Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INGOMA 14

Zukisani UKumkani Omtsha Womhlaba

Zukisani UKumkani Omtsha Womhlaba

(INdumiso 2:12)

  1. 1. UKristu nebandla lakhe

    labathanjisiweyo,

    Baye bahlanganisa

    isihlwele esikhulu.

    Ngoku uKrist’ umiselwe

    NjengoKumkani wabantu.

    Uza kuphumeza intando kaThixo

    Aph’ emhlabeni.

    (CHORUS)

    Zukisani uThixo noNyana wakhe

    OnguKumkani wooKumkani.

    Ngoku sonke sithobela yena

    Sohlala simdumisa.

  2. 2. Siyamzukisa uKristu

    onguKumkani wethu.

    Le Nkosana yoXolo

    yenza intando kaThixo.

    Ngoku sonke siyavuya

    Kuba siza kukhululwa

    Esonweni nasekufeni.

    Siphile eluxolweni!

    (CHORUS)

    Zukisani uThixo noNyana wakhe

    OnguKumkani wooKumkani.

    Ngoku sonke sithobela yena

    Sohlala simdumisa.