Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INGOMA 117

Uphawu Lokulunga

Uphawu Lokulunga

(2 Kronike 6:41)

  1. 1. Ulungile uYehova,

    Uyasisikelela.

    Usiphatha ngobubele

    Uhlala elungile.

    Unenceba nobabalo,

    Iimpawu zokulunga.

    Ufanelwe kukukhonzwa

    Ngabantu bakho bonke.

  2. 2. Ukulunga kwakho Thixo

    Sikubona kubantu

    Abaziphethe kakuhle,

    Nabashumayelayo.

    Ngokusifundisa kwakho,

    Siye siphumelele.

    Sicela umoya wakho

    Usikhokele sonke.

  3. 3. Masibonis’ ukulunga

    Kubazalwana bethu.

    Kodwa masiphathe bonke

    Abantu ngokulunga.

    Entsatsheni, ebandleni

    Naselumelwaneni,

    Mas’bonise kubo bonke

    Uphawu lokulunga.