Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INGOMA 21

Funani UBukumkani Kuqala

Funani UBukumkani Kuqala

(Mateyu 6:33)

  1. 1. UThixo usithembise,

    UBukumkani bakhe,

    Obuya kuzilungisa,

    Iimeko emhlabeni.

    (CHORUS)

    Funani uBukumkani

    Kunye nobulungisa.

    Masidumise uThixo,

    Simkhonze ngok’thembeka.

  2. 2. Masingaxhalel’ ingomso,

    ‘Ukuba sodla ntoni?’

    Masifun’ uBukumkani

    UThixo wosixhasa.

    (CHORUS)

    Funani uBukumkani

    Kunye nobulungisa.

    Masidumise uThixo,

    Simkhonze ngok’thembeka.

  3. 3. Ncokola ngoBukumkani,

    Uncede abanomdla

    Babeke ithemba labo

    Kubo uBukumkani.

    (CHORUS)

    Funani uBukumkani

    Kunye nobulungisa.

    Masidumise uThixo,

    Simkhonze ngok’thembeka.