Yiya kwinkcazelo

Umcimi Womlilo Ongekho Msebenzini Usindis’ Ubomi

Umcimi Womlilo Ongekho Msebenzini Usindis’ Ubomi

NgeCawa, ngoJanuwari 5, 2014, uSerge Gerardin wathi ekhwele ibhasi esiya endibanweni yamaNgqina kaYehova wabona ingozi yemoto emanyumnyezi kufutshane naseParis, eFransi. Ubalisa athi: “Kukho imoto eye yabetheka kudonga olusecaleni kweblorho, ithe yakubetheka yabhabh’ emoyeni yavutha ngumlilo yaza yalala ngomqolo.”

USerge uneminyaka engaphezu kweyi-40 engumcimi-mlilo, yaye yakhawuleza yabonakala loo nto kuba wanceda ngoko nangoko. Ebalisa uthi: “Nangona ibhasi endandiyikhwele yayisiya kweliny’ icala, ndacela umqhubi ukuba amise, ndabaleka ndaya ngakule moto yayivuth’ amadangatye.” USerge weva abantu bekhwaza besithi “Ndincede! Ndincede!” Uthi: “Ndandinxibe ibhatyi neqhina, ndingenazo iimpahla zokuzikhusela. Kodwa ndathi ndakuva abantu bekhalel’ uncedo, ndaqonda ukuba ndimele ndenze okuthile!”

USerge wayijikeleza le moto waza wafumana omnye umfo othuke kanobom kodwa wamnceda wamsa kwindawo ekhuselekileyo. USerge uthi: “Lo mfo wathi kukho abanye abantu ababini kule moto. Kwakusele kumise iimoto eziliqela ngeli xesha, kodwa ngenxa yobushushu obunganyamezelekiyo namadangatye ayingozi, abantu babengakwazi ukunceda.”

Abaqhubi beelori beza nezicima-mlilo. USerge wabayalela ukuba bacime njani yaye okwethutyana imililo yacima. Kubonakala ukuba umqhubi wale moto itshayisileyo uye wacinezeleka phantsi kwayo. Ngoko uSerge nabanye ababekho bazama ukuyiphakamisa loo moto baza bamkhupha.

USerge uthi: “Sathi sisajongile, waphind’ umlilo wee dwangu!” Ingxaki eyayikho kukuba, kwakukho umntu owayengaphakathi kule moto. Kwafika omnye umfo ongumcimi-mlilo, naye engekho semsebenzini kodwa ezihambela ngesithuthuthu sakhe. USerge uqhubeka nebali: “Ndathi le moto iza kudubula, ngoko nangoko sayitsala ngengalo le ndoda.” Kwisithuba esingaphantsi komzuzu emva koko, imoto yadubula nyhani.

Ethubeni kwafika abacimi bomlilo nabezonyango, banceda amaxhoba bacima nomlilo. NoSerge wancedwa kumanxeba nakukutsha kwezandla zakhe. Njengoko ebuyela kwibhasi ebeyikhwele, kweza abantu baza bambulela.

USerge uvuyiswa yinto yokuba eye wakwazi ukunceda. Uthi: “Ndaziva ndinyanzelekile phambi koYehova, uThixo wam ukuba ndisindise ubomi babo bantu. Ndiziva ndanelisekile kuba ndiye ndabanceda.”