Yiya kwinkcazelo

MATSHI 6, 2018
IINDABA ZASEHLABATHINI LONKE

Amangqina KaYehova Aqala Iphulo Elibakho Nyaka Ngamnye Lokukhumbula Ukufa KukaYesu Kristu

Amangqina KaYehova Aqala Iphulo Elibakho Nyaka Ngamnye Lokukhumbula Ukufa KukaYesu Kristu

NgoMatshi 3, 2018, amaNgqina KaYehova ehlabathini lonke aqala iphulo lokumema abantu kwiSidlo SeNkosi Sangokuhlwa esikwabizwa ngokuba siSikhumbuzo sokufa kukaYesu. Esi Sikhumbuzo sibalulekile kumaNgqina kaYehova, ibe ngoMatshi 31 amaNgqina akumazwe ayi-240 aza kubakho kwesi Sikhumbuzo. Esi simemo sikwamema abantu kwintetho ekhethekileyo enomxholo othi “Ngubani Kanye Kanye UYesu Kristu?” eza kunikelwa kwiveki kaMatshi 19.

UDavid A. Semonian, isithethi samaNgqina KaYehova, uthi: “KwiSikhumbuzo sika-2017 kuye kwakho abantu abayi-20 miliyoni ibe i-12 miliyoni yayingengomaNgqina. Esi Sikhumbuzo senziwa qho ngonyaka asibalulekanga kumaNgqina kuphela, kodwa sibalulekile nakwabanye abantu abazayo kuso. Eyona nto siyifunayo kukuba abamelwane bethu basifumane isimemo sokuya kwiSikhumbuzo kwindawo ekufutshane nabo.”

Ongaqhagamshelana Nabo:

EMerika: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000

EMzantsi Afrika: Mzamo Goloda, +27 11-761-1000