Yiya kwinkcazelo

UMzalwan’ uPaulos Eyasu, uIsaac Mogos noNegede Teklemariam abavalelwa ejele ukuqala ngoSeptemba 17, 1994, basavalelwe nangoku.

SEPTEMBA 17, 2019
Eritrea

Iminyaka Eyi-25 Bevalelwe E-Eritrea

Iminyaka Eyi-25 Bevalelwe E-Eritrea

IEritrea yenye yeendawo apho amaNgqina KaYehova atshutshiswa kabuhlungu kakhulu kuzo. NgoSeptemba 17, 2019, uMzalwan’ uPaulos Eyasu, uIsaac Mogos, noNegede Teklemariam oko babevalelwe, sekuyiminyaka eyi-25 ngoku. Kukho nabanye abazalwana abayi-39 noodade abayi-10 abavalelweyo.

Bonke abazalwana noodade abavalelweyo abazange bachazelwe ukuba liyintoni ityala labo. Zange bakhe bavela nasenkundleni okanye bagwetywe. Abayazi nokuba baza kukhululwa nini. Abazalwana abane baye basweleka ngaphakathi ejele kanti abathathu basweleke emva kokuba bekhululwe ngenxa yeemeko ezimbi abazinyamezele xa babevalelwe.

Intshutshiso e-Eritrea yaqatsela ngo-Oktobha 25, 1994. Ngeloo xesha kwakumalunga nonyaka nenyanga ezintandathu i-Eritrea ingekho phantsi kwe-Ethiopia. Umongameli omtsha wathi amaNgqina KaYehova azalelwe e-Eritrea awajongwa njengabahlali bapha kuba nje bengagungqi elukholweni lwabo. Lo mongameli wade waxutha amanye amalungelo kumaNgqina, amalungelo afunyanwa ngumntu wonke. Ezinye izinto amaNgqina KaYehova angavunyelwa ukuba azenze, kukufumana yonke imfundo eqhelekileyo, ukuba neshishini okanye ukuphuma kwela lizwe.

Kutshanje, iintlangano ezaziwayo ezilwela amalungelo abantu ziyavuma ukuba iEritrea ikhethe ukungayihoyi imithetho yenkululeko avumelane ngayo amanye amazwe kuquka amatyala adibene namaNgqina KaYehova. Iye ayazikhathalela izinto ebizicetyiswe ngabantu abathethelela amalungelo abantu.

Funda inqaku elithi: “SPECIAL REPORT: The Persecution of Jehovah’s Witnesses in Eritrea”

Siza kuqhubeka sichazela abantu bakwarhulumente nabanye abasemagunyeni ngento eyenzeka e-Eritrea. Njengokuba abazalwana noodade benokholo olungagungqiyo futhi benesibindi nakuba betshutshiswa kabuhlungu, sithembele kuYehova kuba nguye ongumncedi wabo ‘neliwa lokubalekela.’​—INdumiso 94:22.