Yiya kwinkcazelo

Usukelo Lweentsuku Eziyi-60

Usukelo Lweentsuku Eziyi-60

NgoLwesihlanu, ngoJulayi 5, 2013, intsapho yaseBheteli eUnited States yavuya kakhulu yakuva isaziso esenziwa nguAnthony Morris weQumrhu Elilawulayo, esithi: “Kwenziwa isivumelwano sokuthengisa izakhiwo zethu ezintandathu ezise-117 Adams Street nase-90 Sands Street eBrooklyn. a Isivumelwano sithi wonke umntu okwisakhiwo sokuqala ukuya kwesesihlanu kufuneka abe sele efudukile kwiveki yesibini ka-Agasti walo nyaka.”

Kwakucacile ukuba lo yayiza kuba ngumsebenzi omkhulu. Ezi zakhiwo zihlanu zilingana namabala ebhola ayi-11! Kufanele kufudukwe kuzo kwisithuba seentsuku eziyi-60!

Kangangamashumi eminyaka, ezi zakhiwo zazisetyenziselwa umsebenzi wokuprinta ibe zinoomatshini bokudibanisa iincwadi, kodwa ngo-2004 aba matshini bafuduselwa kwindawo entsha eseWallkill, eNew York.

Ukususela ngoko, ezi zakhiwo ziye zasetyenziswa njengendawo yokugcina impahla yokwakha, ifanishala yeofisi nezinye izinto zaseUnited States namanye amazwe.

Ngaphambi kokuba kufudukwe, kwafuneka kucetywe kakuhle. Okokuqala, kwagqitywa ngezinto eziza kuthengiswa, eziza kulahlwa neziza kugcinwa. Kwakhona kwenziwa amalungiselelo ngendlela ekwakuza kwenziwa ngayo oku.

Intsapho yaseBheteli yasebenza nzima. Kwamenywa amaNgqina ayi-41 ukuze ancedise esuka eUnited States. Uninzi lwawo yayingabafana abangatshatanga. Bamkela isimemo sokuza kusebenza eBheteli isithuba esingangeeveki ezintandathu ukuya kweziyi-10 beshiya ngasemva iintsapho, abahlobo nemisebenzi yengqesho. Bathini ngalo msebenzi?

UJordan, ona-21 osuka eWashington uthi: “Ukuba bendisazi ukuba kunje, ngendasifaka kudala isicelo sam.”

USteven, ona-20, waseTexas uthi: “Ndiziva ndiyinxalenye yale ntsapho inkulu nesebenza nzima.”

UJustin, ona-23 uthi: “Ndiziva ndisekhaya. Abazalwana noodade abalapha banamava, ibe ndiyakuthanda ukusebenza nabo.”

UAdler, ona-20 wasePuerto Rico uthi: “Kunzima ukuvuka ekuseni kodwa into endivuyisayo yeyokuba ndizenzele abahlobo.”

UWilliam, ona-21 uthi: “IBheteli yayisoloko iliphupha lam ukususela ebutsheni. Bendicinga ndiza kufika ndibhideke ndibe nesithukuthezi, kodwa khange kube njalo. Andinakuyithelekisa nanto iBheteli! Andiziboni ndikweny’ indawo.”

Ngaba eli qela lamaNgqina belisenza lo msebenzi liwugqibe ngexesha? Ewe, ngeentsuku nje eziyi-55.

a Kuza kufudukwa ngonyaka ka-2017 kwisakhiwo esise-90 Sands Street.