Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 19

Ngubani Ikhoboka Elithembekileyo Neliyingqondi?

Ngubani Ikhoboka Elithembekileyo Neliyingqondi?

Sonke siyangenelwa ekutyeni kokomoya esikufumanayo

Kanye ngaphambi kokufa kwakhe, uYesu wabizela abafundi bakhe abane ecaleni—uPetros, uYakobi, uYohane noAndreya. Njengoko uYesu wayebaxelela ngomqondiso wobukho bakhe owawuza kubonakala ngexesha lesiphelo, wabuza lo mbuzo ubalulekileyo: “Ngubani ngokwenene olikhoboka elithembekileyo neliyingqondi ethe inkosi yalo yalimisela phezu kwempahla yendlu yayo, ukuze liyinike ukutya kwayo ngexesha elifanelekileyo?” (Mateyu 24:3, 45; Marko 13:3, 4) UYesu waqinisekisa abafundi bakhe ukuba ‘njengeNkosi’ yabo, wayeza kumisela abo babeza kunika abalandeli bakhe ukutya kokomoya ngexesha lesiphelo. Ngoobani ababeza kubumba eli khoboka?

Ngabalandeli bakaYesu abathanjiswe ngomoya. Eli “khoboka” lichazwa ngokuba liQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova. Linika abakhonzi bakaYehova ukutya kokomoya ngexesha elifanelekileyo. Sixhomekeke kweli khoboka lithembekileyo ukuze siqhubeke sifumana ‘umlinganiselo wokutya ngexesha elifanelekileyo.’—Luka 12:42.

Lalathisa indlu kaThixo. (1 Timoti 3:15) UYesu wanika ikhoboka imbopheleleko yokukhokela umsebenzi wenxalenye esemhlabeni yentlangano kaYehova—lunyamekele impahla yayo, lwalathise umsebenzi wokushumayela luze luqinisekise ukuba siyafundiswa emabandleni. Ngoko ukuze lisinike ukutya okufunekayo ngexesha ekufuneka ngalo, “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” lisasaza ukutya kokomoya lisebenzisa iimpapasho esishumayela ngazo nocwangciso esilufumana emabandleni nakwiindibano.

Ikhoboka lithembekile kwiinyaniso zeBhayibhile nakuthumo lwalo lokushumayela iindaba ezilungileyo, yaye liyingqondi kwindlela elizinyamekela ngayo izinto ezifunwa nguKristu emhlabeni. (IZenzo 10:42) UYehova usikelela umsebenzi walo ngentabalala yokutya kokomoya.—Isaya 60:22; 65:13.

  • Ngubani owamiselwa nguYesu ukuze ondle abafundi bakhe ngokomoya?

  • Ikhoboka lithembekile yaye liyingqondi ngaziphi iindlela?