”

Ngaba nikhe naphehluzeliswa ngumona, ukutyan’ izithende, nokucaphukelana entsatsheni yakho? Ukuba kunjalo, ibali likaYosefu lingakunceda.

UYobhi—“Andizukuyeka Ukuba Msulwa”

Ibali eliseBhayibhileni likaYobhi lingasinceda njani xa sineengxaki ezinkulu okanye izinto zisoloko zingasihambeli kakuhle okanye xa sifunyenwe lolunye uvavanyo?

Yobhi​—UYehova Wayipholisa Intlungu Yakhe

Ukuba sixelisa ukholo lukaYobhi, loo nto iza kumcaphukisa uSathana ize iyivuyise intliziyo kaYehova!

The Exodus to Israel’s First King

URahabhi ‘Wavakaliswa Elilungisa Ngemisebenzi’

Ibali likaRahabhi libonisa njani ukuba sonke sibalulekile kuYehova? Sinokufunda ntoni kukholo lwakhe?

“Ndaphakama Njengomama KwaSirayeli”

Ibali eliseBhayibhileni likaDebhora, linokusifundisa ntoni ngokholo nesibindi?

URute—“Apho Uya Khona Ndiya Kuya”

Yintoni eyabangela uRute akulungele ukushiya intsapho yakowabo kunye nelizwe lakhe? Ziziphi iimpawu awazibonisayo ezamenza waxabiseka kuYehova?

URute—‘Umfazi Obalaseleyo’

Kutheni umtshato kaRute noBhohazi ukhethekile? Yintoni esinokuyifunda kuRute noNahomi ngendlela yokwakha ikhaya?

Wakhuphela Imbilini Yakhe KuThixo Ngomthandazo

Ukholo uHana awayenalo kuYehova lwamnceda wakwazi ukumelana nemeko eyayibonakala ingenasisombululo.

‘Waqhubeka Ekhulela KuYehova’

Yintoni le yayingaqhelekanga ngoSamuweli? Yintoni eyancedayo ekukhuliseni ukholo lwakhe ngoxa wayesemnqubeni?

Wanyamezela Ngaphezu Nje Kokuphoxeka

Sonke siyabufumana ubunzima nokuphoxeka okuvavanya ukholo lwethu. Ukunyamezela kukaSamuweli kunokusifundisa ntoni?

Israel’s First King to Jesus’ Birth

UYonatan​—“Akukho nto inokuma endleleni kaYehova”

UYonatan nomphathi wezixhobo zakhe bayokuhlasela umkhosi wamaFilisti, ibe zange ilibaleke lonto.

UDavide—“LelikaYehova Idabi”

Yintoni eyabangela ukuba uDavide amoyise uGoliyati? Sifunda ntoni kwibali likaDavide?

UDavide noYonatan​—“Abahlobo Abasenyongweni”

Kwenzeka njani ukuba abantu ababini abakhule ngendlela engafaniyo nabalinganiyo ngeminyaka babe ngabahlobo abavana kanje? Into eyenzeka kubo, ingakunceda njani wena namhlanje?

UAbhigali Wasebenzisa Ingqiqo

Yintoni esinokuyifunda kumtshato ka-Abhigali owawuneengxaki?

UEliya Walumela Unqulo Olunyulu

Sinokumxelisa njani uEliya xa sijamelene nabantu abangavumelaniyo neemfundiso zeBhayibhile?

UEliya Wabukela Waza Walinda

Umprofeti uEliya wabonisa njani ukulinda ngomthandazo njengoko wayelinde ukuba uYehova azalisekise isithembiso sakhe?

UEliya Wathuthuzelwa NguThixo Wakhe

Ziintoni ezenzekayo ezabangela uEliya watyafa wade wacela nokufa?

UEliya Wanyamezela Nakuba Kwakungekho Okusesikweni

Ngaba ukhe waphathwa ngokungekho sikweni? Awunqweneli ukubona xa uThixo elungisa ezo ngxaki? Funda ngendlela onokuluxelisa ngayo ukholo lukaEliya.

UEliya​—Wanyamezela Ubomi Bakhe Bonke

Umzekelo kaEliya usinceda ukuba nathi siqine elukholweni xa sineengxaki.

Wafunda Kwiimpazamo Zakhe

Ngaba unokumvela uYona kuloyiko analo lokwamkela isabelo? Ibali lakhe lisifundisa ngenceba kaYehova.

UYona Wafunda Isifundo Sokuba Nenceba

Ibali likaYona lingasinceda njani sizihlolisise kakuhle?

UEstere Wamela Abantu BakaThixo

Kufuna ukholo nesibindi ukuba nothando lokuzincama njengoEstere.

UEstere Wenza Ngobulumko, Ngenkalipho Nangokuzincama

UEstere wazincama njani ukuze kungenelwe uYehova nabantu bakhe?

Jesus’ Birth to the Death of the Apostles

UMariya—“Khangela! Ikhobokazana LikaYehova!”

Impendulo kaMariya kwingelosi uGabriyeli yabonisa ntoni ngokholo lwakhe? Ziziphi ezinye iimpawu ezintle awazibonisayo?

UMariya ‘Wazenzela Izigqibo Entliziyweni Yakhe’

Izinto ezenzeka kuMariya eBhetelehem zaluqinisa ukholo lwakhe kwizithembiso zikaYehova.

UMariya—Wanyamezela Ikrele Ebinzayo

Umzekelo kaMariya, unina kaYesu, unokukunceda unyamezele “ikrele elide” elibinzayo.

UYosefu Wakhusela, Walungiselela, Wazingisa

UYosefu wayikhusela njani intsapho yakhe? Kwakhutheni ukuze ase uMariya noYesu eYiputa?

UMarta—“Ndikholiwe”

UMarta walubonisa njani ukholo olomeleleyo nakubeni wayesentlungwini?

UPetros Walwa Noloyiko Lwakhe Nokuthandabuza

Singaphazanyiswa kakhulu kukuthandabuza. UPetros waloyisa uloyiko kunye namathandabuzo ngokulandela uYesu.

Wanyaniseka Xa Wayevavanywa

Ukholo nokuthembeka kukaPetros kwamnceda njani wakwazi ukulungiswa nguYesu?

Wafunda Ukuxolela Enkosini Yakhe

UYesu wamfundisa ntoni uPetros ngokuxolela? UYesu wambonisa njani uPetros ukuba umxolele?

“Mntwana Wam Oyintanda Nothembekileyo ENkosini”

Yintoni eyabangela ukuba uTimoti ayeke ukuba neentloni kodwa aba ngumKristu obalaseleyo ohambela amabandla?