Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INGOMA 128

Masinyamezele Kuse Ekupheleni

Masinyamezele Kuse Ekupheleni

(Mateyu 24:13)

  1. 1. IZibhalo Ezingcwele

    Ziyasomeleza.

    Oko zikuthembisayo

    Kuza kuzaliseka.

    Qinisa ukholo lwakho

    Ufunde iZibhalo.

    Nyamezela ubunzima,

    Kuse ekupheleni.

  2. 2. Hlala uthanda uThixo

    Ungayekeleli.

    Xa kuvela izilingo

    Hlala unyamezela.

    Nokuba ulingwa njani

    UThixo woba nawe.

    Woqhubeka ekuxhasa,

    Aze akomeleze.

  3. 3. Abo banyamezelayo

    Baza kusindiswa.

    Baza kuphila phakade,

    Bahlale ngolonwabo.

    Ngoko masinyamezele

    Ukuze sisindiswe.

    UYehova wosinceda,

    Xa sithembele ngaye.