Yiya kwinkcazelo

FEBRUWARI 23, 2018
ERASHIYA

INkundla YaseOryol Ilandisile Ixesha Lokuvalelwa KukaDennis Christensen

INkundla YaseOryol Ilandisile Ixesha Lokuvalelwa KukaDennis Christensen

NgoFebruwari 22, 2018, ijaji uAleksey Rudnev, weNkundla Yesithili saseZheleznodorozhniy eOryol, yathi uDennis Christensen makagcinwe entolongweni kude kube ngoAgasti 1, 2018. UMnumzan’ uChristensen uvalelwe ngenxa yokukhonza kwinkonzo ekuthiwe iyingozi. Wabanjwa esenkonzweni xa amapolisa avele nje angena ngoMeyi 2017.

Ityala laqala ukuxoxwa ngoFebruwari 19, ngelo xesha ijaji ayizange izihoye ngoko nangoko izikhalazo ezazifakiwe. Kodwa ke, kwityala elalixoxwa ngoFebruwari 22, ijaji ayizange izamkele izikhalazo ezazifakwe ngamagqwetha kaMnumzan’ uChristensen ibe yalandisa ixesha lokuvalelwa kwakhe. Ityala lokwaphula umthetho liza ukuxoxwa ngoFebruwari 26 ngo-2:30 emva kwemini.

AmaNgqina KaYehova asehlabathini lonke ayixhalabele impilo kaMnumzan’ uChristensen ibe athandazela ukuba inkosikazi yakhe, uIrina ikwazi ukunyamezela ngoxa engekho umyeni wakhe ukuze amxhase. Sele iziinyanga ezisithoba evalelwe.