Yiya kwinkcazelo

IBHAYIBHILE IYABUTSHINTSHA UBOMI BABANTU

Ubomi Bam Babusiya Bumoshakala, Ndandingayazi Nokuba Mandithini

Ubomi Bam Babusiya Bumoshakala, Ndandingayazi Nokuba Mandithini
  • Unyaka Wokuzalwa: 1971

  • Ilizwe: ETonga

  • Ubomi Bangaphambili: Wayesebenzisa iziyobisi, wakha wavalelwa ejele

INDLELA ENDANDIPHILA NGAYO

Ekhaya sisuka eTonga, ilizwe elikumzantsi-ntshona wePasifiki. Eli lizwe lineziqithi eziphantse zibe yi-170. Sasingenazinto zingako, singenambane okanye imoto. Kodwa sasinawo amanzi neenkukhu ezimbalwa. Ngeeholide zesikolo mna nabantwana basekhaya ababini sasidla ngokuncedisa utata kwifama yakhe xa elima iibhanana, iibhatata, itaro (isityalo sasekuhlaleni esinengcambu ezityiwayo) necassava. Utata wayethengisa ezi zityalo, emana ebamba nakweminye imisebenzi ukuze sikwazi ukufumana ukutya. Njengabantu abaninzi abakwiziqithi ezikwiPasifiki, nathi ekhaya sasiyihlonipha iBhayibhile, sisiya qho nasecaweni. Kodwa sasikholelwa ukuba ukuze ubomi bethu bube bhetele kufuneka siyokuhlala kwilizwe elinemali.

Xa ndandineminyaka eyi-16, umalume wathi mna nabantu basekhaya siza kuhlala eKhalifoniya, eMerika. Kwakungekho lula ukuqhelana nezinto ezenzeka eMerika. Indawo esasihlala kuyo yayibhetele kunale sasisuka kuyo kodwa yayigcwele iziyobisi nabantu abathanda umlo. Kwakusoloko kuvakala izithonga zemipu ebusuku ibe abamelwane bethu babesoyika iqela lemigulukudu. Abantu abaninzi babephatha imipu ukuze bazikhusele okanye balungise iingxabano. Nam ndakhe ndadutyulwa kwezo ngxabano.

Xa ndandikumabanga aphakamileyo, ndafuna ukufana nabanye abantwana. Ndaqalisa ukuhamba iipati ezingalawulekiyo, ndasela kakhulu, ndathanda umlo, ndasebenzisa neziyobisi. Ekuhambeni kwexesha, ndandingasakwazi ukuphila ngaphandle kwecocaine. Ukuze ndikwazi ukuthenga iziyobisi kwakufuneka ndibe. Abantu basekhaya babehamba icawa, kodwa mna zange kubekho kwanto indincedayo ukuba ndiyeke ukwenza izinto ezimbi. Ndandisoloko ndivalelwa ejele ngenxa yezinto ezimbi endandizenza. Ubomi bam babusiya bumoshakala, ndandingayazi nokuba mandithini. Ndaphelela ejele.

INDLELA IBHAYIBHILE EYABUTSHINTSHA NGAYO UBOMI BAM

Xa ndandilibanjwa ngo-1977, elinye ibanjwa labona ukuba ndiphethe iBhayibhile. Ngaloo mini yayiyiKrismesi, ibe amaTonga ayedla ngokuthi angcwele kakhulu xa iyiKrismesi. Labuza ukuba ndiyayazi na into ethethwa yiBhayibhile ngokuzalwa kukaKristu, kodwa ndabe ndingazi kwanto. Landibonisa into ethethwa yiBhayibhile ngokuzalwa kukaYesu, ndaza ndabona ukuba izinto ezininzi ezidla ngokwenziwa ngeKrismesi azikho eBhayibhileni. (Mateyu 2:1-12; Luka 2:5-14) Yandothusa le nto, ndazibuza ukuba yintoni enye iBhayibhile ethetha ngayo. Eli banjwa lalisiya kwiintlanganiso zamaNgqina KaYehova ezazibakho ejele, nam ndahamba nalo. Ndafika kuthethwa ngencwadi yeBhayibhile, iSityhilelo. Ndandingayiva kakuhle into eyayithethwa, kodwa ndaqaphela ukuba yonke into abayifundisayo isuka eBhayibhileni.

