IsiXhosa
Kutheni AmaNgqina KaYehova Engena Kumakhaya Ngamakhaya?
https://cms-imgp.jw-cdn.org/img/p/502012464/univ/art/502012464_univ_sqr_xl.jpg
ijwfq inqa. 1

Kutheni AmaNgqina KaYehova Eshumayela Kwizindlu Ngezindlu?

Kutheni AmaNgqina KaYehova Eshumayela Kwizindlu Ngezindlu?

UYesu waxelela abalandeli bakhe ukuba ‘benze abafundi abantu beentlanga zonke.’ (Mateyu 28:19, 20) Xa wathuma abafundi bakhe bokuqala, wabachazela ukuba baye kumakhaya abantu. (Mateyu 10:7, 11-13) Emva kokufa kukaYesu, amaKristu enkulungwane yokuqala aqhubeka eshumayela “esidlangalaleni nakwizindlu ngezindlu.” (IZenzo 5:42; 20:20) Thina silandela umzekelo waloo maKristu, kwaye umsebenzi wokushumayela kwindlu ngendlu siwubona uyeyona ndlela ifanelekileyo yokufikelela ebantwini.