Yiya kwinkcazelo

UMzalwana Aleksandr Kalistratov

FEBRUWARI 20, 2023
ERASHIYA

“Xa UYehova Ekunye Nam, Ndiza Kusoloko Ndikhuselekile”

“Xa UYehova Ekunye Nam, Ndiza Kusoloko Ndikhuselekile”

Nge-17 kaFebruwari 2023, iNkundla yedoluphu i-Altai ekuthiwa yiGorno-Altayskiy igwebe umzalwana uAleksandr Kalistratov, yaza yathi uza kuvalelwa iminyaka eyi-6 enehafu. Kodwa akunyanzelekanga ukuba aye etrongweni okwangoku.

Ingxelo

Siqinisekile ukuba uYehova uza kuqhubeka ebamamela abakhonzi bakhe njengoko bethandaza kuye xa besentlungwini.—2 Samuweli 22:7.

Ixesha

  1. Ngo-2000

    Wabanjwa kuba engafuni ukuya emkhosini. Wabanjwa iintsuku eziyi-21 ngaphambi kokuba kuxoxwe ityala. Emva koko, enkundleni kwafunyaniswa ukuba akanatyala

  2. Ngo-2010

    Watyholwa ngokuba wenza umsebenzi oyingozi. Ityala lakhe laxoxwa kabini ibe lasiwa kwiNkundla Ephakamileyo YakwiRiphabliki yaseAltai, apho kwafunyaniswa ukuba akanatyala

  3. NgoDisemba 16, 2021

    Kuvulwa ityala

  4. NgoJanuwari 16, 2022

    Abasemagunyeni bagqogqa amakhaya amahlanu amaNgqina kaYehova aseAltai. Amapolisa e-FSB angena ngenkani kwikhaya lakwaKalistratov aze athatha uAleksandr ukuze ayokumbuza imibuzo. Wakhululwa kwangalo mini kwaza kwathiwa akavumelekanga ukuba aye kwenye indawo

  5. NgoAgasti 25, 2022

    Kuxoxwa ityala