Ndavuya kakhulu xa amaNgqina afuna ukufunda nam iBhayibhile. Ndandiqala ukuva into ethethwa yiBhayibhile ngeparadesi eza kuba lapha emhlabeni. (Isaya 35:5-8) Ndatsho ndabona nokuba ukuze ndimvuyise uThixo kufuneka ndenze utshintsho ebomini bam. Wayengaz’ ukundivumela ukuba ndibe separadesi ukuba ndiqhubeka ndisenza izinto ezimbi. (1 Korinte 6:9, 10) Ngoko ndazama ukuyeka ukuba nomsindo, ukutshaya, ukusela kakhulu, nokusebenzisa iziyobisi.

Xa ndandisezokugqiba isigwebo sam ngo-1999, ndasiwa kwenye ijele. Kangangonyaka nangaphezulu, ndandingasadibani namaNgqina KaYehova. Kodwa andizange ndiyeke ukwenza utshintsho. Ngo-2000, urhulumente waseMerika wathi andisavumelekanga ukuba kwela lizwe, ngoko wandithumela eTonga.

Xa ndandiseTonga, ndakhangela amaNgqina, ndaza ndaphinda ndafunda nawo iBhayibhile. Ndandiyithanda into endandiyifunda ibe ndavuyiswa nakukubona ukuba namaNgqina alapho ayefundisa izinto awayezithatha eBhayibhileni njengawaseMerika.

Utata wayesaziwa ekuhlaleni kuba wayenesikhundla esiphezulu ecaweni yakhe. Ekuqaleni abantu basekhaya babengayithandi into yokuba ndifunda namaNgqina KaYehova futhi ibacaphukisa loo nto. Ekuhambeni kwexesha, abazali bam babona ukuba ukufunda iBhayibhile kuyandinceda ndiyeke ukwenza izinto ezimbi.

Njengamadoda amaninzi angamaTonga, ndandisela ikava kangangeeyure ezininzi qho ngeveki

Enye into eyayinzima kum, yayikukuyeka obunye utywala obabuselwa kakhulu ngabantu abangamaTonga. Qho ngeveki, amadoda amaninzi angamaTonga ayesela ikava, utywala obenziwe ngeengcambu zomthi wepepile. Nam ndaqalisa ukuya kwindawo ekuselwa kuyo ikava phantse yonke imihla. Ndandiyisela de ndibe ngathi ndiza kushiywa ziingqondo. Ingxaki yayikukuba ndandihlala nabantu ababengaphili ngemigaqo yeBhayibhile. Kodwa ke, ndaye ndancedwa ndabona ukuba indlela endiphila ngayo iyamkhathaza uThixo. Ndatshintsha ukuze ndimvuyise.

Ndaqalisa ukuya kuzo zonke iintlanganiso zamaNgqina KaYehova. Ukuba kunye nabantu abafuna ukuvuyisa uThixo kwandinceda ndayeka ukwenza izinto ezimbi. Ngo-2002, ndabhaptizwa, ndaliNgqina LikaYehova.

INDLELA ENDIYE NDANCEDAKALA NGAYO

Ndiye ndancedwa ngumonde kaYehova ekuthethwa ngawo eBhayibhile. Ithi: “UYehova . . . unomonde kuni ngenxa yokuba akanqweneli ukuba kutshabalale nabani na kodwa unqwenela ukuba bonke bafikelele enguqukweni.” (2 Petros 3:9) Ebenokuvele alitshabalalise eli hlabathi kodwa akayenzanga loo nto ngenxa yabantu abafana nam asafuna babe ngabahlobo bakhe. Ndicinga ukuba unokundisebenzisa nam ukuze ndincede nabanye babe ngabahlobo bakhe.

UYehova uye wandinceda ndayeka ukubumosha ubomi bam. Ngoku andibi izinto zabantu ukuze ndithenge iziyobisi. Endaweni yaloo nto, ndinceda abantu babe ngabahlobo bakaYehova. Njengokuba ndandisoloko ndikunye namanye amaNgqina KaYehova, ndadibana noTea oyinkosikazi yam. Sonwabile kunye nonyana wethu. Sifundisa abanye abantu ngento ethethwa yiBhayibhile ngokuphila eparadesi ngonaphakade.